Yobhi 10:1-22
10 “Ndiyabenyanya ubomi bam.+
Ndiza kuyiphalaza imbilini yam.
Ndiza kuthetha ndisentlungwini!
2 Ndiza kuthi kuThixo, ‘Sukundibeka ityala.
Ndixelele qha ukuba undisukela ngantoni.
3 Kukunceda ngantoni ukundicinezela,Ukucaphukela umsebenzi wezandla zakho,+Wakugqiba umamele icebiso labenzi-bubi?
4 Unamehlo enyama na,Okanye ubona njengomntu?
5 Iyalingana na imihla yakho neyabantu,Okanye iminyaka yakho ifana neyabantu,+
6 Le nto ude ukhangele isiphoso samUze uqhubeke ukhangela isono sam?+
7 Uyazi ukuba andenzanga nto;+Ibe akukho mntu unokundisindisa esandleni sakho.+
8 Ndenziwe ndaza ndabunjwa zizandla zakho,+Kodwa ngoku nditshatyalaliswa kwanguwe.
9 Khawukhumbule kaloku ukuba wandenza ngodongwe,+Kodwa ngoku undibuyisela eluthulini.+
10 Zange undigalele njengobisi na,Waza wandenza ngqindilili okwetshizi?
11 Wandambathisa ngolusu nenyama,Waza wandibumba ngamathambo nemisipha.+
12 Undinike ubomi nothando olungagungqiyo;Uye wandihoya.+
13 Kodwa ubuzazi ukuba ufuna ukundenzakalisa.*
Ndiyazi ukuba zonke ezi ngxaki zibangelwa nguwe.
14 Ukuba bendonile, ubuza kundigada,+Futhi ubungazukusixolela isono sam.
15 Ukuba ndinetyala, ndiza kuthi shu!
Nokuba ndimsulwa, andinakukwazi nokuphakamisa intloko,+Kuba ndihlazekile yaye ndixhwalekile.+
16 Ukuba ndikhe ndaphakamisa intloko, undizingela okwengonyama,+
Uze undigagamele ngamandla akho.
17 Uzisa amangqina amatsha okundityhola,Ibe uya uvutha umsindo wakho,Kuba undithele chu ngokundihlasela.
18 Wandikhuphelani kanti esibelekweni?+
Akwaba ndandife ndingekabonwa mntu.
19 Ngendafana nongazange abekho;Ngendasuka esibelekweni ndaya ngqo engcwabeni.’
20 Azimbalwanga na iintsuku zam?+ Makandiyeke,Andifulathele, khe ndiphumle*+
21 Ngaphambi kokuba ndimke,Ndiye elizweni lobumnyama,+ ndingaphinde ndibuye,+
22 Ndiye kwilizwe lentsunguzi yobumnyama,Ilizwe lethunzi elimnyama nesidubedube,Apho ukukhanya kufana nobumnyama.”