Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 21

Sithini ISityhilelo Ngento Eza Kwenzeka Kuwe Kwixesha Elizayo?

Sithini ISityhilelo Ngento Eza Kwenzeka Kuwe Kwixesha Elizayo?

“Amen! Yiza, Nkosi uYesu.”​—ISITYHI. 22:20.

INGOMA 142 Masibambelele Nkqi Kwithemba Lethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Sesiphi isigqibo ekufuneka sonke sisenze?

 SONKE sinesigqibo esibalulekileyo esimele sisenze. Ngaba siza kuxhasa uYehova uThixo sithi nguye onelungelo lokuba nguMlawuli wendalo, okanye siza kuba kwicala lotshaba lwakhe olukhohlakeleyo, uSathana uMtyholi? Wonk’ umntu ufanele acace ukuba ukweliphi icala. Into eza kugqiba ukuba yintoni eza kwenzeka kuthi kwixesha elizayo licala esilikhethayo. (Mat. 25:31-33, 46) Ngexesha “lentlungu engathethekiyo,” siza kufakwa uphawu, siphawulelwe ukusinda okanye ukutshabalala.​—ISityhi. 7:14; 14:9-11; Hez. 9:4, 6.

2. (a) AmaHebhere 10:35-39 asikhuthaza ukuba senze ntoni? (b) Isinceda njani incwadi yeSityhilelo?

2 Funda amaHebhere 10:35-39. Ukuba ukhethe ukuxhasa ulawulo lukaYehova, ukhethe kakuhle. Ngoku ufuna ukunceda abanye nabo bakhethe kakuhle. Ungasebenzisa into ethethwa kwincwadi yeSityhilelo ukuze ubancede. Le ncwadi ebangel’ umdla ichaza izinto eziza kwenzeka ebantwini abamchasayo uYehova, kodwa ichaza neentsikelelo eziza kufunyanwa ngabo baluxhasa ngokuthembeka ulawulo lwakhe. Kungasinceda ukuzifunda ezi mfundiso zibalulekileyo neziyinyaniso. Ukuzifunda kuza kusinceda sihlale sizimisele ukukhonza uYehova. Siza kukwazi nokunceda abanye bakhethe ukukhonza uYehova baze bahlale bemkhonza.

3. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

3 Kweli nqaku, siza kuphendula le mibuzo: Yintoni eza kwenzeka kubantu abaxhasa ulawulo lukaThixo? Iyintoni eza kwenzeka kwabo baxhasa irhamncwa elibomvu krwe, ekuthethwa ngalo kwincwadi yeSityhilelo?

YINTONI EZA KWENZEKA KUBANTU ABATHEMBEKILEYO?

4. Leliphi iqela umpostile uYohane alibona likunye noYesu ezulwini?

4 Embonweni, umpostile uYohane ubona amaqela amabini axhasa ulawulo lukaYehova nafumana iintsikelelo ezibubomi obungunaphakade. Kwiqela lokuqala ngabantu abayi-144 000. (ISityhi. 7:4) Bathathwa emhlabeni ukuze babe kuburhulumente, okanye kuBukumkani basezulwini, noYesu. Baza kulawula umhlaba kunye naye. (ISityhi. 5:9, 10; 14:3, 4) Kulo mbono, uYohane ubabona bemi noYesu kwiNtaba YeZiyon, ezulwini.​—ISityhi. 14:1.

5. Yintoni eseyiza kwenzeka kwabashiyekileyo be-144 000?

5 Sebebaninzi abantu abakhethiweyo ukuba babe kule 144 000 ukususela ngexesha labapostile. (Luka 12:32; Roma 8:17) Kodwa uYohane uxelelwa ukuba bambalwa abaza kube besemhlabeni ngemihla yokugqibela. “Abo bashiyekileyo” baza kubekwa “uphawu” lokugqibela lokuba uYehova uyabamkela ngaphambi kokuba kuqale intlungu engathethekiyo. (ISityhi. 7:2, 3; 12:17) Ngexesha lentlungu engathethekiyo, aba bashiyekileyo baza kuthathelwa ezulwini ukuze baye kudibana nabanye abakwi-144 000, abasweleke bethembekile. Apho baza kulawula kunye noYesu kuBukumkani BukaThixo.​—Mat. 24:31; ISityhi. 5:9, 10.

6-7. (a) Leliphi elinye iqela alibonayo uYohane? Sifunda ntoni ngalo? (b) Kutheni abashiyekileyo be-144 000 ‘nabakwisihlwele esikhulu’ bemele babe nomdla wokubona izinto ezikwiSityhilelo isahluko 7 zisenzeka?

