Zekariya 5:1-11

  • Umbono 6: Umsongo obhabhayo (1-4)

  • Umbono 7: Isitya se-efa (5-11)

    • Umfazi ekuthiwa nguBubi (8)

    • Isitya sisiwa eShinare (9-11)

5  Ndaphinda ndajonga phezulu, ndabona umsongo obhabhayo.  Yathi kum: “Ubona ntoni?” Ndathi: “Ndibona umsongo obhabhayo, oziikubhite* eziyi-20 ubude, neekubhite eziyi-10 ububanzi.”  Yathi kum: “Esi sisiqalekiso sawo wonke umhlaba, ngenxa yokuba bonke abantu abangamasela khange bohlwaywe,+ nangona babeqalekiswe kweli cala lawo; nabo bonke abantu abenza isifungo+ khange bohlwaywe, nangona babeqalekiswe kwelinye icala lawo.  ‘Ndim obaqalekisileyo,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘yaye isiqalekiso siza kungena endlini yesela nasendlini yalowo wenza isifungo sobuxoki egameni lam; siza kuhlala kuloo ndlu size siyiqwenge namaplanga namatye ayo.’”  Ngoko ingelosi eyayithetha nam yasondela, yathi kum: “Ndicela ujonge phezulu, ubone ukuba yintoni le iphumayo.”  Ndathi: “Yintoni?” Yathi: “Sisitya se-efa* esi siphumayo.” Yaphinda yathi: “Banje abantu emhlabeni wonke.”  Ndabona isiciko selothe esirawundi siphakanyiswa, ibe kwakukho umfazi ohleli phakathi kweso sitya.  Yathi: “NguBubi lo.” Yamphosa phakathi kwesitya se-efa, emva koko yagadlela isiciko selothe emlonyeni weso sitya.  Ndajonga phezulu, ndabona abafazi ababini besondela, bebhabha emoyeni. Babenamaphiko afana nawengwamza. Basiphakamisa eso sitya phakathi komhlaba namazulu. 10  Ndathi kwingelosi eyayithetha nam: “Basisa phi isitya se-efa?” 11  Yathi kum: “Basisa kwilizwe laseShinare*+ ukuze bamakhele indlu; ibe xa seyilungile, uza kubekwa apho endaweni yakhe.”

Umbhalo osemazantsi

Ikubhite ilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Ngokoqobo, “Yiefa.” Apha ibhekisela kwibhaskithi eyayisetyenziswa ukuze kukalwe iefa. Iefa ilingana ne-22 L. Funda Isihlomelo B14.
Oko kukuthi, eBhabhiloni.