Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 22

Icebiso Lobulumko Elisinceda Yonke Imihla

Icebiso Lobulumko Elisinceda Yonke Imihla

“NguYehova onika ubulumko.”​—IMIZE. 2:6.

INGOMA 89 Mamela, Uthobele Uze Usikelelwe

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kutheni sidinga ubulumko obuvela kuThixo? (IMizekeliso 4:7)

 UKUBA kwakhe kwafuneka wenze isigqibo esibalulekileyo, siqinisekile ukuba wathandazela ubulumko kuba wawusazi ukuba uyabudinga. (Yak. 1:5) UKumkani uSolomon wabhala wathi: “Ubulumko yeyona nto ibalulekileyo.” (Funda iMizekeliso 4:7.) USolomon wayengathethi ngobulumko nje obuqhelekileyo. Wayethetha ngobulumko obuvela kuThixo. (IMize. 2:6) Kodwa ngaba ubulumko obuvela kuThixo bunokusinceda kwiingxaki esinazo namhlanje? Bungasinceda, njengokuba siza kubona kweli nqaku.

2. Yintoni enokusinceda silumke nyhani?

2 Enye into enokusinceda silumke nyhani kukufunda nokwenza izinto ezafundiswa ngamadoda amabini awayelumke kakhulu. Siza kuqala sithethe ngoSolomon. IBhayibhile ithi “uThixo wanika uSolomon ubulumko nokuqonda okuninzi.” (1 Kum. 4:29) Siza kuthetha nangoYesu, oyena mntu ulumkileyo wakha waphila apha emhlabeni. (Mat. 12:42) Kwaprofetwa kwathiwa ngaye: “Umoya kaYehova uza kuhlala phezu kwakhe, umoya wobulumko nowokuqonda.”​—Isa. 11:2.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 UThixo wanika uSolomon noYesu ubulumko obuninzi, ngoko babekwazi ukunikela amacebiso aluncedo kwizinto ezibaluleke kuthi sonke. Kweli nqaku siza kuthetha ngezintathu zazo: Ukubaluleka kokuyijonga kakuhle imali, umsebenzi wempangelo neziqu zethu.

UKUYIJONGA KAKUHLE IMALI

4. Babohluke njani ubomi bukaYesu kobukaSolomon?

4 USolomon wayesisityebi, ephila tofotofo. (1 Kum. 10:7, 14, 15) Yena uYesu wayengenazinto zininzi, engenayo nendlu le. (Mat. 8:20) Kodwa babekujonga kakuhle ukuba nezinto, kuba bobabini babebufumana kuYehova uThixo ubulumko.

5. USolomon wayeyijonga njani imali?

5 USolomon wavuma ukuba imali ‘iyakhusela.’ (INtshu. 7:12) Xa sinemali siyakwazi ukufumana izinto esizidingayo nezinye izinto esizifunayo. Kodwa nangona wayesisityebi, uSolomon waqonda ukuba zikhona izinto ezibaluleke ngaphezu kwemali. Ngokomzekelo wathi: “Igama elihle lingcono [okanye “ukuduma kakuhle kungcono,” umbhalo osemazantsi] kunobutyebi obuninzi.” (IMize. 22:1) Wabona nokuba abantu abathanda imali badla ngokungavuyiswa zizinto abanazo. (INtshu. 5:10, 12) Wathi singacingi ukuba imali yeyona nto ibalulekileyo, kuba kwaloo mali sinayo ingakhawuleza iphele.​—IMize. 23:4, 5.  

Ngaba indlela esikujonga ngayo ukuba nezinto kwenza kube nzima ukubeka uBukumkani kuqala ebomini bethu? (Jonga isiqendu 6-7) *

6. UYesu wayekujonga njani ukuba nezinto? (Mateyu 6:31-33)

6 UYesu wayekujonga kakuhle ukuba nezinto. Wayekunandipha ukutya nokusela. (Luka 19:2, 6, 7) Ngenye imini wenza ummangaliso wakhe wokuqala ngokwenza eyona wayini yodidi oluphezulu. (Yoh. 2:10, 11) Nangala mini wafa ngayo wayenxibe isambatho esiduru. (Yoh. 19:23, 24) Kodwa uYesu zange avumele ukuba nezinto kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakhe. Wathi kubalandeli bakhe: “Akukho mntu unokuba likhoboka leenkosi ezimbini . . . Aninakukhonza uThixo nibe nileqa nobuTyebi.” (Mat. 6:24) UYesu wafundisa ukuba xa sifuna uBukumkani kuqala, uYehova uza kuqiniseka ukuba sinazo izinto esizidingayo.​—Funda uMateyu 6:31-33.

