Yoweli 2:1-32

  • Imini kaYehova nomkhosi wakhe omkhulu (1-11)

  • Kuthiwa mababuyele kuYehova (12-17)

    • “Krazulani iintliziyo zenu” (13)

  • UYehova uphendula abantu bakhe (18-32)

    • “Ndiza kuthulula umoya wam” (28)

    • Imimangaliso ezulwini nasemhlabeni (30)

    • Abo bathembela egameni likaYehova baza kusindiswa (32)

2  “Vuthelani uphondo eZiyon!+ Hlabani umkhosi entabeni yam engcwele. Maboyike kakhulu bonke abemi belizwe,*Kuba imini kaYehova iyeza!+ Ayifikanga igalelekile!   Yimini yobumnyama nesithokothoko,+Imini yamafu nesithokothoko,+Njengokukhanya kwesifingo okunabileyo ezintabeni. Kukho isizwana esikhulu nesinamandla,+Zange yabakho imini enjengayo,Yaye soze ibekho enye efana nayoKwiminyaka yazo zonke izizukulwana.   Phambi kwaso umlilo uyaqwenga,Nasemva kwaso idangatye liyadla.+ Ilizwe phambi kwaso linjengomyezo wase-Eden,+Kodwa emva kwaso yintlango nje,Yaye akukho nto inokusinda kuso.   Sifana nqwa namahashe,Ibe siphala oku kwamahashe emfazwe.+   Sitsho ngesandi esifana neseenqwelo ezihamba phezulu ezintabeni,+Nesandi somlilo odangazelayo odla iindiza. Sinjengesizwana esinamandla esilungele idabi.+   Ziza kuba sentlungwini zonke izizwana ngenxa yaso. Bonke abantu baza kuphatsha ebusweni.   Sihlasela njengamakroti emfazwe,Sinyuka eludongeni njengamajoni,Ngamnye uhamba ngendlela yakhe,Ungqala phambili angajiki.   Asityhalani,Ngamnye uhamba ngendlela yakhe. Xa omnye ehlaselwa ngezixhobo* aze awe,Abanye abasuki endaweni yabo.   Siyagxalathelana ukungena esixekweni, sibaleka eludongeni. Sikhwela ezindlini, singene ngeefestile njengesela. 10  Phambi kwaso ilizwe liyangcangcazela namazulu ayanyikima. Ilanga nenyanga zijike zaba mnyama,+Kwafiphala nokukhanya kweenkwenkwezi. 11  UYehova uza kuthetha ngelizwi elikhulu phambi komkhosi wakhe wemfazwe,+ kuba inkampu yakhe inkulu kakhulu.+ Kuba lowo uphumeza ilizwi lakhe unamandla;Imini kaYehova inkulu yaye iyoyikeka kakhulu.+ Ngubani na onokumelana nayo?”+ 12  “Kodwa nangoku,” utsho uYehova, “buyelani kum ngeentliziyo zenu zonke,+Ngokuzila ukutya,+ ngokulila nangokwenza isijwili. 13  Krazulani iintliziyo zenu,+ ningakrazuli iimpahla zenu,+Nibuyele kuYehova uThixo wenu,Kuba unosizi nenceba, akakhawulezi ukucaphuka+ yaye unothando oluninzi olungagungqiyo,+Kwaye uza kuyirhoxisa intlekele yenu.* 14  Ngubani na owaziyo ukuba angajika abe nosizi*+Aze anishiyele intsikelelo,Ukuze nenze umnikelo wokutya okuziinkozo nomnikelo othululwayo kuYehova uThixo wenu? 15  Vuthelani uphondo eZiyon! Bhengezani* ixesha lokuzila ukutya, bizani abantu nibe nendibano engcwele.+ 16  Qokelelani abantu, lenzeni ngcwele ibandla.+ Qokelelani amadoda amadala,* qokelelani abantwana neentsana ezincancayo.+ Umyeni makaphume kwigumbi lakhe elingaphakathi, nomtshakazi egumbini lakhe. 