Yeremiya 14:1-22

  • Imbalela, indlala nekrele (1-12)

  • Kugwetywa abaprofeti bobuxoki (13-18)

  • UYeremiya uvuma izono zabantu (19-22)

14  Nali ilizwi likaYehova elafika kuYeremiya lithetha ngembalela:+   UYuda uzilile,+ neegeyithi zakhe zinyamalele. Zitshona emhlabeni zidangele,Nesikhalo siyenyuka siye eYerusalem.   Neenkosi zabo zithuma izicaka zazo amanzi. Ziya emithonjeni zize zingawafumani. Zibuya neengqayi zingenanto. Zihlazekile yaye zidanile.Futhi zogqume iintloko zazo.   Kuba umhlaba uqhekekaNgenxa yokungabikho kwemvula elizweni,+Abalimi bathe xhungu ibe bogqume neentloko zabo.   Kwanexhamakazi endle lilizala lize lilishiye itakane lalo,Kuba kungekho ngca.   Amaqwarhashe ema ezindulini ezomileyo. Akhefuzela oku koodyakalashe;Amehlo awo ayaphelelwa ngenxa yokukhangela izityalo ezingekhoyo.+   Nangona izono zethu zingasithetheleli,Sincede ngenxa yegama lakho,+ yhini Yehova. Kuba siye asathembeka kaninzi,+Ibe nguwe esimonileyo.   Owu themba likaSirayeli, Msindisi wakhe+ ngexesha lentlungu,Kutheni ufana nomntu ongaziwayo elizweni,Njengomhambi ochitha nje ubusuku obunye?   Kutheni unjengomntu owothukileyo,Njengendoda enamandla engakwazi kusindisa? Kuba uphakathi kwethu Yehova,+Ibe sibizwa ngegama lakho.+ Sukusilahla. 10  Uthi uYehova ngesi sizwana: “Sithanda ukubhadula;+ asizibambanga iinyawo zaso.+ Ngoko uYehova akasithandi.+ Ngoku uza kukhumbula isono saso, asiphendulise ngezono zaso.”+ 11  Wathi uYehova kum: “Sukuthandazela ukuba silungelwe esi sizwana.+ 12  Xa sizila ukutya, andikumameli ukundicenga kwaso,+ naxa sinikela umnikelo otshiswa ngokupheleleyo nomnikelo wokutya, andisithandi,+ kuba ndiza kusitshayela ngekrele, ngendlala nangesifo esingubhubhani.”+ 13  Ndathi ke mna: “Owu, Nkosi enguMongami Yehova! Abaprofeti bathi kubo, ‘Anizukulibona ikrele, ibe anizukufunyanwa yindlala, kodwa ndiza kuninika uxolo lokwenene kule ndawo.’”+ 14  Wathi uYehova kum: “Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam.+ Andikhange ndibathume, ndingakhange ndibayalele okanye ndithethe nabo.+ Baniprofetela umbono wobuxoki, ukuvumisa okungento yanto nenkohliso yentliziyo yabo.+ 15  UYehova uthi ngaba baprofeti baprofeta egameni lam, ndingabathumanga, nabathi akukho krele okanye ndlala eza kubakho kweli lizwe: ‘Baza kutshabalala ngekrele nendlala abo baprofeti.+ 16  Nabantu ababaprofetelayo baza kuphoselwa phandle ezitratweni zaseYerusalem, ngenxa yendlala nekrele, kungekho mntu wokubangcwaba,+ bona, abafazi babo, oonyana babo neentombi zabo, kuba ndiza kubazisela intlekele ebafaneleyo.’+ 17  “Umele uthethe eli lizwi kubo,‘Amehlo am mawakhuphe iinyembezi imini nobusuku, mawangayeki,+Kuba intombi yabantu bam engazange yalala nandoda ityunyuzwe yaza yaphulwa ngokupheleleyo,+Inenxeba elikhulu. 18  Ukuba ndiyaphuma ndiye endle ndize ndijonge,Ndibona abo babulewe ngekrele!+ Kwaye ukuba ndingena esixekweni,Ndibona izifo ezibangelwa yindlala!+ Kuba umprofeti kunye nombingeleli bajikeleze ilizwe abangalaziyo.’”+ 19  Umlahle ngokupheleleyo na uYuda, okanye uyayenyanya na iZiyon?+ Kutheni usibethe sada asabi nakuphiliswa?+ Besinethemba loxolo, kodwa akukho nto intle izileyo,Besinethemba lokuba siza kuphiliswa, kodwa siyoyika!+ 20  Siyabuvuma ububi bethu, owu Yehova,Nesiphoso sookhokho ­bethu,Kuba sikonile.+ 21  Sukusilahla, ngenxa yegama lakho;+Sukungayifuni itrone yakho ezukileyo. Sikhumbule, ungasophuli isivumelwano osenze ­nathi.+ 22  Ngaba sikho kwezi zithixo zingancedi nganto esinganisela iintlanga imvula,Okanye amazulu angazinisela ngokwawo izantyalantyala zemvula? Ayinguwe wedwa na, owu Yehova Thixo wethu?+Sithembele kuwe, Kuba nguwe wedwa owenze ezi zinto.

Umbhalo osemazantsi