Yona 4:1-11

  • UYona uyacaphuka aze afune ukufa (1-3)

  • UYehova ufundisa uYona ukuba nenceba (4-11)

    • “Unaso na isizathu esibambekayo sokucaphuka kangaka?” (4)

    • Ufundiswa isifundo ngomhlavuthwa (6-10)

4  Kodwa uYona zange ayithande le nto, yaye waba nomsindo.  Ngoko wathandaza wathi kuYehova: “Nantso ke Yehova, yile nto kanye endandiyicinga ngokuya ndandisekwilizwe lakuthi. Yiloo nto ndazama ukubalekela eTarshishe+ kwasekuqaleni, kuba ndandisazi ukuba unguThixo onosizi nenceba, ongacaphuki msinya, ophuphuma uthando olungagungqiyo+ nokhathazwa kakhulu yintlekele.  Owu Yehova, ndicela ubuthathe ubomi bam, kuba kungcono ndife kunokuba ndiphile.”+  UYehova wambuza: “Unaso na isizathu esibambekayo sokucaphuka kangaka?”  UYona waphuma ke esixekweni, wahlala phantsi kwimpuma yesixeko. Wazenzela umthunzi, waza wahlala kuwo ukuze abone ukuba kwakuza kwenzeka ntoni esixekweni.+  Emva koko uYehova uThixo wamkhulisela umhlavuthwa uYona ukuze ube ngumthunzi phezu kwentloko yakhe, uze umsindise kwintlungu yakhe. UYona wawuvuyela kakhulu umhlavuthwa.  Kodwa uThixo wokwenene wathumela umbungu ngexesha lokuthi qheke kokusa ngemini elandelayo, ibe wawutya umhlavuthwa, waza wabuna.  Kwathi xa kuphuma ilanga, uThixo wathumela nolophu lwasempuma, yaye ilanga lamgqatsa entloko uYona, waphelelwa ngamandla. Waqhubeka ecela ukufa,* emane esithi: “Kungcono ndife kunokuba ndiphile.”+  UThixo wambuza uYona: “Unaso na isizathu esibambekayo sokucaphuka kangaka ngenxa yomhlavuthwa?”+ Yena wathi: “Ndinalo ilungelo lokucaphuka, kangangokuba ndifuna ukufa.” 10  Kodwa uYehova wathi: “Wena uye wanosizi ngomhlavuthwa ongakhange uwusebenzele, nongakhange uwukhulise, okhule ngobusuku obunye waza watshabalala ngobusuku obunye. 11  Mna ke, andifanele na ndibe nosizi ngesixeko esikhulu iNineve,+ ekukho kuyo abantu abangaphezu kwe-120 000 abangakwazi nokwahlula okulungileyo kokubi,* nangezilwanyana zabo ezininzi?”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ukuba umphefumlo wakhe ufe.”
Okanye “abangakwaziyo ukwahlula isandla sabo sasekunene kwesasekhohlo.”