KwabaseRoma 12:1-21
12 Ngoko ke, ngenxa yokuba uThixo enenceba, ndiyanicela bazalwana ukuba ninikele ngemizimba yenu+ ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele+ naza kuyamkela uThixo. Ngaloo ndlela niza kuba nikhonza uThixo nisebenzisa ingqondo.+
2 Yekani ukulinganisa izinto zeli hlabathi, kodwa guqukani ngokutshintsha indlela enicinga ngayo,+ ukuze nizibonele ngokwenu+ ukuthanda kukaThixo afuna sikwenze, okulungileyo, okwamkelekileyo kuye nokugqibeleleyo.
3 Ngenxa yobubele uThixo* andenzele bona, ndithi kuni ngamnye wenu makangazicingeli kakhulu,+ kodwa makacinge ngendlela ebonisa ukuba uyisebenzisa kakuhle ingqondo, kuba nguThixo oncede ngamnye wenu wanokholo.+
4 Ekubeni umzimba omnye unamalungu amaninzi,+ kodwa abe engenzi msebenzi ufanayo,
5 nathi ke, nangona sibaninzi, singumzimba omnye omanyene noKristu, kodwa lungu ngalinye lixhomekeke kwelinye.+
6 Ngobubele bakhe,*+ uThixo akasinikanga iziphiwo ezifanayo, ngoko ukuba umntu unesiphiwo sokuprofeta, makaprofete ngokokholo lwakhe;
7 onesiphiwo sokunceda abanye, makabancede; onesiphiwo sokufundisa, makafundise;+
8 onesiphiwo sokukhuthaza* abanye, makabakhuthaze;+ onesiphiwo sokwaba, makayenze loo nto engavimbi;+ onesiphiwo sokukhokela, makayikhuthalele loo nto;+ onesiphiwo sokuba nenceba, makayenze loo nto ngentliziyo yakhe yonke.+
9 Thandanani ngokusuka entliziyweni.*+ Kwenyanyeni ukwenza izinto ezimbi,+ nizimisele ukwenza izinto ezilungileyo.
10 Thandanani ngendlela abathandana ngayo abantu abazalwa kunye. Mntu ngamnye makabe ngowokuqala ukuhlonipha omnye.+
11 Khuthalani, ningabi ngamavila.+ Wuvumeleni umoya oyingcwele unenze nitshiseke.+ Yibani ngamakhoboka kaYehova.*+
12 Vuyani ngenxa yokuba ninethemba. Nyamezelani xa nisebunzimeni.+ Hlalani nithandaza.+
13 Bancedeni ngezinto abazidingayo abo bangcwele.+ Hlalani nibenzela ububele abanye abantu.+
14 Qhubekani nimcela uThixo abasikelele abo banitshutshisayo;+ sikelelani, ningaqalekisi.+
15 Vuyani nabantu abavuyayo, nize nilile nabantu abalilayo.
16 Bajongeni ngendlela enizijonga ngayo abanye abantu, sanukuleqa izinto eziphezulu, kodwa thandani izinto eziphantsi.+ Sanukuzibona nizizilumko.+
17 Sanukuphindisa ububi ngobubi nakubani na.+ Yenzani izinto ezintle emehlweni abantu bonke.
18 Zamani kangangoko ninako ukuba seluxolweni nabantu bonke.+
19 Sanukuziphindezela, bazalwana bam, kodwa yekani ibe nguThixo oba nomsindo,+ kuba kubhaliwe kwathiwa: Uthi uYehova,* “Ndim ophindisayo, ndim obuyekezayo.”+
20 Kodwa “ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; ukuba lunxaniwe, lunike into yokusela; kuba xa usenza loo nto uya kuba ufumba amalahle avuthayo phezu kwentloko yalo.”*+
21 Sukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokwenza izinto ezilungileyo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “yobubele obungasifanelanga.”
^ Okanye “Ngobubele bakhe obungasifanelanga.”
^ Okanye “sokulumkisa.”
^ Ngokoqobo, “Uthando lwenu malungabi naluhanahaniso.”
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Oko kukuthi, ukuze ulwenze luthambe.