Yona 3:1-10

  • UYona uthobela uThixo aze aye eNineve (1-4)

  • Abantu baseNineve bayaguquka xa besiva umyalezo kaYona (5-9)

  • UThixo ukhetha ukungayitshabalalisi iNineve (10)

3  Lafika okwesibini ilizwi likaYehova kuYona, lisithi:+  “Phakama, uye eNineve+ isixeko esikhulu, uze uyixelele lo myalezo ndikuxelela wona.”  Ngoko ke, uYona walithobela ilizwi likaYehova,+ waphakama waya eNineve. INineve+ le yayisisixeko esikhulu kakhulu,* esinokuhanjwa iintsuku ezintathu.  UYona wangena esixekweni, wahamba umgama onokuhanjwa usuku ekhwaza esithi: “Kwiintsuku eziyi-40 nje kuphela, iNineve iza kubhukuqwa.”  Abantu baseNineve bakholwa kuThixo,+ yaye babhengeza ukuba kungatyiwa, kunxitywe namalaphu okwenza ingxowa, ukusuka koyena mkhulu ukuyokutsho koyena mncinci kubo.  Ekufikeni kwalo myalezo kukumkani waseNineve, waphakama etroneni yakhe, wasikhulula isambatho sakhe sasebukhosini, wombatha amalaphu okwenza ingxowa waza wahlala eluthuthwini.  Ngaphezu koko, wakhupha umyalezo oya kuyo yonke iNineve, esithi,“Uthi umyalelo kakumkani nezikhulu zakhe: Akukho mntu nasilwanyana, akukho mhlambi wankomo namhlambi wagusha ufanele utye nto. Akufanele kutyiwe, kungafanele kuselwe kwanamanzi la.  Makombathwe amalaphu okwenza ingxowa, umntu nesilwanyana; yaye mabakhwaze uThixo benyanisekile baze bajike kwiindlela zabo ezimbi nakubundlobongela ababenzayo.  Kwazi bani, mhlawumbi uThixo wokwenene angajika,* uze wehle umsindo wakhe, ukuze singatshabalali.” 10  Xa uThixo wokwenene wayibonayo into abayenzayo, indlela abajika ngayo kwiindlela zabo ezimbi,+ wayiyeka intlekele* awayethe uza kubazisela yona, waza akayizisa.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “yayisisixeko esikhulu kuThixo.”
Okanye “angazisola.”
Okanye “wazisola ngentlekele.”