Kubalisa uYohane 2:1-25

  • Umtshato waseKana; amanzi aba yiwayini (1-12)

  • UYesu ucoca itempile (13-22)

  • UYesu uyazazi iintliziyo zabantu (23-25)

2  Ngosuku lwesithathu kwakukho umtshato eKana yaseGalili, ibe umama kaYesu wayelapho.  UYesu nabafundi bakhe nabo babemenyiwe kuloo mtshato.  Yathi xa sele iza kuphela iwayini, umama kaYesu wathi kuye: “Iwayini iyaphela.”  Kodwa uYesu wathi kuye: “Mfazi, mna nawe singena phi kuloo nto?* Ixesha lam alikafiki.”  Wathi umama wakhe kwabo babencedisa apho: “Ze nenze nantoni na athi yenzeni.”  Apho kwakubekwe imiphanda emithandathu yamanzi eyenziwe ngamatye, nto leyo eyayibhalwe kwimithetho yamaYuda eyayimele ilandelwe ukuze umntu acoceke,+ mphanda ngamnye unokungena malunga neelitha eziyi-44 okanye eziyi-66 zamanzi.  UYesu wathi kubo: “Yigcwaliseni imiphanda ngamanzi.” Ngoko bayigcwalisa qhu ngamanzi.  Emva koko wathi kubo: “Yikhani intwana nize niyise kumphathi wetheko.” Ngoko bayisa.  Xa umphathi wetheko engcamla amanzi awayejikwe aba yiwayini, engazi ukuba ivela phi (nangona abantu ababewakhile amanzi babesazi), umphathi wetheko wabiza umyeni, 10  wathi kuye: “Abanye abantu baqale bakhuphe iwayini yodidi, ze kuthi xa abantu benxilile bakhuphe enganeno. Wena uye walinda de kwangoku ngaphambi kokuba ukhuphe eyodidi.” 11  Lo ngummangaliso wokuqala owenziwa nguYesu, ibe wawenza eKana yaseGalili. Walwenza lwabonwa uzuko lwakhe,+ baza abafundi bakhe bakholwa kuye. 12  Emva koku, uYesu, umama wakhe, abantakwabo+ nabafundi bakhe behla baya eKapernahum,+ bahlala khona iintsuku ezimbalwa. 13  Kwakusondela iPasika+ yamaYuda, ngoko uYesu wenyuka waya eYerusalem. 14  Wafika etempileni kukho abantu abathengisa iinkomo, iigusha namahobe,+ kukho nabatshintshi bemali ababehleli ezitulweni zabo. 15  Ngoko uYesu wenza isabhokhwe, wabagxotha etempileni bonke abo babethengisa iigusha neenkomo, wayichitha nemali yabatshintshi bemali, wawisa neetafile zabo.+ 16  Wathi kwabo babethengisa amahobe: “Susani ezi zinto apha! Sanukwenza indlu kaTata indawo yokuthengisa!”+ 17  Abafundi bakhe bakhumbula ukuba kubhaliwe kwathiwa: “Ndiyavutha ngaphakathi kukuthanda indlu yakho.”+ 18  AmaYuda athi kuye: “Yenza ummangaliso ke,+ ukuze sibone ukuba unalo ilungelo lokwenza le nto uyenzayo.” 19  UYesu wathi kuwo: “Dilizani le tempile, ibe mna ndiza kuyivusa ngeentsuku ezintathu.”+ 20  AmaYuda athi: “Ungayivusa njani ngeentsuku ezintathu le tempile, kuthathe iminyaka eyi-46 ukuyakha?” 21  Kodwa ke le tempile uYesu wayethetha ngayo yayingumzimba wakhe.+ 22  Wathi akuvuswa kwabafileyo, abafundi bakhe bakhumbula ukuba wayemane eyithetha le nto,+ baza bayikholelwa into eyayithethwa zizibhalo nanguYesu. 23  UYesu wenza imimangaliso kwitheko lePasika eYerusalem. Bathi bakuyibona le nto, abantu abaninzi bakholwa egameni lakhe. 24  Kodwa uYesu akazange abathembe kuba ebazi bonke, 25  ibe wayengadingi mntu wakumxelela indlela abacinga ngayo abantu, kuba wayezazi iintliziyo zabo.+

Umbhalo osemazantsi

Le yintetho yamaYuda, ibe ayibonisi ukuba akamhloniphi.