Yobhi 6:1-30
6 UYobhi waphendula wathi:
2 “Akwaba intlungu yam+ ibinokukalwa yonke,Ibekwe ezikalini kunye nenkxwaleko yam!
3 Kuba ngoku inzima ngaphezu kwesanti yolwandle.
Yiloo nto ndibhuda.+
4 Kuba iintolo zikaSomandla zindihlabile,Ibe ndisela ityhefu yazo;+UThixo undihlasela ngothotho lwezinto ezoyikekayo.
5 Idonki yasendle+ ingakhala na inengca,Yona inkunzi yenkomo ingakhonya na inokutya?
6 Ukutya okungenancasa kuyatyiwa na ngaphandle kwetyiwa,Yona incindi yegontsi inayo na incasa?
7 Andifuni nokuzibona ezo zinto.
Zifana neentsholongwane ekutyeni kwam.
8 Owu akwaba isicelo sam singaviwaAze uThixo andinike into endiyifunayo!
9 Avume ukundityumza,Olule isandla sakhe aze anditshabalalise!+
10 Bendakuthuthuzelwa kwayileyo;Bendakutsibatsiba ndivuya nangona ndingcungcutheka,Kuba andikhange ndiphikisane namazwi aLowo Ungcwele.+
11 Ndiza kunyamezela kude kube nini?+
Ndisaphilela ntoni?
12 Ndililitye na kakade?
Khona, ndenziwe ngekopolo?
13 Ndiza kuzinceda njaniKungekho mntu undincedisayo?
14 Nabani na ongamthandi ngokupheleleyo omnye umntu+Uza kuyeka ukumoyika uSomandla.+
15 Nkqu nabantakwethu bebenamaqhinga+ okomfula wasebusika,Njengamanzi emifula yasebusika eyomayo.
16 Inamanzi amdaka anomkhenkce,Nekhephu linyibilikela kuyo.
17 Kodwa ngexesha elifanelekileyo iyoma, iphele tu;Kuthi kusakutshisa yome nko.
18 Loo mifula iya isoma;Ihamba iye kufika entlango ize inyamalale.
19 Ikhangelwa ziinqwelo zakwaTema;+Abahambi bakwaShebha+ bayilindile.
20 Baneentloni kuba ithemba labo libadanisile;Bafike apho baphoxeka.
21 Yiloo nto kanye eniyenzileyo kum;+Nibone indlela endixhwaleke ngayo, noyika.+
22 Ikhona na into ebendikhe ndayicela kuni?Okanye bendikhe ndanicela ukuba nenze isipho egameni lam?
23 Bendikhe ndanicela na ukuba nindihlangule kutshaba?Khona, bendikhe ndathi ndihlanguleni kubantu abacinezelayo?
24 Yitshoni ukuba mandithini, mna ndiza kuthula;+Ndiboniseni ukuba ndiyibhude phi.
25 Amazwi xa eyinyani awahlabi!+
Kodwa kunceda ngantoni ukukhalinyelwa nini?+
26 Ngaba nifuna ukulungisa amazwi endiwathethileyo,Amazwi omntu osel’ encamile,+ naphetshethwa ngumoya?
27 Kucacile ukuba ningade nenzele nenkedama amaqashiso,+Nithengise nangomhlobo lo wenu!+
28 Khanijike nindijonge,Kuba mna soze ndinixokise.
29 Khaniphinde niyicinge le nto, ndiyanicela, sanukundityhola;Niyabona nani ukuba ndiselilungisa, andikagungqi.
30 Bendikhe ndayithetha na into engekhoyo?Andikwazi kuyiva na into xa ingeyonyani?