Yeremiya 17:1-27

  • Isono sikaYuda sibhaliwe (1-4)

  • Iintsikelelo zokuthembela ngoYehova (5-8)

  • Intliziyo enamaqhinga (9-11)

  • UYehova, ithemba likaSirayeli (12, 13)

  • Umthandazo kaYeremiya (14-18)

  • Ukugcina iSabatha ingcwele (19-27)

17  “Isono sikaYuda sibhalwe phantsi ngosiba lwentsimbi. Sibhalwe elucwecweni lwentliziyo yabo ngentloko yedayimani,Nasezimpondweni zezibingelelo zabo,   Ngoxa oonyana babo bezikhumbula izibingelelo zabo nezibonda zabo ezingcwele*+Ecaleni komthi oluhlaza, phezu kweenduli eziphakamileyo,+   Ezintabeni endle. Ubuncwane bakho, bonke ubutyebi bakho, ndiza kubunikela ukuba boxuthwe,+Neendawo zakho eziphakamileyo, ngenxa yesono esikuyo yonke imimandla yakho.+   Uza kulilahla ngokuzithandela ilifa endakunika lona.+ Kwaye ndiza kukwenza usebenzele iintshaba zakho kwilizwe ongalaziyo,+Kuba uye waphemba umsindo wam njengomlilo.*+ Uza kuvutha ngonaphakade.”   Uthi uYehova: “Iqalekisiwe indoda* ethembela emntwini,+Exhomekeke emandleni omntu,+Nenentliziyo emfulathelayo uYehova.   Iza kuba njengomthi omi wodwa entlango. Ayizukubona xa kufika okulungileyo,Iza kuhlala ezindaweni ezomileyo entlango,Kwilizwe letyiwa elingenakuhlala mntu.   Isikelelekile indoda* ebeka ithemba layo kuYehova,Ethembela ngoYehova.+   Iza kuba njengomthi otyalwe ngasemanzini,Othumela iingcambu zawo emfuleni. Ayizukukuva ukuza kobushushu,Kodwa amagqabi ayo aza kutyatyamba.+ Ngonyaka wembalela ayizukuba naxhala,Ingazukuyeka nokuvelisa isiqhamo.   Intliziyo inamaqhinga* kunayo nantoni na, ibe iyatyhudisa.*+ Ngubani na onokuyazi? 10  Mna, Yehova, ndigocagoca intliziyo,+Ndihlolisisa ezona ngcinga zinzulu,*Ukuze ndinike ngamnye ngokweendlela zakhe,Ngokwesiqhamo sezenzo zakhe.+ 11  Unjengesakhwatsha esifukama amaqanda angengowaso,Umntu ofumana ubutyebi ngondlela-mnyama.*+ Buza kumshiya phakathi ebomini,Ibe ekugqibeleni uza kubonakala engenangqondo.” 12  Iyitrone ezukileyo, eyaphakanyiswa kwasekuqaleni;Indawo yethu engcwele.+ 13  Yhini Yehova, themba likaSirayeli,Baza kuhlaziswa bonke abo bakushiyayo. Abo bawexukayo kuwe* baza kubhalwa phantsi eluthulini,+Kuba bamlahlile uYehova, umthombo wamanzi aphilayo.+ 14  Ndiphilise, owu Yehova, ibe ndiza kuphila. Ndisindise, ibe ndiza kusinda,+Kuba nguwe endimdumisayo. 15  Jonga! Kukho abathi kum: “Liphi ilizwi likaYehova?+ Malincede lize!” 16  Kodwa mna khange ndibaleke kuba ndingafuni ukukulandela njengomalusi,Ndingakhange ndifune imini yentlekele. Uyazi kakuhle yonke into ethethwe yimilebe yam;Konke kwenzeke phambi kwakho! 17  Sukundoyikisa. Uyindawo yam yokubalekela ngemini yentlekele. 18  Mabahlaziswe abanditshutshisayo,+Kodwa ungavumi ukuba mna ndihlaziswe. Maboyike kakhulu,Kodwa mna mandingoyiki kakhulu. Bazisele umhla wentlekele,+Ubacole uze ubatshabalalise ngokupheleleyo.* 19  Uthe kum uYehova: “Hamba, uyokuma egeyithini yoonyana babantu abangena nabaphuma ngayo ookumkani bakwaYuda, nakuzo zonke iigeyithi zaseYerusalem.+ 20  Umele uthi kubo, ‘Yivani ilizwi likaYehova, nina bookumkani bakwaYuda, nani nonke bantu bakwaYuda, abahlala eYerusalem, abangena ngezi geyithi. 21  Uthi uYehova: “Lumkani, nize ningathwali nawuphi na umthwalo ngomhla weSabatha okanye niwungenise ezigeyithini zaseYerusalem.+ 22  Nimele ningakhuphi mthwalo ezindlini zenu ngemini yeSabatha, ningaphathi nawuphi na umsebenzi.+ Nimele niwugcine ungcwele umhla weSabatha, njengokuba ndayalela ookhokho benu.+ 23  Kodwa abakhange bamamele okanye bavule ndlebe, yaye ngenkani khange bafune ukuthobela* okanye bamkele ingqeqesho.”’+ 24  “‘“Kothi ke, ukuba nindithobele nyhani,” utsho uYehova, “nize ningangenisi mthwalo ngeegeyithi zesi sixeko ngomhla weSabatha, nawenza ngcwele umhla weSabatha ngokungenzi nawuphi na umsebenzi ngawo,+ 25  ookumkani neenkosana ezihlala etroneni kaDavide+ baza kungena ngeegeyithi zesi sixeko, bekhwele enqwelweni nasemahasheni, bona neenkosana zabo, amadoda akwaYuda nabemi baseYerusalem;+ yaye esi sixeko siza kuba nabantu ngonaphakade. 26  Abantu baza kuza bevela kwizixeko zakwaYuda, kwiindawo ezikufutshane neYerusalem, kwilizwe lakwaBhenjamin,+ kwimimandla esemathafeni,+ kwimimandla esezintabeni naseNegebhi,* bezise iminikelo etshiswa ngokupheleleyo,+ imibingelelo,+ iminikelo yokutya,+ intlaka yokuqhumisa nemibingelelo yokubulela endlini kaYehova.+ 27  “‘“Kodwa ukuba niye anandithobela ngokungawungcwalisi umhla weSabatha nangokuthwala imithwalo niyingenise ngeegeyithi zeYerusalem ngomhla weSabatha, ndiza kuzitshisa ngomlilo iigeyithi zayo, kwaye ngokuqinisekileyo uza kuzitshisa ziphele iinqaba ezikhuselekileyo zaseYerusalem,+ ibe awuzukucinywa.”’”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “Kuba uye waphenjwa njengomlilo emsindweni wam.”
Okanye “indoda enamandla.”
Okanye “indoda enamandla.”
Okanye “iyaqhatha.”
Okanye kusenokwenzeka, “ayinyangeki.”
Okanye “ezona mvakalelo zinzulu.” Ngokoqobo, “izintso.”
Okanye “ngokungebobulungisa.”
Ngokoqobo, “kum,” omele ukuba ubhekisa kuYehova.
Okanye “ngokuphindaphindiweyo.”
Ngokoqobo, “bayenze lukhuni intamo yabo.”
Okanye “nakummandla osemzantsi.”