Zekariya 3:1-10

  • Umbono 4: Kutshintshwa iimpahla zombingeleli (1-10)

    • USathana uchasa uMbingeleli Omkhulu uYoshuwa (1)

    • ‘Ndiza kuzisa umkhonzi wam uHlumelo!’ (8)

3  Wandibonisa uYoshuwa+ umbingeleli omkhulu emi phambi kwengelosi kaYehova, noSathana+ emi ngasekunene kwakhe ukuze amchase.  Ingelosi kaYehova yathi kuSathana: “Kwanga uYehova angakukhalimela Sathana,+ ewe, kwanga uYehova, okhethe iYerusalem,+ angakukhalimela! Akasosikhuni esixhwilwe emlilweni na lo?”  UYoshuwa wayenxibe iimpahla ezimdaka, emi phambi kwengelosi.  Ingelosi yathi kwezo zazimi phambi kwayo, “Zikhululeni iimpahla zakhe ezimdaka.” Yathi kuye, “Jonga, ndisidlulisile kuwe isiphoso sakho,* ibe uza kunxityiswa iimpahla zodidi.”+  Ndathi ke mna: “Makathwaliswe iqhiya ecocekileyo entloko.”+ Zamthwalisa iqhiya ecocekileyo, zamnxibisa neempahla; yaye ingelosi kaYehova yayimi kufutshane.  Ingelosi kaYehova yathi kuYoshuwa:  “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Ukuba uhamba ezindleleni zam, uze uwenze umsebenzi wakho phambi kwam, uza kuba ngumgwebi endlini yam,+ uhoye* iyadi yam; yaye ndiza kukuvumela ukuba ufikelele kum kunye nezi zimi apha.’  “‘Khawumamele Yoshuwa Mbingeleli Omkhulu, wena noogxa bakho abahlala phambi kwakho, kuba bangumqondiso; jonga! ndizisa umkhonzi wam+ uHlumelo!+  Jonga ilitye endilibeke phambi kukaYoshuwa! Phezu kwalo kukho amehlo asixhenxe; yaye ndibhala umbhalo kulo,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘ibe ndiza kusisusa ngemini enye isiphoso selo lizwe.’+ 10  “‘Ngaloo mini,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘ngamnye wenu uya kumema ummelwane wakhe ukuba eze phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya.’”*+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ndilidlulisile kuwe ityala lakho.”
Okanye “ugade.”
Okanye “wamakhiwane.”