Yona 2:1-10

  • Umthandazo kaYona esiswini sentlanzi (1-9)

  • UYona uhlanzelwa emhlabeni (10)

2  UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe esesiswini sentlanzi,+  wathi: “Ndakhwaza uYehova ndisentlungwini, waza wandiphendula.+ Ndakhalela uncedo ndisenzulwini yengcwaba.*+ Wena waliva ilizwi lam.   Ekundiphoseni kwakho enzulwini, phakathi elwandle,Imisinga yandogquma.+ Onke amaza akho alatyuzayo adlula phezu kwam.+   Ndathi, ‘Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho! Ndiza kuphinda ndiyibuke njani itempile yakho engcwele?’   Amanzi andogquma aza abubeka engozini ubomi bam.+Ubunzulu bamanzi bandogquma. Ukhula lwayibhijela intloko yam.   Ndatshona ndaya kumazantsi eentaba. Imivalo yomhlaba yayindivalela ngonaphakade. Kodwa wabunyusa ubomi bam emngxunyeni, Owu Yehova Thixo wam.+   Xa ndandiphelelwa ngamandla, nguYehova endamkhumbulayo.+ Umthandazo wam wafika kuwe, etempileni yakho engcwele.+   Abo bazinikele kwizithixo ezingento yanto bayamfulathela lowo ungumthombo wabo wothando olungagungqiyo.   Kodwa ke mna, ndiza kubingelela kuwe ngelizwi lombulelo. Oko ndikufungileyo, ndiza kukwenza.+ NguYehova osindisayo.”+ 10  Ethubeni uYehova wayiyalela intlanzi, yaza yamhlanzela emhlabeni owomileyo uYona.

Umbhalo osemazantsi