6 Emva kokuba uYohane ebone iqela lasezulwini, ubona “isihlwele esikhulu.” Sona ke asinakubalwa, asifani ne-144 000. (ISityhi. 7:9, 10) Kuthiwani ngaso? Nantsi into ayixelelwayo uYohane: “Aba bantu baphuma kwixesha lentlungu engathethekiyo, baye bazihlamba iimpahla zabo zamhlophe egazini leMvana.” (ISityhi. 7:14) Emva kokuba esi ‘sihlwele sikhulu’ sisindile kwintlungu engathethekiyo, siza kuphila emhlabeni sonwabele iintsikelelo ezimangalisayo.​—INdu. 37:9-11, 27-29; IMize. 2:21, 22; ISityhi. 7:16, 17.

7 Nokuba uza kuphila ezulwini okanye emhlabeni, ngaba uyakholwa ukuba izinto ezikwiSityhilelo isahluko 7 ziza kwenzeka? Ufanele ukholwe. Iza kuba lixesha elimnandi nyhani eli kula maqela mabini abakhonzi bakaThixo! Siza kube singakwazi nokuzibamba luvuyo lokuba siye sakhetha ukuxhasa ulawulo lukaYehova. Yintoni enye esiyixelelwa yincwadi yeSityhilelo ngentlungu engathethekiyo?​—Mat. 24:21.

YINTONI EZA KWENZEKA EBANTWINI ABANGAMFUNIYO UTHIXO?

8. Iza kuqala njani intlungu engathethekiyo? Yintoni abaza kuyenza abantu abaninzi?

8 Kwinqaku elidlulileyo sifunde ukuba, abezopolitiko behlabathi sekukufutshane ukuba bayijikele iBhabhiloni Enkulu, ebubukhosi behlabathi beenkonzo zobuxoki. (ISityhi. 17:16, 17) Iza kuba kukuqala kwentlungu engathethekiyo ke oko. Ngaba loo nto iza kwenza abantu abaninzi bafune ukukhonza uYehova? Hayi khona. Endaweni yaloo nto, iSityhilelo 6 sibonisa ukuba ngelo xesha linzima, abantu abangamkhonziyo uYehova baza kubalekela kwabezopolitiko noosomashishini abakhulu bomhlaba, abafaniswa neentaba, befuna babakhusele. Ekubeni bengazukubuxhasa uBukumkani BukaThixo, uYehova uza kubon’ ukuba balwa naye.​—Luka 11:23; ISityhi. 6:15-17.

9. Yeyiphi indlela abaza kwahluka ngayo abantu bakaYehova ngexesha lentlungu engathethekiyo, ibe yintoni eza kwenzeka?

9 Abakhonzi abathembekileyo bakaYehova bona baza kwahluka nyhani kwabo bantu ngexesha elinzima lentlungu engathethekiyo. Nangelo xesha iza kuba ngabo qha abantu emhlabeni abakhonza uYehova uThixo nabangavumiyo ukuxhasa ‘irhamncwa.’ (ISityhi. 13:14-17) Ukungagungqi kwabo kuza kubacaphukisa abo bangamfuniyo uYehova, ize loo nto yenze ukuba iqela leentlanga lihlasele abantu bakaThixo emhlabeni wonke. Xa iBhayibhile iprofeta ngeli qela leentlanga liza kuhlasela abantu bakaThixo ngamandla afana nawegeza, ithi kukuhlasela kukaGogi wakwaMagogi.​—Hez. 38:14-16.

10. Ngokutsho kweSityhilelo 19:19-21, uza kuthini uYehova xa kuhlaselwa abantu bakhe?

10 Uza kuthini uYehova xa kuhlaselwa abantu bakhe ngenkohlakalo? Uthi: “Ndiza kucaphuka kakhulu.” (Hez. 38:18, 21-23) ISityhilelo isahluko 19 sichaza into eza kwenzeka emva koko. UYehova uza kuthumela uNyana wakhe ukuze akhusele abantu bakhe aze azoyise iintshaba zabo. UYesu uza kuba ekunye ‘nemikhosi yasezulwini,’ iingelosi ezithembekileyo ne-144 000. (ISityhi. 17:14; 19:11-15) Iza kuphelela phi le mfazwe? Baza kutshatyalaliswa bangaze baphinde babekho abantu nemibutho engamfuniyo uYehova!​—Funda iSityhilelo 19:19-21.

