Zekariya 7:1-14

  • UYehova ugxeka ukuzila ukutya kobuxoki (1-14)

    • “Benizile ukutya ngenxa yam na?” (5)

    • ‘Phathanani ngobulungisa, ngothando nangenceba’ (9)

7  Ngonyaka wesine kaKumkani uDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya,+ ngomhla wesine kwinyanga yesithoba, oko kukuthi, uKislevu.*  Abantu baseBheteli bathuma uSharezere noRegem-meleki namadoda akhe ukuba bayokucenga uYehova,  bathi kubabingeleli bendlu* kaYehova wemikhosi nakubaprofeti: “Ndilile na ngenyanga yesihlanu+ ndize ndingatyi, njengokuba bendisenza kule minyaka mininzi kangaka?”  Laphinda lafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi:  “Yithi kubo bonke abantu belizwe nakubabingeleli, ‘Xa beningatyi, nilila ngenyanga yesihlanu nangenyanga yesixhenxe+ iminyaka eyi-70,+ beningatyi ngenxa yam na?  Xa benisitya, nisela, beningatyeli nina na, niziselela?  Anifanele na nithobele amazwi uYehova awawathetha ngabaprofeti+ bangaphambili, ngoxa iYerusalem nezixeko eziyijikelezileyo zazisenabantu, zihleli zikhululekile, nangoxa iNegebhi neShefela zazisenabantu?’”  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi:  “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Gwebani ngobulungisa,+ nize niphathane ngothando+ nangenceba. 10  Ningamqhathi umhlolokazi okanye umntwana ongenatata,*+ umntu wasemzini+ okanye ihlwempu;+ ningenzelani mayelenqe ezintliziyweni zenu.’+ 11  Kodwa babengavumi ukumamela,+ bafulathela ngenkani,+ neendlebe zabo bazivala ngci ukuze bangeva.+ 12  Intliziyo yabo bayenza yanjengedayimani,*+ yaye babengawuthobeli umthetho* namazwi uYehova wemikhosi awawathumela ngomoya wakhe esebenzisa abaprofeti bangaphambili.+ Ngoko wacaphuka kakhulu uYehova wemikhosi.”+ 13  “‘Kanye njengoko babengamameli xa ndibabiza,*+ nam ndandingamameli xa bendibiza,’+ utsho uYehova wemikhosi. 14  ‘Ndabathi saa ngesaqhwithi phakathi kwazo zonke iintlanga ababengazazi,+ nelizwe lashiyeka lingahlali bantu, kungekho mntu udlulayo okanye ubuyela kulo;+ kuba babejike ilizwe elithandekayo balenza into eyoyikekayo.’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “betempile.”
Okanye “inkedama.”
Okanye kusenokwenzeka, “yanjengelitye eliqinileyo.”
Okanye “umyalelo.”
Ngokoqobo, “ebabiza.”