Yobhi 9:1-35

  • Impendulo kaYobhi (1-35)

    • Umntu akanakujijisana noThixo (2-4)

    • ‘Wenza izinto ezingenakuqondwa’ (10)

    • Umntu akanakuphikisana noThixo (32)

9  UYobhi waphendula wathi:  “Ndiyazi kakuhle loo nto. Kodwa umntu angaphumelela njani xa emi enkundleni noThixo?+   Ukuba umntu uzimisele ukuphikisana naye,*+Akanakuphendula nombuzo omnye lo kweliwaka.   Unobulumko namandla.+ Ngubani onokujijisana naye angenzakali?+   Ususa iintaba kungekho mntu uyaziyo loo nto;Uzibhukuqa ngomsindo.   Unyikimisa umhlaba usuke endaweni yawo,De kugungqe neentsika zawo.+   Uyalela ilanga ukuba lingakhanyi,Agqume iinkwenkwezi ukuze zingaqaqambi;+   Wolula amazulu eyedwa,+Ahambe phezu kwamaza olwandle alatyuzayo.+   Wenza amaqela eenkwenkwezi, iAsh,* iKesile* neKima,*+Kunye namaqela eenkwenkwezi kwisibhakabhaka sasemzantsi; 10  Wenza izinto ezinkulu nezingenakuqondwa,+Nezinto ezimangalisayo ezingenakubaleka.+ 11  Andimboni sele edlula ngakum,Uthi sele esithi tshe ecaleni kwam, ndingamva. 12  Ngubani onokumnqanda xa esohlutha into? Ngubani onokuthi kuye, ‘Wenzani?’+ 13  UThixo akazukuwunqanda umsindo wakhe;+Nkqu nabancedi beRahabhi*+ baza kuqubuda kuye. 14  Ukuba unjalo, nam ndimele ndiwakhethe amazwi amXa ndiphikisana naye! 15  Phofu nokuba bendimsulwa bendingazukumphendula.+ Bendiza kucela nje inceba kumgwebi wam.* 16  Angandiphendula na ukuba ndinokukhalela kuye? Andiqondi ukuba angandimamela, 17  Kuba undintlitha ngesaqhwithi,Awaphindaphinde amanxeba am ndingenzanga nto.+ 18  Akandiphumzi;Undihlelele ngezinto ezibuhlungu. 19  Ukuba kuthethwa ngamandla, nguye onawo.+ Ukuba kuthethwa ngokugweba, uthi: ‘Ngubani onokundiphendulisa?’* 20  Nokuba bendimsulwa, bendiza kukhalinyelwa kwangumlomo wam;Nokuba bendingenakusoleka,* ebeza kundibeka ityala. 21  Nokuba ndingahlala ndimsulwa, andizithembanga;Ndiyabenyanya* ubomi bam. 22  Akuncedi nto, yiloo nto ndisithi,‘Kuye kuyafana, utshabalalisa abamsulwa nabenzi-bubi.’ 23  Ukuba ngequbuliso abantu bangabulawa ngumkhukula,Ebeza kuhlekisa ngentlungu yabamsulwa. 24  Umhlaba unikwe abenzi-bubi;+UThixo ubavala amehlo* abagwebi bawo. Ukuba ayinguye owenza loo nto, ngubani ke? 25  Ngoku imihla yam ibaleka ngaphezu kwembaleki;+Ikhawuleza igqithe kungekho nto intle kuyo. 26  Imka oku kwezikhephe zeengcongolo,Okokhozi luxhwila ixhoba. 27  Ukuba bendinokuthi, ‘Ndiza kuyeka ukukhalaza,Ndiza kuyeka ukuqumba, ndincume,’ 28  Bendihleli ndiza koyika ngenxa yazo zonke ezi ntlungu ndizivayo,+Futhi ndiyazi ukuba ubungazukuthi ndimsulwa. 29  Bendihleli ndiza kubekwa ityala. Ndisanyamezelela ntoni ke?+ 30  Nokuba bendihlambe ngamanzi ekhephu,Ndahlamba nezandla zam ngesepha,+ 31  Wena ubuza kundithi nkxu emngxunyeni,Ndize ndonyanywe kwanayimpahla yam. 32  Kuba akangomntu njengam, andinakumphendula,Andinakuma naye enkundleni.+ 33  Akukho mntu unokulamla phakathi kwethu,Onokuba yijaji. 34  Ukuba nje ebenokuyeka ukundibetha,Ayeke nokundoyikisa.+ 35  Bendiza kuba nesibindi sokuthetha naye,Kuba akufani nam ukuthetha ndisoyika.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ukumsa enkundleni.”
Kusenokwenzeka ukuba yiGreat Bear (Ursa Major).
Kusenokwenzeka ukuba yiOrion.
Kusenokwenzeka ukuba ziinkwenkwezi iPleiades kwiqela iTaurus.
Kusenokwenzeka ukuba sisilwanyana esikhulu saselwandle.
Okanye kusenokwenzeka, “kummangaleli wam.”
Ngokoqobo, “onokundibiza.”
Okanye “Nokuba ndimsulwa.”
Okanye “Andibufuni.”
Ngokoqobo, “ubogquma ubuso.”