Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 23

Bazali, Ncedani Abantwana Benu Bamthande UYehova

Bazali, Ncedani Abantwana Benu Bamthande UYehova

“Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo wakho wonke nangengqondo yakho yonke.”​—MAT. 22:37.

INGOMA 134 Abantwana Sibaphathiswe NguThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Kutheni zibaluleka kakhulu ezinye iZibhalo kuthi xa ubomi butshintsha?

 NGOSUKU lwabo olukhulu abatshati abahle bayimamelisisa kakuhle intetho yeBhayibhile ethetha ngomtshato. IZibhalo ekuthethwa ngazo kule ntetho abaqali ukuziva. Kodwa ukususela ngale mini ziza kubaluleka kakhulu kubo. Kutheni kunjalo? Kuba ngoku kuza kufuneka bazisebenzise emtshatweni wabo.

2 Kuyafana ke naxa amaKristu atshatileyo esiba ngabazali. Kusenokwenzeka ukuba kudala esiva iintetho ezithetha ngokukhulisa abantwana. Kodwa ngoku ezi ntetho ziza kubaluleka kakhulu kuwo. Aza kukhulisa owabo umntwana. Ayingomsebenzi ulula ke lo. Ngoko xa ubomi butshintsha ezinye iZibhalo ziye zibaluleke kakhulu kuthi. Esi sesinye isizathu sokuba abakhonzi bakaYehova bafunde iZibhalo “yonke imihla” yobomi babo, njengokuba kwakutshiwo kookumkani bakwaSirayeli, baze bacingisise ngazo.​—Dut. 17:19.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Bazali, ninenyhweba yokufundisa abantwana benu ngoYehova. Kodwa anifuni ukubafundisa nje ngaye, nifuna nokubanceda bamthande kakhulu. Ngoko ningakubethelela njani ukuthanda uYehova ezintliziyweni zabantwana benu? Kweli nqaku siza kuthetha ngemigaqo yeBhayibhile emine enokuninceda. (2 Tim. 3:16) Siza kubona nendlela okuye kwabanceda ngayo abanye abazali abangamaKristu ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile.

IMIGAQO EMINE ENOKUNCEDA ABAZALI

Kuza kubanceda ngantoni abantwana bakho ukusoloko ucela uYehova akukhokele nokuzenza izinto ozifundisayo? (Jonga isiqendu 4, 8)

4. Ngowuphi omnye umgaqo onokunceda abazali babethelele ukuthanda uYehova ezintliziyweni zabantwana babo? (Yakobi 1:5)

4 Umgaqo 1: Cela uYehova akukhokele. Mcele akunike ubulumko obudingayo ukuze uncede abantwana bakho bamthande. (Funda uYakobi 1:5.) Ngoyena Mntu ufanelekileyo unokukunika amacebiso ngenxa yezizathu ezininzi. Nazi ezimbini. Esokuqala, akukho mntu ukwazi njengoYehova ukuba kuthetha ukuthini ukuba ngumzali. (INdu. 36:9) Esesibini, amacebiso akhe asoloko esebenza.​—Isa. 48:17.

5. (a) Zeziphi izinto ezinceda abazali esizinikwa yintlangano kaYehova? (b) Njengokuba ubonile kwividiyo, ufunde ntoni kwindlela uMzalwana noDade Amorim ababakhulise ngayo abantwana babo?

5 NgeLizwi lakhe nangentlangano yakhe, uYehova wenze kwakho izinto ezininzi ezithetha ngeBhayibhile ezinokukunceda ukhulise abantwana ngendlela yokuba bamthande. (Mat. 24:45) Ngokomzekelo, unokufumana amacebiso aluncedo kumanqaku abesoloko evela kooVukani! Athi, “Ukunceda Iintsapho.” Kukho neevidiyo ezikwiwebhsayithi ethi jw.org/xh ezinokunceda abazali basebenzise izinto ezicetyiswa nguYehova xa bekhulisa abantwana babo. *​—IMize. 2:4-6.