7. Omnye umzalwana kuye kwamnceda njani ukuyijonga kakuhle imali?

7 Abazalwana noodade abaninzi baye bancedwa kukusebenzisa icebiso lobulumko likaYehova kwizinto ezidibene nemali. UDaniel umzalwana ongatshatanga uthi: “Ndisemncinci, ndazixelela ukuba ukukhonza uYehova kuza kuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bam.” Ngenxa yokuba engakhange azixakekise ngokuba nezinto ezininzi, uDaniel uye wakwazi ukusebenzela uYehova elwakhiweni naseBheteli. Uphinda athi: “Andizisoli tu ngesigqibo endasenzayo. Ngendinemali eninzi, ukuba leyo ibiyeyona nto ibalulekileyo ebomini bam, kodwa ngendingenabo aba bahlobo ndinabo. Ndonwabe kakhulu njengokuba ndisebenzela uYehova ibe bendingasoze ndonwabe ngolu hlobo ukuba bendihoye ukuba nemali. Uvuyo uYehova andinike lona lulogqitha lee uvuyo ebendinokuba nalo xa ndinemali eninzi.” Kucacile ukuba kuyasinceda ukwenzela uYehova izinto, kunokuzixakekisa ngemali.

UKUWUJONGA KAKUHLE UMSEBENZI WEMPANGELO

8. Sazi njani ukuba uSolomon wayewujonga kakuhle umsebenzi? (INtshumayeli 5:18, 19)

8 USolomon wathi ukusebenza nzima kunokumenza onwabe kakhulu umntu. Wathi “esi sisipho sikaThixo.” (Funda iNtshumayeli 5:18, 19.) Wathi: “Kukho umvuzo kulo lonke uhlobo lomsebenzi onzima.” (IMize. 14:23) USolomon wayeyazi le nto athetha ngayo. Wayesebenza nzima! Wakha izindlu, watyala amasimi eediliya, waza wenza iigadi namadama. Wakha nezixeko. (1 Kum. 9:19; INtshu. 2:4-6) Wasebenza nzima ibe siqinisekile ukuba loo nto yayimvuyisa. Kodwa uSolomon wayesazi ukuba ukuze onwabe nyhani kufuneka enze nezinye izinto. Wamenzela nezinto ezininzi uYehova. Ngokomzekelo, wamakhela itempile entle; umsebenzi owathatha iminyaka eyi-7. (1 Kum. 6:38; 9:1) Emva kokwenza izinto ezininzi ezahlukeneyo, uSolomon wabona ukuba eyona nto ibalulekileyo inokwenziwa ngumntu kukukhonza uYehova. Wabhala wathi: “Emva kwayo yonke le nto, ndingashwankathela ngokuthi: Yoyika uThixo wokwenene uze uthobele imiyalelo yakhe.”​—INtshu. 12:13.

9. UYesu wawugcina njani umsebenzi wakhe ukwindawo yawo?

9 UYesu wayesebenza nzima. Esemtsha wayengumchweli. (Marko 6:3) Siqinisekile ukuba abazali bakhe babekuvuyela ukuncedwa nguye njengoko bezama ukukhulisa intsapho yabo enkulu. Ekubeni wayengenasono izinto awayezenza zazikumgangatho ophezulu, ibe inoba zazifunwa ngabantu abaninzi. UYesu umele ukuba wayewuthanda kakhulu umsebenzi wakhe. Nangona wayezimisela emsebenzini wakhe, wayeqiniseka ukuba uzibekela ixesha lokukhonza uYehova. (Yoh. 7:15) Ekuhambeni kwexesha, xa wayeshumayela, wabacebisa wathi abantu ababemmamele: “Sanukusebenzela ukutya okutshabalalayo, kodwa sebenzelani ukutya okungatshabalaliyo, okunika ubomi obungunaphakade.” (Yoh. 6:27) NakwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wathi: “Buqokeleleni ezulwini ubutyebi benu.”​—Mat. 6:20.

