Yobhi 30:1-31
30 “Ngoku ndihlekwa+Ngamadoda angaphantsi kum ngeminyaka,Anootata endandingenakuvumaNokuba bahlale nezinja ezigade umhlambi wam.
2 Andincede ngantoni ke amandla awo?
Awasenamandla ngoku.
3 Atyhafile ngenxa yokungabi nanto nokulamba;Akhotha umhlaba owomileyo,Ophanzileyo nongumqwebedu.
4 Akha iinqoba ematyholweni;Ukutya kwawo ziingcambu zomthi wonwele.
5 Ayagxothwa ngabantu,+Bewangxolisa ngathi ngamasela.
6 Ahlala kumathambeka asezintlanjeni,Emingxunyeni nasemaweni.
7 Akhala esematyholweni,Abuthelane phakathi kwamarhawu.*
8 Angoonyana boongantweniAbagxothwe* naselizweni labo.
9 Ngoku andigezela nakwiingoma zawo;+Andenze into yokuthukwa.+
10 Ayandenyanya, ibe ahambela kude kum;+Awonqeni ukunditshicela ebusweni.+
11 UThixo undihluthe izixhobo zam waza wandithoba,Ngoku enza nje unothanda kum.
12 Eza eligquba ngasekunene kwam,Kunyanzeleke ukuba ndibaleke,Ibe andivalela indlela ukuze anditshabalalise.
13 Adiliza iindlela endihamba kuzo,Ezenza zibe nzima nangakumbi iingxaki zam,+Kube kungekho mntu uwanqandayo.*
14 Agaleleka ngathi atyhoboza eludongeni;Afika sele kukubi kakade kum.
15 Ndihlala ndisoyika;Isidima sam simke nomoya,Nethemba lam lokusindiswa linyamalele.
16 Ngoku ubomi bam buphela ndijongile;+Ndihlala ndisentlungwini+ yonke imihla.
17 Ebusuku ndiqaqanjelwa emathanjeni;*+Iintlungu ezindidlayo azipheli.+
18 Impahla yam iyatsalwa;*Indikrwitsha okwekhola encinci.
19 UThixo undiphose eludakeni;Ndithotyiwe ndanjengothuli nothuthu.
20 Ndikhalela uncedo kuwe, kodwa awundiphenduli;+Ndiyema ukuze ndikucenge, kodwa undijonga nje ungandihoyi.
21 Undijikele wandikhohlakalela;+Undihlasela ngamandla akho onke.
22 Uyandiphakamisa uze undiphephethekise ngomoya;Emva koko undiphosa ngapha nangapha ngesaqhwithi.*
23 Kaloku ndiyazi ukuba uza kundinikela ekufeni,Kwindlu abaza kudibana kuyo bonke abaphilayo.
24 Kodwa akukho mntu obenokubetha indoda esentlungwini,*+Ekhalela uncedo isengxakini.
25 Khange ndibakhalele na abo behlelwe ziingxaki?
Khange ndiwakhalele na amahlwempu?+
26 Nangona bendifuna izinto ezilungileyo, ndehlelwe zezimbi;Bendilindele ukukhanya, kodwa kwafika ubumnyama.
27 Asiyekanga ukuxuxuzela isisu sam;Ndifikelwe yimihla yentlungu.
28 Akukho kukhanya; ndihamba ndikhathazekile.+
Ndiyaphakama ebandleni, ndikhalele uncedo.
29 Abantakwethu ngoodyakalashe;Abahlobo bam ziinciniba.+
30 Ulusu lwam lumnyama ibe ndiyobuza,+Namathambo am ayatsha bubushushu.*
31 Uhadi lwam lukhala ngenxa yokuzila kuphela,Nefleyiti yam yeyokulila.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “korhelejane.”
^ Ngokoqobo, “Abagxothwe bebethwa.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “uwancedisayo.”
^ Ngokoqobo, “Ebusuku amathambo am ayagqojozwa.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Intlungu yam iyandenzakalisa.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “unditshabalalisa ngesithonga.”
^ Ngokoqobo, “obenokubetha amabhodlo.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “yifiva.”