Yobhi 28:1-28

  • UYobhi ubonisa umahluko phakathi kobutyebi bomhlaba nobulumko (1-28)

    • Iinzame zabantu zokwemba ubutyebi (1-11)

    • Ubulumko buxabiseke ngaphezu kweeperile (18)

    • Obona bulumko kukoyika uYehova (28)

28  “Kukho indawo ekumbiwa kuyo isilivereNendawo ekusulungekiswa kuyo igolide;+   Intsimbi yembiwa emhlabeni,Nekopolo inyibilikiswa ematyeni.+   Umntu akaboyiki ubumnyama,Ukhangela kwisithokothoko sobumnyamaEfuna ilitye elixabisekileyo.   Uyehla angene emgodini, kude nalapho abantu bahlala khona,Kwiindawo ezilityelweyo, ekungahanjwayo kuzo;Amanye amadoda ade ehle ngeentambo aze asebenze ejinga.   Ngaphezulu umhlaba uvelisa ukutya;Kodwa uyaphela ngaphantsi ngokungathi uqwengwa ngumlilo.*   Kukho amatye anesafire apho,Nothuli olunegolide.   Akukho ntaka idla inyama eyaziyo indlela eya apho;Neliso likakhetshe omnyama aliyibonanga.   Akukho silwanyana sasendle esoyikekayo sakha sahamba kuyo;Kungekho nangonyama yakha yadlula apho.   Abantu baqhekeza amatye,Baqhekeze neziseko zeentaba. 10  Benza imijelo yamanzi+ emaweni;Namehlo abo abhaqa yonke into exabisekileyo. 11  Bavingca imilambo,Baze baveze izinto ebezingabonakali. 12  Kodwa bona ubulumko bunokufunyanwa phi?+Ukuqonda kona kufumaneka phi?+ 13  Akukho mntu uyiqondayo indlela obuxabiseke ngayo,+Yaye abufumaneki emhlabeni. 14  Amanzi anzulu athi, ‘Abukho kum!’Nolwandle luthi, ‘Abukho nakum!’+ 15  Abunakuthengwa ngegolide esulungekileyo,Bungenakufunyanwa nangesilivere.+ 16  Abunakuthengwa ngegolide yaseOfire,+Nangelitye elinqabileyo leanikis nesafire. 17  Igolide neglasi azinakuthelekiswa nabo;Bungenakuthengwa nangesitya segolide yodidi.*+ 18  Ikorale nekristale azithathi nto kubo,+Kuba ingxowa egcwele ubulumko ixabiseke nangaphezu kwegcwele ziiperile. 19  Itopazi+ yakwaKushe ayinakuthelekiswa nabo;Abunakuthengwa nangegolide esulungekileyo. 20  Kodwa buvela phi ubulumko?Ukuqonda kona kufumaneka phi?+ 21  Bufihliwe emehlweni azo zonke izinto eziphilayo;+ Bufihliwe nakwiintaka zezulu. 22  Intshabalalo nokufa zithi,‘Iindlebe zethu zivile nje kuthethwa ngabo.’ 23  UThixo uyazi ukuba bufumaneka njani;Nguye yedwa obaziyo ukuba buhlala phi,+ 24  Kuba yena ubona kwezona ndawo zikude zomhlaba,Yaye ubona yonke into ephantsi kwamazulu.+ 25  Xa wayenika umoya amandla,+Naxa wayelinganisa amanzi,+ 26  Xa wayebekela imvula umthetho,+Esalathisa namafu ahamba neendudumo,+ 27  Watsho wabubona ubulumko waza wabenza bacaca;Wabenza waza wabuvavanya. 28  Emva koko wathi emntwini: ‘Jonga! Ukoyika uYehova, bubulumko obo,+Yaye ukusuka ebubini kukuqonda.’”+

Umbhalo osemazantsi

Kubonakala ukuba kubhekiselwa ekumbiweni kwemigodi.
Okanye “esulungekisiweyo.”