Zefaniya 2:1-15

  • Funani uYehova ingekafiki imini yomsindo wakhe (1-3)

    • Funani ubulungisa nokululama (3)

    • “Mhlawumbi niza kufihlwa” (3)

  • Kugwetywa iintlanga ezikufutshane (4-15)

2  Dibanani ndawonye, ewe, qokelelanani,+Luhlangandini lungenazintloni.+   Ngaphambi kokuba umthetho uqalise ukusebenza,Ngaphambi kokuba loo mini idlule kanye njengomququ,Ngaphambi kokuba umsindo kaYehova unifikele,+Ngaphambi kokuba inifikele imini yomsindo kaYehova,   Funani uYehova,+ nonke nina balulamileyo* bomhlaba,Nina bathobela imithetho yakhe yobulungisa.* Funani ubulungisa, funani ukululama.* Mhlawumbi niza kufihlwa ngemini yomsindo kaYehova.+   Kuba iGaza iza kuba sisixeko esilahliweyo,NeAshkelon iza kushiyeka ingenabantu.+ IAshdode iza kugxothwa emini emaqanda,Ne-Ekron iza kuncothulwa.+   “Baza kuthi shu abo bahlala ngaselwandle, uhlanga lwamaKereti!+ UYehova uyanigweba. Owu Kanan, lizwe lamaFilisti, ndiza kukutshabalalisa,Kungabikho kwamhlali usindayo.   Ummandla wolwandle uza kuba ngamadlelo,Ube namaqula abalusi neentlanti zamatye zeegusha.   Uza kuba ngummandla wabashiyekileyo bendlu kaYuda,+Baza kutyela apho. Ngokuhlwa baza kulala kwizindlu zaseAshkelon. Kuba uYehova uThixo wabo uza kubakhumbula,*Ababuyise abo bathinjiweyo.”+   “Ndisivile isigezo samaMowabhi+ nezithuko zama-Amoni,+Aye agezela abantu bam, aqhayisa ngokuthi aza koxutha umhlaba wabo.+   Ngoko ke, ndiphila nje,” utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli,“UMowabhi uza kufana nqwa neSodom,+Nama-Amoni afane neGomora,+Indawo yamarhawu,* umngxuma wetyiwa, indawo eza kuhlala ingenabantu.+ Abashiyekileyo ebantwini bam baza kuwoxuthela izinto zawo,Nabo bashiyekileyo kuhlanga lwam baza kuthimba izinto zawo. 10  Yiyo le into eza kubehlela ngenxa yekratshi labo,+Kuba bageza baza baziphakamisa ebantwini bakaYehova wemikhosi. 11  Baza kumoyika uYehova,Kuba uza kubatshabalalisa* bonke oothixo bomhlaba,Nazo zonke iziqithi zeentlanga ziza kuqubuda kuye,*+Ngasinye endaweni yaso. 12  Nani maTiyopiya niza kuxatyelwa likrele lam.+ 13  Uza kolulela isandla sakhe ngasemntla atshabalalise iAsiriya,NeNineve uza kuyenza ingahlali bantu,+ yome njengentlango. 14  Imihlambi iza kulala kuyo, nazo zonke izilwanyana zasendle.* Ingcwangube nencanda ziza kulala phakathi kweentsika zayo ezihonjisiweyo. Ilizwi liza kucula efestileni. Kuza kutshatyalaliswa emgubasini,Kuba uza kuwahluba amaplanga omsedare. 15  Siso esi isixeko esasizingomba isifuba sikhuselekile,Sisithi entliziyweni yaso, ‘Ndim lo, akakho omnye.’ Sisuke saba yinto eyothusayo,Indawo yokulala izilwanyana zasendle! Wonke umntu odlula ngakuso uza kubetha umlozi aze ashukumise inqindi lakhe.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ukuthobeka.”
Ngokoqobo, “isigwebo sakhe sobulungisa.”
Okanye “bathobekileyo.”
Okanye “kubahoya.”
Okanye “karhelejane.”
Okanye “kubanqinisa.”
Okanye “ziza kumkhonza.”
Ngokoqobo, “nawo onke amarhamncwa ohlanga.”