6. Omnye utata uziva njani ngamacebiso abaye bawafumana nomfazi wakhe kwintlangano kaYehova?

6 Abazali abaninzi baye bayibulela kakhulu indlela uYehova abancede ngayo esebenzisa intlangano yakhe. Utata onguJoe uthi: “Ukukhulisela abantwana abathathu enyanisweni akuyondlwan’ iyanetha. Mna nomfazi wam sisoloko sithandaza kuYehova simcela asincede. Qho sinengxaki, bekubakho inqaku okanye ividiyo esincedayo kuloo ngxaki. Ubomi bethu bonke besisoloko sicela amacebiso kuYehova.” UJoe nomfazi wakhe baye bafumanisa ukuba la manqaku neevidiyo ziyabanceda abantwana babo bamthande uYehova.

7. Kutheni kubalulekile ukuba abazali bazigade izinto abazenzayo? (Roma 2:21)

7 Umgaqo 2: Fundisa ngezinto ozenzayo. Abantwana bayazibona izinto ezenziwa ngabazali babo futhi badla ngokubalinganisa. Inyaniso kukuba akakho umzali ongazenziyo iimpazamo. (Rom. 3:23) Sekunjalo, abazali abalumkileyo bazama ngazo zonke iindlela ukuzenza izinto ababafundisa zona abantwana babo. (Funda amaRoma 2:21.) Omnye utata uthi xa ethetha ngabantwana: “Bafana nesponji esifunxa yonk’ into le.” Uphinda athi: “Bayasixelela naxa singazenzi izinto esibafundisa zona.” Ngoko ukuba sifuna abantwana bethu bamthande uYehova, simele thina kuqala simthande kakhulu futhi bayibone loo nto.

8-9. Ufunde ntoni kwizinto ezithethwa nguAndrew noEmma?

8 Zininzi iindlela abazali abanokubafundisa ngazo abantwana babo ukuthanda uYehova. Khawuve into ethethwa ngumzalwana oneminyaka eyi-17, uAndrew. Uthi: “Abazali bam bebesoloko bendifundisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthandaza. Qho ebusuku utata wayedla ngokuthandaza nam nokuba mna sendizithandazele. Utata nomama babesoloko besithi xa bethetha nathi: ‘Ningathetha noYehova kangangoko nifuna.’ Indlela ababesoloko bethetha ngayo ngomthandazo yasebenza kakhulu kum, kangangokuba ndiyakhululeka ngoku xa ndithetha noYehova futhi ndimbona enguTata ondithandayo.” Bazali, ningaze niyithathe kancinci into yokuba indlela enimthanda ngayo uYehova ingabosulela nabantwana benu.

9 Khawucinge nangebali likaEmma. Utata wakhe wabashiya enamatyala amakhulu awayewenzile ekwafuneka umama wakhe ashiyeke ewabhatala. UEmma uthi: “Maninzi amaxesha apho umama wayekhe angabi namali, kodwa wayehlala ethetha ngendlela uYehova abahoya ngayo abakhonzi bakhe. Ndandibona nendlela aphila ngayo ukuba uyayikholelwa loo nto. Umama wayezenza izinto awayendifundisa zona.” Sifunda ntoni? Abazali banokufundisa ngezinto abazenzayo naxa kunzima.​—Gal. 6:9.

10. Ngawaphi amathuba ababesiba nawo abazali abangamaSirayeli okuncokola nabantwana babo? (Duteronomi 6:6, 7)

10 Umgaqo 3: Ncokola qho nabantwana bakho. UYehova wayalela amaSirayeli ukuba abafundise qho abantwana bawo. (Funda iDuteronomi 6:6, 7.) Abo bazali babenamathuba amaninzi okuncokola nabantwana babo baze babancede bamthande ngentliziyo yabo yonke uYehova. Ngokomzekelo, umfanyana ongumSirayeli wayesenokuchitha ixesha ekunye notata wakhe, betyala okanye bevuna. Udadewabo wayesenokuchitha ixesha elininzi ngosuku, ethunga, esaluka, esenza neminye imisebenzi yasendlini nomama wakhe. Xa aba bazali besebenza kunye nabantwana babo, babenokuncokola ngezinto ezininzi ezibalulekileyo. Ngokomzekelo, babenokuncokola ngendlela uYehova alunge ngayo, nendlela ayinceda ngayo intsapho.

