Yoweli 1:1-20

  • Isibetho esikhulu seenkumbi (1-14)

  • “Isondele imini kaYehova” (15-20)

    • Umprofeti ubhenela kuYehova (19, 20)

1  Eli lilizwi likaYehova elafika kuYoweli* unyana kaPetuweli:   “Yivani oku nina badala,Mamelani nonke nina bemi belizwe.* Yakha yenzeka na into enje ngemihla yenuOkanye ngemihla yookhokho benu?+   Xelelani oonyana benu,Oonyana benu baxelele oonyana babo,Noonyana babo babalisele isizukulwana esilandelayo.   Okushiywe ziinkumbi ezibhuqayo, kutyiwe libubu leenkumbi,+Okushiywe libubu leenkumbi, kutyiwe ngumqikela,Nokushiywe ngumqikela, kutyiwe ziinkumbi ezitshabalalisayo.+   Vukani nina manxila,+ nilile! Yenzani isijwili nonke nina basela iwayini,Kuba iwayini enencasa ihluthiwe emilonyeni yenu.+   Kuba kuze uhlanga olunamandla nolungenakubalwa kwilizwe lakowethu.+ Amazinyo alo ngamazinyo engonyama,+ nemihlathi yalo yeyengonyama.   Luyitshabalalisile imithi yam yeediliya, lwashiya eyamafiya* izizikhondo,Lwayihluba yaba ze lwaza lwayijula phayaa,Amasetyana ayo asele emhlophe.   Yenza isijwili, njengoko isenza intombi enxibe ilaphu lokwenza ingxowaIsenzela umyeni wobutsha bayo.   Awusezi endlini kaYehova umnikelo wokutya okuziinkozo+ noselwayo,+Ababingeleli, abasebenzi bakaYehova, bazilile. 10  Intsimi ibhuqiwe, umhlaba uzilile,+Kuba ukutya okuziinkozo kubhuqiwe, iwayini entsha iphelile, neoli ayisekho.+ 11  Abalimi banxunguphele, abasebenzi bamasimi eediliya benza isijwili,Ngenxa yengqolowa nerhasi,Kuba isivuno samasimi sitshabalele. 12  Umthi weediliya womile,Umthi wamafiya* ubunile. Umthi werharnati, owesundu noweapile,Yonke imithi yasendle yomile,+Kuba uvuyo lujike lwalihlazo ebantwini. 13  Nxibani amalaphu okwenza ingxowa, nizile,* nina babingeleli.Yenzani isijwili, nina basebenza kwisibingelelo.+ Ngenani, ninxibe amalaphu okwenza ingxowa ubusuku bonke, nina basebenzi boThixo wam,Kuba umnikelo wokutya okuziinkozo+ noselwayo+ awusasiwa endlini yoThixo wenu. 14  Bhengezani* ixesha lokuzila ukutya, bizani indibano engcwele.+ Qokelelani abadala nabo bonke abemi belizwe,Endlini kaYehova uThixo wenu,+ nize nikhalele uncedo kuYehova. 15  Kuza kuba kubi ngaloo mini! Kuba isondele imini kaYehova,+Kwaye iza kuza iyintshabalalo evela kuSomandla! 16  Akuthathwanga phambi kwamehlo ethu na ukutya,Imihlali novuyo endlini kaThixo wethu? 17  Imbewu yomile* phantsi kwemihlakulo yabo. Oovimba abananto. Izisele zichithiwe, kuba ukutya okuziinkozo kuphelile. 18  Nkqu nemfuyo iyancwina! Imihlambi yeenkomo iyabhadula, kuba ayinadlelo! Nemihlambi yeegusha ixhwalekile. 19  Owu Yehova, ndiza kubhenela kuwe,+Kuba umlilo uwaqwengile amadlelo asendle,Nedangatye liyidle yonke imithi yamasimi. 20  Kwanezilwanyana zasendle ziyakulangazelela,Kuba imijelo yamanzi yomile,Nomlilo uwaqwengile amadlelo asendle.”

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “UYehova NguThixo.”
Okanye “bomhlaba.”
Okanye “eyamakhiwane.”
Okanye “wamakhiwane.”
Okanye “nizibethe izifuba.”
Ngokoqobo, “Lenzeni ngcwele.”
Okanye kusenokwenzeka, “Amafiya omile.”