EMVA KWEMFAZWE, NGUMTSHATO

11. Yintoni ebalulekileyo eza kwenzeka ekuthethwa ngayo kwincwadi yeSityhilelo?

11 Khawucinge indlela abaza kuvuya ngayo abantu abathembekileyo xa besinde kwintshabalalo yeentshaba zikaThixo! Kuza kuvuywa nyhani ezulwini xa kutshatyalaliswe iBhabhiloni Enkulu, kodwa kukho nenye into eza kuvuyisa nakakhulu. (ISityhi. 19:1-3) Yeyona nto ibalulekileyo ekuthethwa ngayo kwincwadi yeSityhilelo, “umtshato weMvana.”​—ISityhi. 19:6-9.

12. Ngokutsho kweSityhilelo 21:1, 2, uza kuba nini umtshato weMvana?

12 Uza kuba nini lo mtshato? Bonke abathanjiswa abayi-144 000 baza kuba besezulwini ngaphambi nje kokuba iqale imfazwe yeArmagedon. Kodwa ke, elo iza kuba ingekabi loxesha lomtshato weMvana. (Funda iSityhilelo 21:1, 2.) Iza kutshata emva kwemfazwe yeArmagedon xa zonke iintshaba zikaThixo zingasekho.​—INdu. 45:3, 4, 13-17.

13. Lo mtshato uthetha ntoni kwiMvana nakwabo itshata nabo?

13 Lo mtshato uthetha ntoni kwiMvana nakwabo itshata nabo? Njengokuba umtshato umanyanisa indoda nomfazi, nalo umtshato umanyanisa uKumkani, uYesu Kristu, ‘nomtshakazi’ wakhe, abathanjiswa abayi-144 000. Loo msitho ubalulekileyo uza kuba kukuqala kokulawula kukaYesu ekunye ne-144 000 iminyaka eyi-1 000.​—ISityhi. 20:6.

ISIXEKO ESIZUKILEYO NENTO EZA KWENZEKA KUWE

ISityhilelo isahluko 21 sithetha ngombono wesixeko esiyiYerusalem Entsha “sisihla siphuma ezulwini kuThixo.” Kwiminyaka eyi-1000 siza kuthululela iintsikelelo ezininzi kubantu abathobelayo (Jonga isiqendu 14-16)

14-15. ISityhilelo isahluko 21 siyifanisa nantoni i-144 000? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

14 Xa siqhubeka iSityhilelo isahluko 21 sifanisa abathanjiswa abayi-144 000 nesixeko esihle kakhulu ekuthiwa ‘yiYerusalem Entsha.’ (ISityhi. 21:2, 9) Esi sixeko siphezu kwamatye esiseko ayi-12 ekubhalwe kuwo “amagama ayi-12 abapostile beMvana abayi-12.” Kwakutheni ukuze uYohane abe nomdla kule nto? Kaloku wabona igama lakhe libhalwe kwelinye laloo matye. Yayiyinyhweba nyhani leyo kuye!​—ISityhi. 21:10-14; Efe. 2:20.

15 Asikho isixeko esifana nesi. Isitrato saso esikhulu senziwe ngegolide esulungekileyo, iigeyithi eziyi-12 zenziwe ngeperile, iindonga neziseko zihonjiswe ngamatye axabisekileyo, futhi sinamacala amane alinganayo. (ISityhi. 21:15-21) Kodwa, ikhona into eshotayo apha! UYohane uthi: “Andizange ndibone tempile kuso, kuba uYehova uThixo uSomandla uyitempile yaso, neMvana iyiyo. Esi sixeko sasingadingi kukhanyiselwa lilanga nenyanga, kuba sasikhanyiselwa luzuko lukaThixo, yaye iMvana yayisisibane saso.” (ISityhi. 21:22, 23) Abo bayiYerusalem Entsha baza kuba kunye noYehova. (Heb. 7:27; ISityhi. 22:3, 4) Ngoko nguYehova noYesu itempile yesi sixeko.

Ngoobani abaza kufumana izinto ezimelwa ‘ngumlambo’ ‘nayimithi’? (Jonga isiqendu 16-17)

16. Yintoni eza kwenzeka ebantwini kwimiNyaka Eyi-1000 Yokulawula KoBukumkani BukaThixo?

16 Kuyabavuyisa abathanjiswa ukucinga ngesi sixeko. Kodwa nabantu abanethemba lokuphila emhlabeni banesizathu sokuba nomdla kuso. Kwiminyaka Eyi-1000 Yokulawula KoBukumkani BukaThixo, iYerusalem Entsha iza kuzisa iintsikelelo ezininzi emhlabeni. UYohane uzibona ezi ntsikelelo zisehla ‘njengomlambo wamanzi obomi.’ Kumacala omabini alo mlambo kukho “imithi yobomi” ‘enamagqabi okuphilisa iintlanga.’ (ISityhi. 22:1, 2) Ezo zinto zilungileyo, ziza kubanceda bonke abantu abaza kube bephila ngelo xesha. Kancinci kancinci, siza kuya siphela isono kubo bonke abantu abathobelayo. Soze kuphinde kubekho kugula, iintlungu neenyembezi zosizi.​—ISityhi. 21:3-5.

