Zekariya 4:1-14

  • Umbono 5: Isiphatho sezibane nemithi emibini yeminquma (1-14)

    • ‘Ayingomandla, kodwa ngumoya wam’ (6)

    • Uze ungayideleli imini yeziqalo ezincinci (10)

4  Ingelosi eyayithetha nam yabuya yaza yandivusa, ngokungathi ivusa umntu osebuthongweni.  Yathi kum: “Ubona ntoni?” Ndathi: “Jonga! ndibona isiphatho sezibane, esiyigolide+ sonke, sinesitya phezu kwaso. Kukho izibane ezisixhenxe kuso,+ kwaye ezo zibane ziphezu kwaso zinemibhobho esixhenxe.  Ecaleni kwaso kukho imithi emibini yeminquma,+ omnye ungasekunene kwesitya omnye ungasekhohlo.”  Ndathi kwingelosi eyayithetha nam: “Zithetha ntoni ezi zinto, nkosi yam?”  Yona yabuza yathi: “Awazi na ukuba zithetha ntoni ezi zinto?” Ndathi: “Hayi nkosi yam.”  Ngoko yathi kum: “Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli: ‘“Akungamkhosi wamajoni, kungengamandla,+ kodwa kungomoya wam,”+ utsho uYehova wemikhosi.  Ungubani na wena, ntabandini inkulu? Phambi koZerubhabheli+ uza kuba lithafa.+ Yena uza kuzisa ilitye eliyintloko, kukhwazwe kusithiwa: “Aliselihle! Aliselihle!”’”  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Zizandla zikaZerubhabheli ezibeke isiseko sale ndlu,+ ibe zizo eziza kuyigqiba.+ Niza kutsho nazi ukuba nguYehova wemikhosi ondithumileyo kuni. 10  Kuba ngubani oyideleleyo imini yeziqalo ezincinci?*+ Baza kuvuya, bayibone intambo yokumeta* esesandleni sikaZerubhabheli. La ngamehlo asixhenxe kaYehova ajonga-jonga emhlabeni wonke.”+ 11  Ndayibuza: “Ithetha ntoni le mithi mibini yeminquma ingasekunene nasekhohlo kwesiphatho sezibane?”+ 12  Ndayibuza okwesibini, ndathi: “Zithetha ntoni ezi zihlahla* zibini zemithi yeminquma ekuphuma kuzo ioli yegolide ngemibhobho emibini yegolide?” 13  Yathi kum: “Awazi na ukuba zithetha ntoni ezi zinto?” Ndathi: “Hayi, nkosi yam.” 14  Yathi: “Aba ngabathanjiswa ababini abemi ecaleni kweNkosi yomhlaba wonke.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “yezinto ezincinci.”
Ngokoqobo, “balibone ilitye, itoti.”
Oko kukuthi, izihlahla zomthi ezineziqhamo.