Yintoni enokusinceda sihlale siwubeka kwindawo yawo umsebenzi wempangelo nemisebenzi yoBukumkani siyibeke kwindawo yayo? (Jonga isiqendu 10-11) *

10. Yintoni esenokuba yingxaki xa sizimisela kakhulu emsebenzini?

10 Ubulumko bukaThixo businceda siwujonge kakuhle umsebenzi wempangelo. NjengamaKristu sifundiswa ukuba ‘sisebenze nzima, sisenza izinto ezilungileyo.’ (Efe. 4:28) Abaqeshi bethu badla ngokubona ukuba sinenyani kwaye siyazimisela emsebenzini, ibe basenokusixelela ukuba bayawuthanda umsebenzi wethu. Ngenxa yaloo nto sisenokufuna ukusebenza iiyure ezininzi, sifuna ukuba abaqeshi bawajonge kakuhle amaNgqina KaYehova. Kodwa ukuba senza loo nto, sisenokungabi nalo ixesha elaneleyo lokuba kunye neentsapho zethu okanye elokwenza imisebenzi kaYehova. Simele sitshintshe indlela esenza ngayo izinto, ukuze sibe nexesha lokwenza ezona zinto zibalulekileyo.

11. Yintoni eyafundwa ngomnye umzalwana ngokuwujonga kakuhle umsebenzi?

11 Omnye umzalwana osemtsha, uWilliam, wazibonela ngokwakhe ukubaluleka kokuwubeka endaweni yawo umsebenzi wempangelo. Uthi ngomnye umdala awayekade emsebenzela: “[Lo mzalwana] ungumzekelo omhle womntu owujonga kakuhle umsebenzi. Usebenza nzima ibe uyanconywa ngabantu abathenga kuye ngenxa yomsebenzi wakhe omhle. Kodwa xa ilixesha lokutshayisa, uyagoduka awushiye umsebenzi aze ahoye intsapho yakhe noYehova. Nakuba kunjalo, ungomnye wabona bantu bonwabileyo kwendibaziyo.” *

UKUZIJONGA KAKUHLE IZIQU ZETHU

12. USolomon wabonisa njani ukuba akazicingeli bhetele, ibe watshintsha xa kutheni?

12 Xa wayengumkhonzi kaYehova othembekileyo, uSolomon wayengazicingeli bhetele. Esengumfana owayesand’ ukuba nguKumkani, wavuma ukuba kukho izinto angakwazi ukuzenza waza wacela uYehova ukuba amkhokele. (1 Kum. 3:7-9) Wayesazi ukuba kuyingozi kangakanani ukuba nekratshi. Wabhala wathi: “Ikratshi liphambi kwentlekele, nomoya wokuziphakamisa uphambi kokukhubeka.” (IMize. 16:18) Kodwa ke ekuhambeni kwexesha, uSolomon akazange alisebenzise icebiso lakhe. Waba nekratshi waza wayeka ukuyithobela imithetho kaThixo. Ngokomzekelo, omnye umthetho wawusithi ukumkani ongumHebhere kwakufuneka ‘angazifuneli abafazi abaninzi, ukuze intliziyo yakhe ingaphumi endleleni.’ (Dut. 17:17) USolomon zange awuhoye loo mthetho, wazifunela abafazi abayi-700 ababengamakhosazana nabanye abayi-300, ibe abaninzi babo babekhonza izithixo! (1 Kum. 11:1-3) Mhlawumbi wayecinga ukuba le nto ayizukumfaka engxakini. Kodwa ekuhambeni kwexesha wangena engxakini ngenxa yokungamthobeli uYehova.​—1 Kum. 11:9-13.

13. Yintoni esinokuyifunda xa sicinga ngokuthobeka kukaYesu?

13 UYesu wahlala ethobekile, engazicingeli bhetele. Ngaphambi kokuba aze emhlabeni, wamenzela izinto ezininzi ezimangalisayo uYehova. “Kwasetyenziswa yena ukudala zonke ezinye izinto ezisezulwini nasemhlabeni.” (Kol. 1:16) Ukubhaptizwa kwakhe, kusenokwenzeka ukuba wakhumbula izinto awazenzayo xa wayekunye notata wakhe. (Mat. 3:16; Yoh. 17:5) Kodwa ukukhumbula ezo zinto zange kumenze abe nekratshi. Zange enze izinto ezibonisa ukuba ucinga ukuba ubhetele kunabanye. Waxelela abafundi bakhe ukuba akezanga emhlabeni, “ukuze asetyenzelwe, kodwa uzele ukuba ibe nguye osebenzayo, aze anikele ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi.” (Mat. 20:28) Wathobeka waza wavuma ukuba akukho nanye into anokuyenza engathunywanga. (Yoh. 5:19) Wayethobeke nyhani uYesu. Wasibonisa umzekelo omhle esinokuwulinganisa.