11. Leliphi elinye ixesha lokuncokola nabantwana abanokulifumana abazali abangamaKristu?

11 Amaxesha atshintshile. Kumazwe amaninzi abazali nabantwana ababi kunye emini. Abazali basenokuba semsebenzini, abantwana bona babe sesikolweni. Ngenxa yaloo nto, abazali kufuneka bazame ukufumana ixesha lokuncokola nabantwana babo. (Efe. 5:15, 16; Fil. 1:10) Elo xesha lingafumaneka naxa kusenziwa unqulo lwentsapho. Omnye umzalwana osemtsha, uAlexander, uthi: “Utata usoloko esenza lubekho unqulo lwentsapho futhi uyaqiniseka ukuba akukho nto iluphazamisayo. Emva kokuba sifundile, siye sincokole.”

12. Yintoni emele ihlale isengqondweni yentloko-ntsapho xa iqhuba unqulo lwentsapho?

12 Ukuba uyintloko-ntsapho, yintoni onokuyenza ukuze abantwana bakho baluvuyele unqulo lwentsapho? Kutheni ungafundi nabo incwadi yethu entsha ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade? Le ncwadi ingenza kube lula ukuncokola kamnandi nabo. Ufuna abantwana bakho bangayifihli indlela abaziva ngayo, nezinto abanexhala lazo. Ngoko ixesha lonqulo lwentsapho mayingabi loxesha lokubangxolisa. Sukucaphuka naxa abantwana bethetha into engavumelaniyo neZibhalo. Endaweni yaloo nto vuyela le nto bekuchazela indlela abaziva ngayo, uze ubenze bangoyiki ukuthetha. Unokukwazi ukubanceda kakuhle abantwana bakho kuphela xa uyazi indlela abaziva ngayo.

Abazali banokuyisebenzisa njani indalo xa befundisa abantwana babo ngeempawu zikaYehova? (Jonga isiqendu 13)

13. Ngawaphi amanye amaxesha abazali abanokunceda ngawo abantwana babo bamthande uYehova?

13 Bazali, jongani nantoni na eninokuyifumana ngosuku eninokunceda ngayo abantwana benu bathande uYehova. Akunyanzelekanga ukuba nilinde de ibe lixesha lokufunda iBhayibhile ukuze nibafundise ngoThixo osithandayo. Omnye umama onguLisa uthi: “Siye safundisa abantwana bethu ngoYehova sisebenzisa indalo. Ngokomzekelo, xa abantwana bethu behlekiswa zizinto ezenziwa yinja yethu, siye sibaxelele indlela loo nto ebonisa ngayo ukuba uMdali wethu nguMntu owonwabileyo nobuthandayo ubomi njengathi.”

Bazali, niyazazi iitshomi zabantwana benu? (Jonga isiqendu 14) *

14. Kutheni kubalulekile ukuba abazali bancede abantwana babo bazikhethe kakuhle iitshomi? (IMizekeliso 13:20)

14 Umgaqo 4: Nceda abantwana bakho bakhethe iitshomi ezilungileyo. ILizwi LikaThixo lenza kucace ukuba abahlobo bethu banokusenza senze izinto ezilungileyo okanye ezimbi. (Funda iMizekeliso 13:20.) Bazali, niyazazi iitshomi zabantwana benu? Nikhe nazibona naza nahlala nazo? Yintoni eninokuyenza ukuze nincede abantwana benu babe neetshomi ezithanda uYehova? (1 Kor. 15:33) Ninokumema abantu abaqhuba kakuhle ebandleni ukuba baze kwenza izinto kunye nani ekhayeni lenu.​—INdu. 119:63.

15. Yintoni abanokuyenza abazali ukuze bancede abantwana babo babe neetshomi ezilungileyo?

15 Khawuve into ethethwa ngomnye utata onguTony. Uthetha ngento abayenzileyo yena nomfazi wakhe ukuze bancede abantwana babo babe neetshomi ezilungileyo. Uthi: “Kuyo yonke le minyaka mna nomfazi wam besimemela ekhayeni lethu abazalwana noodade, abadala nabancinci, nabakhule ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Besiye sitye sonke, sibe sonke nakunqulo lwentsapho. Le yindlela entle yokwazana nabantu abamthandayo uYehova nabamkhonza bevuya. Siye sakuvuyela ukuhlala nabaveleli beziphaluka, abathunywa bevangeli kunye nabanye ekhayeni lethu. Izinto abasibalisele zona, indlela abakhuthele ngayo nabazinikele ngayo enkonzweni, iye yanegalelo elikhulu ebantwaneni bethu yaza yabanceda bamthanda uYehova.” Bazali, zimiseleni ukubanceda abantwana benu babe neetshomi ezilungileyo.

