Zekariya 10:1-12

  • Yiceleni kuYehova imvula, hayi kwizithixo (1, 2)

  • UYehova umanyanisa abantu bakhe (3-12)

    • Indoda eyintloko iphuma kwindlu kaYuda (3, 4)

10  “Celani imvula kuYehova ngexesha lemvula yasentwasahlobo. NguYehova owenza amafu esiphango,Nobanika imvula,+Aze anike bonke abantu utyani emhlabeni.   Kuba izithixo zekhaya ziqhathile;*Nabavumisi bavumise ubuxoki. Babalisa ngamaphupha angancedi nganto,Akuncedi nganto nokuthuthuzela kwabo. Yiyo le nto beza kubhadula njengeegusha. Baza kuba sentlungwini, kuba akukho malusi.   Bandicaphukisile abalusi,Neenkokheli ezicinezelayo* ndiza kuziphendulisa;Kuba uYehova wemikhosi uwukhumbule umhlambi wakhe,+ indlu kaYuda,Uwenze wanjengehashe lakhe elinesidima edabini.   Indoda eyintloko* iphuma kuye,Umlawuli oxhasayo* uphuma kuye,Isaphetha sedabi siphuma kuye;Bonke abaphathi baphuma kuye,* xa bebonke.   Baza kuba njengamakroti,Begxampuza eludakeni kwizitrato zedabi. Baza kuqala imfazwe, kuba uYehova uyabaxhasa;+Nabakhweli bamahashe baza kuhlazeka.+   Ndiza kuyenza ibe namandla indlu kaYuda,Nendlu kaYosefu ndiza kuyisindisa.+ Ndiza kubabuyisela,Kuba ndiza kubenzela inceba;+Kuza kuba ngathi andizange ndibalahle;+Kuba ndinguYehova uThixo wabo, ibe ndiza kubaphendula.   Abo bakwaEfrayim baza kuba njengekroti,Nentliziyo yabo ibe nemihlali ngokungathi basele iwayini.+ Oonyana babo baza kuyibona loo nto, bavuye;Ivuyiswe nguYehova intliziyo yabo.+   ‘Ndiza kuhlaba ikhwelo ndize ndibaqokelele;Kuba ndiza kubakhulula,+ ibe baza kuba baninzi,Bahlale beyinyambalala.   Nangona ndibasasaza njengembewu phakathi kwezizwana,Baza kundikhumbula bekwiindawo ezikude;Baza kuphinda babe namandla kunye noonyana babo baze babuye. 10  Ndiza kubathatha elizweni laseYiputaNdibaqokelele eAsiriya;+Ndiza kubazisa elizweni laseGiliyadi+ nakwelaseLebhanon,Ibe ayikho indawo eza kubanela.+ 11  Ndiza kudlula elwandle ndilundlandlathekise;Ndiza kubetha amaza olwandle;+Zonke iinzulu zomNayile ziza koma. Ikratshi leAsiriya liza kuhliswa,Nentonga yobukhosi yaseYiputa iza kumka.+ 12  Mna, Yehova, ndiza kubenza babe namandla,+Ibe baza kuhamba-hamba egameni lam,’+ utsho uYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “zithethe into engaqhelekanga; zithethe into engaqondakaliyo.”
Ngokoqobo, “neenkunzi zeebhokhwe.”
Ngokoqobo, “inqaba esekoneni,” efanekisela indoda ebalulekileyo; inkosi.
Ngokoqobo, “isikhonkwane,” esifanekisela umntu oncedisayo; umlawuli.
Okanye “Zonke iinduna ziphuma kuye.”