Yoweli 3:1-21

  • UYehova ugweba zonke iintlanga (1-17)

    • Intlambo yakwaYehoshafati (2, 12)

    • Intlambo yesigqibo (14)

    • UYehova yinqaba kumaSirayeli (16)

  • UYehova usikelela abantu bakhe (18-21)

3  “Jongani! ngaloo mihla nangelo xesha,Xa ndibuyisa abathinjiweyo bakwaYuda nabaseYerusalem,+   Ndiza kuqokelela zonke iintlangaNdizihlisele entlanjeni yakwaYehoshafati.* Ndiza kuzigweba apho+Ngenxa yabantu bam nelifa lam uSirayeli,Kuba ziye zamsasaza phakathi kweentlanga,Zahlulelana ngelizwe lam.+   Zazisenza amaqashiso ngabantu bam,+Zazithengisa ngomntwana oyinkwenkwe kuba zifuna umfazi othengisa ngomzimba,Zithengise ngentombazana kuba zifuna ukusela iwayini.   Yintoni le ndinenze yona,Wena Tire neSidon nani nonke mimandla yamaFilisti? Ngaba niyaphindisa? Ukuba niyaphindisa,Ndiza kukhawuleza ndibuyekeze impatho yenu phezu kweentloko zenu.+   Kuba nithathe isilivere yam negolide yam,+Nazisa obona butyebi bam ezitempileni zenu,   AmaYuda nabantu baseYerusalem nibathengise kumaGrike,+Ukuze nibase kude nomhlaba wabo,   Ndiza kubavuselela ukuba babuye kuloo ndawo nibathengise kuyo,+Ibe ndiza kuyibuyisela kwiintloko zenu impatho yenu.   Ndiza kuthengisa oonyana benu neentombi zenu kumaYuda,+Ibe wona aza kubathengisa kumadoda akwaShebha, uhlanga olukude,Kuba uYehova uthethile.   Zixeleleni le nto iintlanga:+ ‘Lungelani* imfazwe! Vuselelani amadoda anamandla! Onke amajoni makasondele, makanyuke!+ 10  Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zokuthena imithi zibe yimikhonto. Ongenamandla makathi: “Ndinamandla.” 11  Yizani nize kunceda, nonke nina zintlanga zijikelezileyo, nize niqokelelane!’”+ Owu Yehova, wehlisele kuloo ndawo amakroti akho. 12  “Mazivuseleleke iintlanga, zinyuke ziye entlanjeni yakwaYehoshafati,Kuba ndiza kuhlala apho ukuze ndigwebe zonke iintlanga ezikufutshane.+ 13  Fakani irhengqa, kuba isivuno sivuthiwe. Yizani kuba isixovulelo sewayini sigcwele.+ Iifatyi zesixovulelo ziyaphuphuma, kuba ububi babo buninzi. 14  Izihlwele, izihlwele zisentlanjeni yesigqibo,*Kuba imini kaYehova isondele entlanjeni yesigqibo.*+ 15  Ilanga nenyanga ziza kuba mnyama,Neenkwenkwezi ziza kuyeka ukuqaqamba. 16  UYehova uza kugquma eseZiyon,Uza kulivakalisa ilizwi lakhe eseYerusalem. Izulu nomhlaba ziza kunyikima,Kodwa uYehova uza kuba yindawo yokubalekela yabantu bakhe,+Inqaba kumaSirayeli. 17  Kuza kufuneka nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, ohlala eZiyon, intaba yam engcwele.+ IYerusalem iza kuba yindawo engcwele,+Abasemzini abaphindi badlule kuyo.+ 18  Ngaloo mini iintaba ziza kuvuza iwayini enencasa,+Zona iinduli zibe nobisi oluninzi,Nemisinga yakwaYuda iza kuba namanzi amaninzi. Endlini kaYehova kuza kugqabhuka umthombo,+Kwaye uza kunkcenkceshela iNtlambo Yemithi Yomnga. 19  Kodwa iYiputa iza kuba yinkangala,+Ne-Edom iza kuba ngumhlaba owomileyo ongahlali mntu,+Ngenxa yobundlobongela ezibenze kumaYuda,+Ziphalaza igazi elimsulwa kwilizwe lawo.+ 20  Kodwa kuza kuhlala kukho abemi kwaYuda,NaseYerusalem kwizizukulwana ngezizukulwana.+ 21  Liza kuba msulwa kum igazi labo* elalingekho msulwa ngaphambili,+NoYehova uza kuhlala eZiyon.”+

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “UYehova NguMgwebi.”
Ngokoqobo, “Yenzeni ngcwele.”
Okanye “ethafeni lesigqibo.”
Okanye “zisethafeni lesigqibo.”
Okanye “ityala labo legazi.”