UNGALAHL’ ITHEMBA

16. Uza kuthini xa umntwana esithi akafuni ukukhonza uYehova?

16 Uza kuthini ke ukuba kuyo yonke imizamo oyenzileyo omnye wabantwana bakho uthi akafuni ukukhonza uYehova? Ungacingi ukuba wohlulekile ukuba ngumzali. Sonke, nomntwana wakho lowo, uYehova usinike inkululeko yokuzikhethela ukuba siza kumkhonza na okanye asizukumkhonza. Ukuba ngeny’ imini umntwana wakho ugqiba ekubeni amshiye uYehova, yiba nethemba lokuba ngenye imini, uza kubuya. Usawukhumbula umzekeliso wonyana wolahleko? (Luka 15:11-19, 22-24) Loo mfana wenza izinto ezininzi ezimbi, kodwa ekugqibeleni, wabuya. Abanye basenokuthi, “hayi wethu libali njee elo, ingenzeka nyhani loo nto?” Ewe ingenzeka. Phofu yenzeka komnye umfana onguElie.

17. Into eyenzeka kuElie ikunika eliphi ithemba?

17 Xa ethetha ngabazali bakhe uElie uthi: “Benza konke okwakusemandleni abo ukubethelela kum uthando ngoYehova neLizwi lakhe, iBhayibhile. Kodwa ke, xa ndandikwishumi elivisayo, ndavukela.” UElie waqala ukwenza izinto ezingalunganga, ezifihla. Zange ayihoye indlela abazali bakhe ababemnceda ngayo ukuze ahlale engumhlobo kaYehova. Wemka ekhaya, waza wenza izinto ezimbi. Kodwa ngamany’ amaxesha wayekhe ancokole ngeBhayibhile netshomi yakhe. Uthi: “Okukhona ndithetha ngoYehova kumhlobo wam, bekuba kokukhona ndicinga ngaye. Ngokuthe ngcembe, imbewu yenyaniso eyayihleli entliziyweni kodwa ingazange ikhule​—leyo abazali bam babezame ngamandla ukuyityala kum​—yaqalisa ukuntshula.” Ekuhambeni kwexesha, uElie wabuyela enyanisweni. * Khawucinge indlela abamele ukuba bavuya ngayo abazali bakhe kuba bazama ukumfundisa esemncinci ukuthanda uYehova!​—2 Tim. 3:14, 15.

18. Uziva njani ngabazali abasebenza nzima befundisa abantwana babo ukuba bamthande uYehova?

18 Bazali nifumene inyhweba yokukhulisa abakhonzi bakaYehova bangomso. (INdu. 78:4-6) Ayingomsebenzi ulula ke lowo, kodwa siyanincoma ngokusebenza kwenu nzima ninceda abantwana benu. Ukuba aniyeki ukwenza konke okusemandleni enu ninceda abantwana benu bamthande uYehova, nibakhulisa ngokubaqeqesha nangokubafundisa ngendlela yakhe, qinisekani ukuba uTata wethu osemazulwini osithandayo uza kuvuya.​—Efe. 6:4.

INGOMA 135 “Yiba Sisilumko Nyana Wam”

^ Abazali abangamaKristu babathanda kakhulu abantwana babo. Basebenza nzima ukuze bafumane izinto abazidingayo nokuze bonwabe. Eyona nto ibaluleke kakhulu abayenzayo, kukwenza konke okusemandleni abo ukuze bancede abantwana babo bathande uYehova. Kweli nqaku siza kuthetha ngemigaqo emine yeBhayibhile enokunceda abazali bayenze kakuhle le nto.

^ Jonga ividiyo ethi, Safundiswa NguYehova Ukukhulisa Abantwana Bethu ekwiwebhsayithi ethi jw.org/xh.

^ Jonga inqaku elithi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi BabantukwiMboniselo ka-Aprili 1, 2012.

^ INGCACISO YOMFANEKISO: Utata uzama ukwazi iitshomi zomntwana wakhe, ngoko udlala ibasketball nonyana wakhe netshomi yonyana wakhe.