Yeremiya 43:1-13
43 Wathi uYeremiya akugqiba ukuxelela bonke abantu amazwi avela kuYehova uThixo wabo, awathunywe nguYehova uThixo wabo ukuba awathethe,
2 uAzariya unyana kaHoshaya noYohanan+ unyana kaKareya nawo onke amadoda anekratshi bathi kuYeremiya: “Uyaxoka! UYehova uThixo wethu akakuthumanga ukuba uthi, ‘Sanukuyokuhlala eYiputa.’
3 Kodwa nguBharuki+ unyana kaNeriya okuqhubayo, kuba efuna sisiwe kumaKhaledi ukuze asibulale, okanye asithimbele eBhabhiloni.”+
4 UYohanan unyana kaKareya nazo zonke iintloko zomkhosi nabo bonke abantu abazange balithobele ilizwi likaYehova lokuba bahlale kwilizwe lakwaYuda.
5 UYohanan unyana kaKareya nazo zonke iintloko zomkhosi bathatha bonke abo bantu bambalwa bakwaYuda babeshiyekile, ababebuyile kuzo zonke iintlanga ebabesasazeke kuzo, ukuze bahlale okwethutyana kwilizwe lakwaYuda.+
6 Bathatha amadoda, abafazi, abantwana, iintombi zikakumkani, nabo bonke abantu uNebhuzaradan+ intloko yoonogada awayebashiye noGedaliya+ unyana ka-Ahikam+ unyana kaShafan,+ nomprofeti uYeremiya noBharuki unyana kaNeriya.
7 Ngoko baya kwilizwe laseYiputa, kuba abazange balithobele ilizwi likaYehova, yaye bahamba de baya kufika eTapanehesi.+
8 Emva koko ilizwi likaYehova lafika kuYeremiya eTapanehesi lisithi:
9 “Thatha amatye amakhulu, uwafihle eludakeni kwindlela yezitena engakumnyango wendlu kaFaro eseTapanehesi, amadoda akwaYuda ebukele.
10 Emva koko yithi kuwo, ‘Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Jongani, ndithumela uNebhukadenetsare* ukumkani waseBhabhiloni, umkhonzi wam,+ ibe ndiza kuyibeka itrone yakhe kanye phezu kwala matye ndiwafihlileyo, yaye uza kuyandisa intente yakhe phezu kwawo.+
11 Uza kufika aze alihlasele ilizwe laseYiputa.+ Nabani na obekelwe isibetho esibulalayo uza kufumana isibetho esibulalayo; nabani na obekelwe ukuthinjwa uza kuthinjwa; nabani na obekelwe ikrele uza kufunyanwa likrele.+
12 Ndiza kuzintumeka ngomlilo izindlu* zoothixo baseYiputa,+ aze uNebhukadenetsare azitshise, athimbe nabo thixo. Uza kuzambathisa ngelizwe laseYiputa, kanye njengomalusi ezambathisa ngesambatho sakhe, aphume apho ngoxolo.*
13 Uza kuziqhekeza iintsika zaseBhete-shemeshe* ezikwilizwe laseYiputa, nezindlu* zoothixo baseYiputa uza kuzitshisa.”’”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “uNebhukaderetsare,” enye indlela yokubhala eli gama.
^ Okanye “iitempile.”
^ Okanye “engenziwanga nto.”
^ Okanye “Indlu (iTempile) Yelanga,” oko kukuthi, iHeliyopolis.
^ Okanye “neetempile.”