14. UYesu usifundisa ukuba sizijonge njani?

14 UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bangazicingeli bhetele. Ngenye imini wabaqinisekisa wathi: “Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibalwe zonke.” (Mat. 10:30) Asithuthuzela kakhulu la mazwi, ingakumbi xa sithanda ukuzigxeka. Le nto itheth’ ukuba uTata wethu wasezulwini unomdla kuthi, sibalulekile kuye. Ukuba uYehova uyasivumela ukuba simkhonze, ibe ucinga ukuba siyakufanelekela ukuphila ngonaphakade kwihlabathi lakhe elitsha, asimele sicinge ukuba uyaphazama.

Yintoni enokwenzeka ukuba asizijongi ngendlela esimele sizijonge ngayo iziqu zethu? (Jonga isiqendu 15) *

15. (a) IMboniselo yasicebisa ukuba sizijonge njani? (b) Njengokuba sibona kumfanekiso okwiphepha 24, ukuba sihoye iziqu zethu kakhulu zeziphi iintsikelelo esiza kuphoswa zizo?

15 Kwiminyaka epha kweyi-15 edlulileyo, iMboniselo yasicebisa ngendlela esimele sizijonge ngayo, yathi: “Asimele sizicingele bhetele side sibe nekratshi; kodwa asimele sizijongele phantsi side sikhathazeke kakhulu. Kufuneka sizijonge kakuhle, sazi ukuba kukho izinto esikwazi ukuzenza kakuhle nesingakwaziyo ukuzenza. Elinye ibhinqa elingumKristu lathi: ‘Andingomntu ombi kakhulu; kodwa andinguye nolunge kakhulu. Njengomntu wonke, ndinezinto endikwazi ukuzenza kakuhle nendingakwaziyo ukuzenza.’” * Uyayibona indlela okukunceda ngayo ukuzijonga kakuhle?

16. Kutheni uYehova esinika icebiso lobulumko?

16 UYehova usinika icebiso lobulumko esebenzisa iLizwi lakhe. Uyasithanda, ibe ufuna sonwabe. (Isa. 48:17, 18) Eyona nto ibhetele sinokuyikhetha neza kusenza sonwabe nyhani kukuqhubeka sisenza izinto eziza kuvuyisa uYehova. Ukuba senza loo to asizukuba nazo iingxaki ababa nazo abantu abahoya kakhulu imali, umsebenzi wempangelo okanye iziqu zabo. Akwaba sonke singazimisela ukulumka size sivuyise intliziyo kaYehova!​—IMize. 23:15.

INGOMA 94 Siyalixabisa ILizwi LikaThixo

^ USolomon noYesu babelumke kakhulu. Babebufumana kuYehova uThixo ubulumko. Eli nqaku liza kusibonisa into esinokuyifunda kuSolomon noYesu ngokuyijonga kakuhle imali, umsebenzi wempangelo neziqu zethu. Siza kuva nokuba abanye abazalwana noodade baye bancedakala njani ngokusebenzisa icebiso leBhayibhile kwezi zinto.

^ Jonga inqaku elithi “Indlela Yokonwabela Ukusebenza NzimakwiMboniselo kaFebruwari 1, 2015.

^ Jonga inqaku elithi “IBhayibhile Inokukunceda Ufumane UlonwabokwiMboniselo ka-Agasti 1, 2005.

^ INGCACISO YOMFANEKISO: UJohn noTom ngabazalwana abasebatsha abasebandleni elinye. Ixesha elininzi uJohn uhoye imoto yakhe. UTom ukhwelisa abanye emotweni yakhe ukuya entsimini nakwiintlanganiso.

^ INGCACISO YOMFANEKISO: UJohn usebenza iovertime. Akafuni kumphoxa umqeshi wakhe. Ngoko xa umqeshi wakhe emcela ukuba asebenze nasemva kwexesha lomsebenzi, uyavuma. Kwangale mini inye, ngorhatya, uTom, osisicaka solungiselelo, ukhapha omnye umdala oya kwityelelo lokwalusa. UTom wamxelela umqeshi wakhe ukuba ngezinye iingokuhlwa ukhonza uYehova ibe akanakusebenza ngaloo maxesha.

^ INGCACISO YOMFANEKISO: UJohn uhoye isiqu sakhe. UTom umenza oyena mntu ubalulekileyo ebomini bakhe uYehova. Ngenxa yaloo nto ufumana abahlobo abatsha xa eyokuncedisa ekulungisweni kweHolo YeNdibano.