Yeremiya 18:1-23
18 Nali ilizwi elavela kuYehova lisiya kuYeremiya:
2 “Phakama uye endlini yombumbi,+ ndiza kukuvisa apho amazwi am.”
3 Ngoko ndaya endlini yombumbi, ibe wayesebenza ngodongwe oluphezu kwamavili ombumbi.
4 Kodwa isitya awayesenza ngodongwe sonakala esandleni sakhe. Ngoko wenza esinye isitya ngendlela awayibona ilungile.
5 Emva koko ilizwi likaYehova lafika kum lisithi:
6 “‘Andikwazi na ukwenza kanye njengalo mbumbi kuni, ndlu kaSirayeli?’ utsho uYehova. ‘Jonga! Njengodongwe esandleni sombumbi, ninjalo esandleni sam, ndlu kaSirayeli.+
7 Nanini na ndithetha ngokuncothula nokudiliza okanye ngokutshabalalisa uhlanga okanye ubukumkani,+
8 luze olo hlanga luziyeke izinto ezimbi endiye ndathetha ngazo, nam ndiza kusitshintsha isigqibo sam* ngentlekele ebendizimisele ukuyizisa kulo.+
9 Kodwa nanini na ndithetha ngokwakha nokutyala uhlanga okanye ubukumkani,
10 luze lona lwenze into embi emehlweni am yaye lungalithobeli ilizwi lam, ndiza kusitshintsha isigqibo ebendisenzile* sokulenzela into elungileyo.’
11 “Ngoku ke, khawuncede uthi kumadoda akwaYuda nakubemi baseYerusalem, ‘Uthi uYehova: “Niyabona, ndinilungiselela* intlekele kwaye ndiniphekela iqhinga. Khanincede nibuye kwiindlela zenu ezimbi, nitshintshe iindlela zenu nezenzo zenu.”’”+
12 Kodwa bathi: “Akukho themba!+ Kuba siza kwenza izinto esizicingayo, yaye ngamnye wethu uza kuyilandela ngenkani intliziyo yakhe embi.”+
13 Ngoko ke, uthi uYehova:
“Khanincede nizibuzele phakathi kweentlanga.
Ngubani owakhe wayiva into enje?
Intombi kaSirayeli engazange yalala nandoda yenze into embi gqitha.+
14 Ngaba liyanyamalala ikhephu laseLebhanon kumatye asemathambekeni?
Okanye ngaba aza koma amanzi abandayo asuka kude?
15 Kodwa abantu bam bandilibele.+
Kuba benza imibingelelo* kwinto engenaxabiso,+Ibe bakhubekisa abantu ngeendlela zabo, iindlela zakudala,+Ukuze bahambe kwiindlela ezingasemva nezinamagingxigingxi,*
16 Ukuze benze ilizwe labo libe yinto eyoyikisayo,+Into yokubethelwa umlozi ngonaphakade.+
Wonke umntu odlula apho uza kuqwalasela othukile aze anikine intloko.+
17 Njengomoya wasempuma, ndiza kubachithachitha phambi kotshaba.
Andizukubabonisa ubuso, ndiza kubabonisa umqolo ngomhla wentlekele yabo.”+
18 Yaye bathi: “Yizani madoda, masimenzele iyelenqe uYeremiya,+ kuba umthetho* awuzukutshabalala kubabingeleli okanye icebiso kumadoda azizilumko okanye ilizwi kumprofeti. Yizani sithethe kakubi naye* size singayihoyi into ayithethayo.”
19 Yhini Yehova, ndimamele,Yaye mamela nento ethethwa ngabo balwa nam.
20 Ngaba okulungileyo kufanele kubhatalwe ngobubi?
Kuba babombele umngxuma ubomi bam.+
Khumbula indlela endema ngayo phambi kwakho ukuze ndithethe okulungileyo ngabo,Ukuze ndinqande ingqumbo yakho kubo.
21 Ngoko ke bayekele endlaleni oonyana babo,Badlulisele emandleni ekrele;+
Kwanga abafazi babo bangoxuthwa abantwana, babe ngabahlolokazi.+
Kwanga amadoda abo angabulawa ngesibetho esibulalayo,Abafana babo baxatyelwe ngekrele edabini.+
22 Makuvakale isikhalo ezindlini zabo,Xa ubazisela amasela ngequbuliso.
Kuba bembe umngxuma ukuze bandibambeIbe babekele iinyawo zam izabatha.+
23 Kodwa wena Yehova,Uwazi kakuhle onke amaqhinga abo okuzama ukundibulala.+
Sukusogquma isiphoso sabo,Kwaye ungasisusi isono sabo phambi kwakho.
Bayeke bakhubeke phambi kwakho+Xa ubohlwaya ngomsindo wakho.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ndiza kuzisola.”
^ Okanye “ndiza kuzisola ngesigqibo sam.”
^ Ngokoqobo, “ndinenzela.”
^ Okanye “nezingalungiswanga.”
^ Okanye “imibingelelo yesiqhumiso.”
^ Ngokoqobo, “simbethe ngolwimi.”
^ Okanye “umyalelo.”