Zekariya 14:1-21

  • Izithixo zipheliswa ngokupheleleyo (1-21)

    • INtaba Yeminquma iza kwahlukana phakathi (4)

    • UYehova uza kuba mnye, negama lakhe libe linye (9)

    • Izibetho eziya kubantu abalwa neYerusalem (12-15)

    • Babhiyozela iTheko Lamakhusi (16-19)

    • Zonke iimbiza ziza kuba ngcwele kuYehova (20, 21)

14  “Jonga! Iyeza imini kaYehova, imini yokwahlulwa kwamaxhoba akho* phakathi kwakho.  Ndiza kuziqokelela zonke iintlanga zilwe imfazwe neYerusalem; isixeko siza kuthinjwa, kuthathwe izinto ezindlini nabafazi badlwengulwe. Ihafu yesixeko iza kuthinjwa, kodwa bona abantu abashiyekileyo, abazukunqunyulwa esixekweni.  “UYehova uza kuphuma ayokulwa imfazwe nezo ntlanga+ njengaxa esilwa ngemini yedabi.+  Ngaloo mini iinyawo zakhe ziza kuma eNtabeni Yeminquma,+ engasempuma kweYerusalem; iNtaba Yeminquma iza kwahlukana phakathi, ukusuka empuma* ukuyokutsho entshona,* kubekho intlambo enkulu; yaye ihafu yentaba iza kushenxa iye emntla, ize enye iye emzantsi.  Niza kubalekela entlanjeni yeentaba zam, kuba intlambo yeentaba iza kufikelela eAzeli. Kuza kufuneka nibaleke, kanye njengokuba nabaleka inyikima ngemihla kaKumkani u-Uziya wakwaYuda.+ UYehova uThixo wam uza kuza, ehamba nabo bonke abangcwele.+  “Akuzukubakho kukhanya kuxabisekileyo ngaloo mini;+ izinto ziza kujiya.*  Iza kuba yimini enye eyaziwa ngokuba yekaYehova.+ Akuzukubakho mini, kungabikho busuku; yaye kuza kukhanya ngexesha langokuhlwa.  Ngaloo mini kuza kuphuma amanzi aphilayo+ eYerusalem,+ ihafu yawo iye kulwandle lwasempuma,*+ enye iye kulwandle lwasentshona.*+ Oku kuza kwenzeka ehlotyeni nasebusika.  UYehova uza kuba nguKumkani phezu komhlaba wonke.+ Ngaloo mini uYehova uza kuba mnye,+ negama lakhe libe linye.+ 10  “Lonke ilizwe liza kutshintsha libe njengeArabha,+ ukusuka eGebha+ ukuyokutsho eRimon+ ekumzantsi weYerusalem; liza kuphakama endaweni yalo kuze kubekho abantu abahlala kulo,+ ukusuka kwiGeyithi YakwaBhenjamin+ ukuya kwindawo yeGeyithi Yokuqala, nokuyokutsho kwiGeyithi Esekoneni, nokusuka kwiNqaba KaHananeli+ ukuyokutsho kwizixovulelo zewayini* zikakumkani. 11  Liza kuba nabantu abahlala kulo; alisoze liphinde liqalekiswe ukuba litshatyalaliswe,+ yaye iYerusalem iza kuhlala ikhuselekile.+ 12  “Nasi isibetho uYehova aza kubetha ngaso zonke izizwana ezilwa neYerusalem:+ Inyama yazo iza kubola ngoxa zimi ngeenyawo; amehlo azo abolele emakrolomeni awo, nolwimi lwazo lubolele emilonyeni yazo. 13  “Ngaloo mini kuza kubakho isiphithiphithi esikhulu esivela kuYehova phakathi kwabo; yaye ngamnye uza kubamba isandla somhlobo wakhe, baze bahlaselane.+ 14  NoYuda uza kulwa kuloo mfazwe iseYerusalem; ubutyebi bazo zonke iintlanga eziyijikelezileyo buza kuqokelelwa, igolide nesilivere neempahla ezininzi.+ 15  “Kuza kufika isibetho esifana nesi nasemahasheni, kwiimeyile, iinkamela, iidonki, nakuyo yonke imfuyo ekwezo nkampu. 16  “Bonke abo bashiyekileyo kuzo zonke ezo ntlanga zilwa neYerusalem, baza kunyuka minyaka le+ beyokuqubuda kuKumkani,* uYehova wemikhosi,+ baze babhiyozele iTheko Lamakhusi.*+ 17  Kodwa ukuba naluphi na uhlanga phakathi kweentlanga zomhlaba alunyuki luye eYerusalem ukuze luqubude kuKumkani, uYehova wemikhosi, aluzukufumana mvula.+ 18  Ukuba uhlanga lwaseYiputa alunyuki luze lungene esixekweni, aluzukufumana mvula. Kunoko, luza kufumana isibetho uYehova abetha ngaso iintlanga ezinganyukiyo zize kubhiyozela neTheko Lamakhusi.* 19  Esi iza kuba sisohlwayo ngenxa yesono seYiputa nesono sazo zonke iintlanga ezinganyukiyo zize kubhiyozela neTheko Lamakhusi.* 20  “Ngaloo mini kwiintsimbi zamahashe kuza kubhalwa amazwi athi ‘Ubungcwele bobukaYehova!’+ Neembiza*+ ezisendlini kaYehova ziza kuba njengezitya+ eziphambi kwesibingelelo. 21  Zonke iimbiza* eziseYerusalem nakwaYuda ziza kuba ngcwele zize zibe zezikaYehova wemikhosi, nabo bonke ababingelelayo baza kungena baze babilise inyama ngazo. Ngaloo mini akuzukubakho mKanan* endlini kaYehova wemikhosi.”+

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, isixeko ekuthethwa ngaso kwivesi 2.
Okanye “empumalanga.”
Ngokoqobo, “elwandle.”
Okanye “ziza kuqina,” ngokungathi ziqiniswe yingqele.
Oko kukuthi, uLwandle LweMeditera.
Oko kukuthi, uLwandle Olufileyo.
Okanye “kwiifatyi zesixovulelo.”
Okanye “beyokukhonza uKumkani.”
Okanye “Leminquba.”
Okanye “Leminquba.”
Okanye “Leminquba.”
Okanye “Neembiza ezinemilomo emikhulu.”
Okanye “iimbiza ezinemilomo emikhulu.”
Okanye kusenokwenzeka,“mthengisi.”