Yeremiya 16:1-21

  • UYeremiya akazukutshata, azile okanye aye ethekweni (1-9)

  • Bayohlwaywa baze babuyiselwe (10-21)

16  Laphinda lafika kum ilizwi likaYehova lisithi:  “Uze ungazithatheli mfazi, yaye ungabi nanyana nazintombi kule ndawo.  Kuba uthi uYehova ngoonyana nangeentombi ezizalelwa kule ndawo, ngoomama nangootata ababazeleyo kweli lizwe:  ‘Baza kubulawa zizifo,+ kodwa akukho mntu uza kubazilela okanye abangcwabe; baza kuba njengomgquba phezu komhlaba.+ Baza kubulawa likrele nayindlala,+ izidumbu zabo zibe kukutya kweentaka zamazulu namarhamncwa omhlaba.’   Kuba uthi uYehova,‘Sukungena endlini enetheko labazilileyo,Ungayokwenza sijwili okanye uvelane nabo.’+ ‘Kuba ndiluthathile uxolo lwam kwesi sizwana,’ utsho uYehova,‘Uthando lwam olungagungqiyo nenceba yam.+   Kuza kufa abakhulu nabancinci kweli lizwe. Abazukungcwatywa,Akukho mntu uza kubazilela,Kungekho nabani na oza kuzisika okanye achebe inkqayi ngenxa yabo.*   Yaye akukho mntu uza kubanika kutya abo bazilileyo,Ukuze abathuthuzele kuba bebhujelwe;Akukho namntu uza kubanika ndebe yantuthuzeloUkuze basele ngenxa yokuswelekelwa ngutata okanye ngumama.   Ungangeni endlini yesidloUhlale phantsi, utye uze usele nabo.’  “Kuba uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ‘Apha kule ndawo, ngemihla yenu naphambi kwamehlo enu, ndiza kusiphelisa isandi sokugcoba nesemihlali, ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi.’+ 10  “Xa uxelela esi sizwana onke la mazwi, siza kuthi kuwe, ‘Kutheni uYehova esithi uza kusizisela yonke le ntlekele inkulu kangaka? Sisiphi isiphoso nesono esisenzileyo kuYehova uThixo wethu?’+ 11  Uze uthi kuso, ‘“Kungenxa yokuba ookhokho benu bandishiya,”+ utsho uYehova, “baqhubeka belandela abanye oothixo, babakhonza baza baqubuda kubo.+ Kodwa mna bandishiya, nomthetho wam abazange bawuthobele.+ 12  Nina nenze okubi ngakumbi kunookhokho benu,+ yaye endaweni yokundithobela, ngamnye wenu ulandela intliziyo yakhe embi neneenkani.+ 13  Ndiza kuniphosela ngaphandle kweli lizwe, niye kwilizwe eningalaziyo nina nookhokho benu,+ apho kuza kufuneka nikhonze abanye oothixo imini nobusuku,+ kuba andizukunenzela bubele.”’ 14  “‘Kodwa ke kuza imihla,’ utsho uYehova, ‘ekungazukuba sathiwa: “Ephila nje uYehova, owakhupha amaSirayeli kwilizwe laseYiputa!”+ 15  kodwa kuthiwe: “Ephila nje uYehova, owakhupha amaSirayeli kwilizwe lasemntla nakuwo onke amazwe awayewasasazele kuwo!” ibe ndiza kuwabuyisela kwilizwe lawo, endalinika ookhokho bawo.’+ 16  ‘Ndithumela ukuba kubizwe abalobi abaninzi,’ utsho uYehova,‘Baze bawalobe. Emva koko ndiza kuthumela ukuba kubizwe abazingeli abaninzi,Bawazingele kuzo zonke iintaba nakuzo zonke iinduliNakwiimfanta zamawa. 17  Kuba ndiyazibona zonke izinto azenzayo.* Ebengafihlekanga kum,Nesono sawo besingafihlekanga kum. 18  Okokuqala, ndiza kuwabhatalisa ngokupheleleyo ngenxa yesiphoso sawo nesono sawo,+Kuba aye alingcolisa ilizwe lam ngezithixo zawo ezingaphiliyo*Aza agcwalisa ilifa lam ngezinto zawo ezenyanyekayo.’”+ 19  Owu Yehova mandla am nekhusi lam,Nendawo yam yokubalekela ngemini yobunzima,+Iintlanga ziza kuza kuwe zivela kwezona ndawo zikude emhlabeni,Ziza kuthi: “Ookhokho bethu bafumana izinto ezibubuxoki ngokupheleleyo,Ezingeyonto nezingancedi nganto.”+ 20  Ngaba umntu unokuzenzela oothixoEkubeni nyhani bengengabo oothixo?+ 21  “Ndiza kubenza bazi,Ngeli xesha ndiza kubenza bawazi amandla am nobukhulu bam,Ibe kuza kufuneka bazi ukuba igama lam nguYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Kubonakala ukuba le yayiyindlela yokuzila yabahedeni eyayisetyenziswa ngamaSirayeli awexukileyo.
Ngokoqobo, “iindlela zawo.”
Ngokoqobo, “ngezidumbu.”