KwabaseRoma 16:1-27

  • UPawulos wazisa uFibhi (1, 2)

  • Ubulisa amaKristu aseRoma (3-16)

  • Kulunyukiswa ngezinto eziqhekeza ibandla (17-20)

  • Abantu abasebenza noPawulos bayabulisa (21-24)

  • Ngoku iyaziwa imfihlelo engcwele (25-27)

16  Ndazisa kuni uFibhi udadewethu, okwibandla laseKenkreya,+  ukuze nimamkele ngendlela efanele abangcwele ekubeni naye engumlandeli weNkosi, nokuze nimncede ngayo nantoni na ayidingayo,+ kuba naye uncede abazalwana abaninzi, nditsho nam lo.  Ndibuliseleni kuPriska noAkwila,+ abamanyene nam ekusebenzeleni uKristu Yesu,  nabaye babeka ubomi babo* esichengeni ngenxa yam.+ Ayindim kuphela obabulelayo, kodwa babulelwa nangawo onke amabandla eentlanga.  Ndibuliseleni nakwibandla elingenela endlini yabo.+ Ndibuliseleni kuEpeneto endimthandayo, ongomnye wabalandeli bokuqala bakaKristu eAsiya.  Ndibuliseleni kuMariya, oye wasebenza nzima ngenxa yenu.  Ndibuliseleni kuAndroniko noYuniya, izalamane zam+ endandikunye nazo ejele, amadoda aziwayo ngabapostile nasele enexesha elide kunam emanyene noKristu.  Ndibuliseleni kuAmpliyato endimthandayo, nongumlandeli weNkosi.  Ndibuliseleni ku-Urbhano, esisebenzela uKristu kunye naye, nakuStaki endimthandayo. 10  Ndibuliseleni kuApele, othandwayo nguKristu. Ndibuliseleni kwabo bahlala kwindlu ka-Aristobhulo. 11  Ndibuliseleni kuHerodiyon isalamane sam. Ndibuliseleni kwabo bahlala kwindlu kaNarkiso, abangabalandeli beNkosi. 12  Ndibuliseleni kuTrifena noTrifosa, abafazi abayisebenzela nzima iNkosi. Ndibuliseleni kuPersi esimthandayo, kuba uyisebenzele nzima iNkosi. 13  Ndibuliseleni kuRufo, okhethiweyo yiNkosi, nindibulisele nakumama wakhe ofana nokuba ngumama nakum. 14  Ndibuliseleni kuAsinkrito, kuFilegon, kuHermes, kuPatrobha, kuHerma nakubazalwana abakunye nabo. 15  Ndibuliseleni kuFilologo nakuYuliya, kuNereyo nakudadewabo, kuOlimpa nakubo bonke abo bangcwele bakunye nabo. 16  Bulisanani nize niphuzane.* Onke amabandla kaKristu ayanibulisa. 17  Ngoku ndiyanicela bazalwana, ukuba nibagade abantu abaliqhekezayo ibandla nabalikhubekisayo, zinto ezo eziphikisanayo nemfundiso eniyifumeneyo, nize nibaphephe.+ 18  Kuba abantu abanjalo abangomakhoboka eNkosi yethu uKristu, kodwa ngamakhoboka ezisu zabo. Bathetha kamnandi bencoma baze bazilahlekise iintliziyo zabo bangalumkanga. 19  Kuba bonke abantu bayibonile indlela enithobela ngayo, yaye iyandivuyisa loo nto. Kodwa ndifuna nibe zizilumko, nizazi izinto ezilungileyo, kodwa nibe msulwa ekwenzeni izinto ezimbi.+ 20  Kungekudala uThixo onika uxolo uza kumtyumza uSathana+ phantsi kweenyawo zenu. Kwanga iNkosi yethu uYesu inganenzela ububele.* 21  Uyabulisa uTimoti endisebenza naye. Uyabulisa uLukiyo, uYason noSosipatro izalamane zam.+ 22  Mna Tertiyo obhale le leta, ndiyanibulisa egameni leNkosi. 23  Uyabulisa uGayo,+ endilundwendwe lwakhe mna nalo lonke ibandla. Uyabulisa uErasto, umgcini-mali wesixeko,* noKwarto umntakwabo. 24  *—— 25  Iindaba ezilungileyo endizishumayela kuni nomyalezo ongoYesu Kristu, bubungqina bokuba uThixo unako ukunenza nomelele. Ezi ndaba zinento yokwenza nemfihlelo engcwele+ ayityhilileyo uThixo. Le mfihlelo kudala ikho, 26  kodwa ngoku iye yatyhilwa ezintlangeni kusetyenziswa iZibhalo zesiprofeto. Lowo ibingumyalelo kaThixo ohlala ekho ngonaphakade, ukuze zonke iintlanga zibe nokholo zize zimthobele. 27  UThixo, onguye yedwa osisilumko,+ makazukiswe ngonaphakade ngenxa kaYesu Kristu. Amen.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “iintamo zabo.”
Ngokoqobo, “niphuzane ngendlela engcwele.” Ukuphuza umKristu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “igosa lesixeko.”