17  Phakathi kweveranda nesibingelelo+Mabalile ababingeleli, abasebenzela uYehova, bathi: ‘Khawube nosizi ngabantu bakho, yhini Yehova,Sukubenza into yokuhlekisa abantu abalilifa lakho,Ubayeke balawulwe ziintlanga. Ungathini ukuziyeka izizwana zithi, “Uphi uThixo wabo?”’+ 18  UYehova uza kuba nekhwele ngelizwe lakheAze abasizele abantu bakhe.+ 19  UYehova uza kubaphendula abantu bakhe athi: ‘Ndiza kuninika ukutya okuziinkozo newayini entsha neoli,Ibe niza kwanela kuko,+Andizukuphinda ndinenze nibe yintlekisa ezintlangeni.+ 20  Ndiza kumgxothela kude kuni lowo uvela ngasemntla,Ndiza kumdudulela kwilizwe elingahlali bantu,Amajoni akhe aphambili ndiwase kulwandle* lwasempuma*Ndize lawo angasemva ndiwase kulwandle lwasentshona.* Ukunuka kwakhe kakubi kuza kunyuka,Nevumba lakhe elibi liza kunyuka,+Kuba yena uza kwenza izinto ezinkulu.’ 21  Sukoyika mhlaba. Vuya ube nemihlali, kuba uYehova uza kwenza izinto ezinkulu. 22  Sanukoyika nani zilwanyana zasendle,Kuba amadlelo asentlango aza kuba luhlaza,+Nemithi iza kuthwala iziqhamo,+Imithi yamafiya neyeediliya iza kuchuma.+ 23  Vuyani nibe nemihlali ngoYehova uThixo wenu, nina bonyana baseZiyon,+Kuba uza kuninika imvula eyaneleyo ngexesha lasekwindla,Aninike izantyalantyala,Imvula yasekwindla nemvula yasentwasahlobo, njengakuqala.+ 24  Amabala okubhula aza kugcwala ukutya okuziinkozo,Neefatyi zesixovulelo ziza kuphuphuma yiwayini entsha neoli.+ 25  Ndiza kunibuyekeza ngelahleko yeminyakaEbangelwe libubu leenkumbi, umqikela, iinkumbi ezitshabalalisayo neenkumbi ezibhuqayo,Ezingumkhosi wam omkhulu wamajoni endanithumela ngawo.+ 26  Ngokuqinisekileyo niza kutya nanele,+Nitsho nilidumise igama likaYehova uThixo wenu,+Onenzele yonke le mimangaliso,Soze baphinde bahlazeke abantu bam.+ 27  Niza kutsho nazi ukuba ndiphakathi kukaSirayeli+Nokuba ndinguYehova uThixo wenu,+ akakho omnye! Soze baphinde bahlazeke abantu bam. 28  Emva koko ndiza kuthulula umoya wam+ phezu kwalo lonke uhlobo lwabantu,*Yaye baza kuprofeta oonyana benu neentombi zenu,Amaxhego enu aza kuphupha amaphupha,Abafana benu babone imibono.+ 29  Nkqu naphezu kwezicaka nezicakakazi zamNdiza kuthulula umoya wam ngaloo mihla. 30  Ndiza kwenza imimangaliso* emazulwini nasemhlabeni,Igazi nomlilo nomsi omkhulu.+ 31  Ilanga liza kujika libe mnyama nenyanga ibe ligazi+Ngaphambi kokuba ifike imini enkulu neyoyikekayo kaYehova.+ 32  Wonke umntu othembela egameni likaYehova uza kusindiswa,+Kuba eNtabeni YaseZiyon naseYerusalem kuza kubakho abasindileyo,+ kanye njengoko watshoyo uYehova,Abasindileyo ababiziweyo nguYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “bomhlaba.”
Okanye “ngemijukujelwa.”
Okanye “kuzisola ngentlekele yenu.”
Okanye “azisole.”
Ngokoqobo, “Lenzeni ngcwele.”
Okanye “abadala.”
Ngokoqobo, “Ubuso bakhe bungakulwandle.”
Oko kukuthi, uLwandle Olufileyo.
Oko kukuthi, uLwandle LweMeditera.
Ngokoqobo, “lwenyama.”
Okanye “imihlola.”