Yona 1:1-17

  • UYona uzama ukubaleka uYehova (1-3)

  • UYehova wenza kubekho isaqhwithi esikhulu (4-6)

  • NguYona obangele ingxaki (7-13)

  • UYona uphoswa kulwandle olulwayo (14-16)

  • UYona uginywa yintlanzi enkulu (17)

1  Lafika ilizwi likaYehova kuYona*+ unyana ka-Amitayi, lisithi:  “Phakama, yiya kwisixeko esikhulu iNineve,+ usixelele ukuba siza kugwetywa, kuba ndizibonile izinto ezimbi ezenziwa ngabantu baso.”  Kodwa uYona waphakama ukuze ambaleke uYehova aye eTarshishe. Wehla waya eYopa waza wafumana inqanawa eya eTarshishe. Ngoko wabhatala waza wakhwela kuyo, ukuze ahambe ngayo aye eTarshishe, kude noYehova.  Emva koko uYehova wezisa umoya omkhulu elwandle, wawubhudla kangangokuba inqanawa yayisele iza kwaphuka.  Oomatiloshe boyika kangangokuba ngamnye waqalisa ukucela uncedo kuthixo wakhe. Kwaye baqalisa ukuwuphosa elwandle umthwalo owawusenqanaweni, ukuze ibe khaphukhaphu.+ Kodwa uYona wehlela ngaphakathi enqanaweni, wangqengqa waza walala yoyi.  Umphathi wenqanawa wasondela kuye wathi: “Ulelele ntoni? Vuka, khwaza uthixo wakho! Mhlawumbi uThixo wokwenene uza kubonisa ukuba usikhathalele, size singatshabalali.”+  Emva koko bathi: “Yizani, senze amaqashiso,+ ukuze sazi ukuba ngubani obangela le ntlekele.” Ngoko benza amaqashiso, laza iqashiso laphuma noYona.+  Bathi kuye: “Khawusixelele, ngubani obangela le ntlekele isehlelayo? Uyintoni umsebenzi wakho, kwaye uvela phi? Usuka kweliphi ilizwe, yaye uvela kwesiphi isizwana?”  Wathi: “NdingumHebhere, yaye ndoyika* uYehova uThixo wamazulu, Lowo wenze ulwandle nomhlaba owomileyo.” 10  Akuva loo nto, la madoda oyika nakakhulu, ibe ambuza: “Yintoni le uyenzileyo?” (La madoda afumanisa ukuba wayebaleka uYehova, kuba wayewaxelele.) 11  Athi kuye: “Sikwenze ntoni ukuze ulwandle luzole?” Kuba ulwandle lwaya lusilwa. 12  Wathi: “Ndifunquleni nindiphose elwandle, yaye ulwandle luza kuzola, kuba ndiyazi ukuba lulwa ngenxa yam.” 13  Kodwa ke, la madoda abheqa ngamandla ukuze abuyisele inqanawa emhlabeni owomileyo, kodwa awazange akwazi, ngenxa yokuba ulwandle lwalusiya lusilwa ngamandla. 14  Emva koko akhwaza uYehova esithi: “Owu yhini, Yehova, sincede, singatshabalali ngenxa yale ndoda! Uzungasibeki tyala ngegazi elimsulwa, kuba wena wenze ngokuthanda kwakho, Owu Yehova.” 15  Ngoko amfunqula uYona aza amphosa elwandle, yaye ulwandle lwayeka ukubhabhama. 16  Emva koko la madoda amoyika kakhulu uYehova,+ kwaye abingelela kuYehova aza enza izifungo. 17  UYehova wathumela intlanzi enkulu ukuba imginye uYona, waza uYona waba sesiswini sentlanzi iintsuku ezintathu nobusuku bazo.+

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “Ihobe.”
Okanye “ndikhonza.”