Yeremiya 1:1-19

  • UYeremiya ukhethwa ukuba abe ngumprofeti (1-10)

  • Umbono womthi wom-amangile (11, 12)

  • Umbono wembiza (13-16)

  • UYeremiya womelezelwa umsebenzi wakhe (17-19)

1  La ngamazwi kaYeremiya* unyana kaHilekiya, omnye wababingeleli baseAnatoti+ kwilizwe lakwaBhenjamin.  Ilizwi likaYehova lafika kuye ngemihla kaYosiya+ unyana ka-Amon,+ ukumkani wakwaYuda, ngonyaka we-13 wokulawula kwakhe.  Lafika nangemihla kaYehoyakim+ unyana kaYosiya ukumkani wakwaYuda, de kwasekupheleni konyaka we-11 kaZedekiya+ unyana kaYosiya ukumkani wakwaYuda. Laqhubeka lifika de kwathinjwa iYerusalem ngenyanga yesihlanu.+  Ilizwi likaYehova lafika kum, lisithi:   “Ndakwazi* ngaphambi kokuba ndikubumbe esiswini,+Ndakukhethela ukwenza umsebenzi ongcwele ngaphambi kokuba uzalwe.*+ Ndakwenza umprofeti ezintlangeni.”   Kodwa ndathi: “Awu, Nkosi enguMongami Yehova! Andikwazi kuthetha,+ kuba ndiyinkwenkwe nje.”*+   UYehova wathi kum: “Sukuthi, ‘Ndiyinkwenkwe nje.’ Kuba umele uye kubo bonke abantu endikuthuma kubo,Uthethe yonke into endikuyalela yona.+   Sukoyika indlela ababonakala ngayo,+Kuba ‘ndinawe ukuze ndikusindise,’+ utsho uYehova.”  Emva koko, uYehova wolula isandla sakhe wachukumisa umlomo wam.+ UYehova waphinda wathi: “Amazwi am ndiwabeke emlonyeni wakho.+ 10  Uyabona, ndikunika igunya namhlanje lokuba ube phezu kweentlanga naphezu kwezizwe, ukuba uncothule yaye udilize, utshabalalise yaye uchithe, wakhe yaye utyale.”+ 11  Laphinda lafika kum ilizwi likaYehova lisithi: “Ubona ntoni Yeremiya?” Mna ndathi: “Ndibona isebe lomthi wom-amangile.”* 12  UYehova wathi kum: “Ubone kakuhle, kuba ndihlala ndithe qwa ukuze ndiyenze into endiyithethileyo.” 13  Ilizwi likaYehova lafika okwesibini kum lisithi: “Ubona ntoni?” Mna ndathi: “Ndibona imbiza* ebilayo* esemlilweni, ibe umlomo wayo ufulathele elasemntla.” 14  UYehova wathi kum: “Intlekele iza kuphuma emntlaIze kubo bonke abemi belizwe.+ 15  ‘Kuba ndibiza zonke iintsapho zezizwe zasemntla,’ utsho uYehova,+‘Ibe ziza kuza; ngasinye sazo siza kubeka itrone yasoEzigeyithini zaseYerusalem,+Zihlasele zonke iindonga zayo, macala onkeNazo zonke izixeko zakwaYuda.+ 16  Ndiza kubagweba ngenxa yabo bonke ububi babo,Kuba bandishiyile,+Yaye baqhumisa imibingelelo kwabanye oothixo+Ibe baqubuda kwizinto abazenze ngezandla zabo.’+ 17  Wena ke ufanele ulungele umsebenzi,*Yaye umele uphakame uze uthethe kubo yonke into endikuyalela yona. Sukungcangcazela ngenxa yabo,+Ukuze ndingakoyikisi phambi kwabo. 18  Kuba namhlanje ndikwenze isixeko esikhuselekileyo,Intsika yentsimbi neendonga zekopolo ukuze umelane nelizwe lonke,+Ookumkani bakwaYuda, iinkosana zelizwe,Ababingeleli belizwe nabantu balo.+ 19  Nakanjani na baza kulwa nawe,Kodwa abazukukoyisa,Kuba ‘ndinawe,+ ukuze ndikusindise,’” utsho uYehova.

Umbhalo osemazantsi

Ekusenokwenzeka uthetha ukuthi “UYehova Uyaphakamisa.”
Okanye “Ndakukhetha.”
Ngokoqobo, “ngaphambi kokuba uphume esibelekweni.”
Okanye “ndisemncinci.”
Ngokoqobo, “isebe lomthi okwenza uthi qwa.”
Okanye “imbiza enomlomo omkhulu.”
Ngokoqobo, “evuthelwayo,” nto leyo ebonisa umlilo ophenjwayo.
Ngokoqobo, “ubhinqe esinqeni sakho.”