Yona 3:1-10
3 Lafika okwesibini ilizwi likaYehova kuYona, lisithi:+
2 “Phakama, uye eNineve+ isixeko esikhulu, uze uyixelele lo myalezo ndikuxelela wona.”
3 Ngoko ke, uYona walithobela ilizwi likaYehova,+ waphakama waya eNineve. INineve+ le yayisisixeko esikhulu kakhulu,* esinokuhanjwa iintsuku ezintathu.
4 UYona wangena esixekweni, wahamba umgama onokuhanjwa usuku ekhwaza esithi: “Kwiintsuku eziyi-40 nje kuphela, iNineve iza kubhukuqwa.”
5 Abantu baseNineve bakholwa kuThixo,+ yaye babhengeza ukuba kungatyiwa, kunxitywe namalaphu okwenza ingxowa, ukusuka koyena mkhulu ukuyokutsho koyena mncinci kubo.
6 Ekufikeni kwalo myalezo kukumkani waseNineve, waphakama etroneni yakhe, wasikhulula isambatho sakhe sasebukhosini, wombatha amalaphu okwenza ingxowa waza wahlala eluthuthwini.
7 Ngaphezu koko, wakhupha umyalezo oya kuyo yonke iNineve, esithi,“Uthi umyalelo kakumkani nezikhulu zakhe: Akukho mntu nasilwanyana, akukho mhlambi wankomo namhlambi wagusha ufanele utye nto. Akufanele kutyiwe, kungafanele kuselwe kwanamanzi la.
8 Makombathwe amalaphu okwenza ingxowa, umntu nesilwanyana; yaye mabakhwaze uThixo benyanisekile baze bajike kwiindlela zabo ezimbi nakubundlobongela ababenzayo.
9 Kwazi bani, mhlawumbi uThixo wokwenene angajika,* uze wehle umsindo wakhe, ukuze singatshabalali.”
10 Xa uThixo wokwenene wayibonayo into abayenzayo, indlela abajika ngayo kwiindlela zabo ezimbi,+ wayiyeka intlekele* awayethe uza kubazisela yona, waza akayizisa.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “yayisisixeko esikhulu kuThixo.”
^ Okanye “angazisola.”
^ Okanye “wazisola ngentlekele.”