Zekariya 6:1-15

  • Umbono 8: Iinqwelo ezine (1-8)

  • UHlumelo uza kuba ngukumkani nombingeleli (9-15)

6  Ndaphinda ndajonga phezulu, ndabona iinqwelo ezine ziphuma phakathi kweentaba ezimbini, ibe ezo ntaba yayizezekopolo.  Inqwelo yokuqala yayinamahashe abomvu, yona eyesibini inamahashe amnyama.+  Inqwelo yesithathu yayinamahashe amhlophe, yona eyesine inamahashe anamachokoza namibala-bala.+  Ndathi kwingelosi eyayithetha nam: “Ziintoni ezi nkosi yam?”  Ingelosi yathi kum: “Aba ngoomoya abane bamazulu,+ abaphumayo emva kokuma endaweni yabo phambi kweNkosi yomhlaba wonke.+  Le* inamahashe amnyama iya kwilizwe lasemntla;+ wona amahashe amhlophe aya phesheya kolwandle; lawo anamachokoza aya kwilizwe lasemzantsi.  Wona ke lawo amibala-bala ayengxamele ukuhamba-hamba emhlabeni.” Emva koko yathi: “Hamba-hambani emhlabeni.” Ahamba-hamba ke emhlabeni.  Ngoko yandibiza yathi kum: “Jonga, lawo aphuma aye kwilizwe lasemntla abangele ukuba umoya kaYehova uhlale kwilizwe lasemntla.”  Ilizwi likaYehova laphinda lafika kum, lisithi: 10  “Thatha loo nto ayizisileyo uHeldayi, uTobhiya noYedaya ivela kubantu abathinjiweyo; ngaloo mini umele uye endlini kaYosiya unyana kaZefaniya apho bakhoyo aba bavela eBhabhiloni. 11  Uze ke uthathe isilivere negolide wenze isithsaba,* usibeke entloko kuYoshuwa+ umbingeleli omkhulu, unyana kaYehotsadaki. 12  Uze uthi kuye,“‘Uthi uYehova wemikhosi: “Yiyo le indoda egama layo linguHlumelo.+ Iza kuhluma endaweni yayo, ibe iza kwakha itempile kaYehova.+ 13  Yiyo eza kwakha itempile kaYehova, ibe yiyo eza kunikwa isidima. Iza kuhlala etroneni yayo, ilawule. Iza kuba nguye nombingeleli etroneni yayo,+ ibe kuza kubakho isivumelwano soxolo phakathi kwezo zigxina zozibini.* 14  Sona isithsaba* siza kuba sisikhumbuzo sikaHelem, uTobhiya, uYedaya+ noHen unyana kaZefaniya, etempileni kaYehova. 15  Abo bakude baza kuza bancedise ekwakheni itempile kaYehova.” Niza kutsho nazi ukuba nguYehova wemikhosi ondithumileyo kuni. Iza kwenzeka loo nto, ukuba niyalimamela ilizwi likaYehova uThixo wenu.’”

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, inqwelo.
Okanye “isithsaba esizukileyo.”
Oko kukuthi, isigxina sakhe sokuba ngumlawuli nesokuba ngumbingeleli.
Okanye “isithsaba esizukileyo.”