17. Ngokutsho kweSityhilelo 20:11-13, ngoobani abaza kufumana iintsikelelo zemiNyaka Eyi-1000 Yokulawula KoBukumkani BukaThixo?

17 Ziza kufunyanwa ngoobani ezi ntsikelelo zimangalisayo? Abokuqala abaza kuzifumana, sisihlwele esikhulu sabantu abasinde kwiArmagedon kunye nabantwana abasenokuzalwa kwihlabathi elitsha. Kodwa iSityhilelo isahluko 20 sithembisa nokuba abantu abaswelekileyo baza kuvuswa. (Funda iSityhilelo 20:11-13.) Abantu “abangamalungisa” abasweleka bethembekile “nabangengomalungisa,” abangazange bafumane thuba laneleyo lokufunda ngoYehova, baza kuvuselwa emhlabeni. (IZe. 24:15; Yoh. 5:28, 29) Ngaba le nto ithetha ukuba kwimiNyaka Eyi-1000 Yokulawula KoBukumkani BukaThixo kuza kuvuswa wonk’ umntu emhlabeni? Ayithethi loo nto. Abantu abangakhange bafune ngabom ukukhonza uYehova ngaphambi kokuba bafe abazukuvuswa. Balifumana ithuba, kodwa kwacaca ukuba abafuni kuphila kumhlaba oyiParadesi.​—Mat. 25:46; 2 Tes. 1:9; ISityhi. 17:8; 20:15.

INTO EZA KWENZEKA EKUGQIBELENI

18. Kuza kuba njani emhlabeni ekupheleni kweminyaka eyi-1 000?

18 Iya kuthi iphela iminyaka eyi-1 000, kube kungasekho nomnye umntu onesono emhlabeni. Kubantu abaza kube bephila ngelo xesha, azizukuphinda zibekho izinto ezibangelwa sisono eseza ngoAdam. (Roma 5:12) Isiqalekiso sesono sika-Adam siza kube sincothulwe neengcambu. Ngaloo ndlela, abo baza kube bephila emhlabeni baza ‘kubuyela ebomini’ kuba baza kuba bengasenasono ekupheleni kweminyaka eyi-1 000.​—ISityhi. 20:5.

19. Kutheni kufuneka abantu balingwe okokugqibela?

19 Siyazi ukuba uYesu wahlala ethembekile kuThixo naxa wayelingwa nguSathana. Kodwa ngaba bonke abantu abangenasono baza kuyenza loo nto xa uSathana enikwe ithuba lokubalinga? Umntu uza kukwazi ukuziphendulela lo mbuzo xa uSathana ekhululwa kumngxuma ongenasiphelo ekupheleni kweminyaka eyi-1 000. (ISityhi. 20:7) Abantu abangagungqiyo ngeli xesha baza kufumana ubomi obungunaphakade baze ekugqibeleni babe bayifumene eyona nkululeko. (Roma 8:21) Abo bavukela uYehova baza kutshatyalaliswa ngonaphakade, naloo Mtyholi needemon zakhe.​—ISityhi. 20:8-10.

20. Uziva njani ngeziprofeto ezivuyisayo ezikwincwadi yeSityhilelo?

20 Uziva njani emva kokuba ufunde ezi zinto zimbalwa kuthethwa ngazo kwincwadi yeSityhilelo? Akukuvuyisi ukuba nombono wakho uphila ngexesha ekwenzeka ngalo ezi ziprofeto zimangalisayo? Akukwenzi ufune ukubiza abanye baze kukhonza nawe uThixo ngendlela ayifunayo? (ISityhi. 22:17) Izinto esizifundileyo eziza kwenzeka kwixesha elizayo zisenza singakwazi ukuzibamba luvuyo, sitsho sifune ukuthetha into eyathethwa ngumpostile uYohane esithi: “Amen! Yiza, Nkosi uYesu.”​—ISityhi. 22:20.

INGOMA 27 Oonyana BakaThixo Baza Kutyhilwa

[Umbhalo osemazantsi]

^ Eli linqaku lokugqibela kumanqaku athetha ngencwadi yeSityhilelo. Into esiza kuyifunda kweli nqaku kukuba, abantu abahlala bethembekile kuYehova baza kuphila kamnandi kwixesha elizayo, kodwa abaluchasayo ulawulo lukaThixo baza kuthi shu.