Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iingcamango Ezenzakalisayo Ziyingozi Ngokwenene

Iingcamango Ezenzakalisayo Ziyingozi Ngokwenene

Iingcamango Ezenzakalisayo Ziyingozi Ngokwenene

“Ubuxoki busasazeka lula kunenyaniso.”—Ngamazwi kaMARK TWAIN.

“SIDENGENDINI somYuda!” watsho ngomsindo omnye umfundisi-ntsapho, njengoko wayeqhwaba umfundi oneminyaka esixhenxe ubudala. Wandula wathi abafundi abaseklasini mabadwele baze bamtshicele ebusweni.

Lo mfundisi-ntsapho nalo mfundi—owayengumtshana wakhe—babesazi kakuhle ukuba le nkwenkwe nabazali bayo babengengomaYuda. Babengekho nakunqulo lwamaYuda. Kunoko babengamaNgqina kaYehova. Esebenzisa umkhethe okho ngokubanzi nxamnye namaYuda, lo mfundisi-ntsapho wayephembelela ukuba kuthiywe lo mfundi. Kangangeminyaka lo mfundisi-ntsapho neklasi yakhe babexelelwa ngumfundisi wabo ukuba amaNgqina kaYehova ayacekiseka. Abazali balo mfana babebizwa ngokuba ngamaKomanisi namagosa eCIA (Central Intelligence Agency). Ngoko abo bafunda nalo mfana badwela, belungele ukusitshicela ebusweni ‘isidenge somYuda.’

Lo mfana usekho yaye ukwazile ukusibalisela amava akhe. Kodwa amaYuda azizigidi ezithandathu ahlala eJamani nakumazwe angabamelwane nawayephila kwiminyaka engama-60 eyadlulayo akazange akwazi. Kwasetyenziswa iingcamango ezenzakalisayo ekutshabalaliseni loo maYuda kumagumbi okubulala anegesi eyityhefu nakwiinkampu zoxinaniso zamaNazi. Ukungafunwa kwamaYuda okwandileyo, okunzulu nokukhohlakeleyo kwakhokelela ekubeni abaninzi bawajonge amaYuda njengeentshaba ezifanele zitshatyalaliswe ngokusemthethweni. Ngenxa yaloo nto, iingcamango ezenzakalisayo zaba sisixhobo sokubulala inyambalala yabantu.

Ewe, iingcamango ezenzakalisayo zinokubonakaliswa ngokuphandle ngokusetyenziswa kweempawu zentiyo ezinjengeswastika okanye ngendlela echuliweyo zibonakaliswe ngokwenziwa kweziqhulo ezinomkhethe. Ezi ngcamango zidla ngokubonakaliswa ngokuthe rhoqo ngoozwilakhe, abezobupolitika, abefundisi, ababhengezi, abarhwebi, abachola-choli beendaba, abantu abadumileyo kunomathotholo okanye kumabonwakude, abasasazi nabanye abathanda ukuphembelela indlela abantu abacinga nabenza ngayo izinto.

Kambe ke, ezi ngcamango zinokusetyenziswa ukuphumeza iinjongo eziluncedo kuluntu ngokubanzi, njengakumaphulo okunciphisa ukusela uze uqhube. Kwakhona iingcamango eziyingozi zinokusetyenziselwa intiyo yobuhlanga okanye eyamaqela amancinane onqulo okanye ukukhuthaza abantu ukuba bathenge imidiza yecuba. Umphengululi uAnthony Pratkanis noElliot Aronson bathi: “Mihla le singxixhwa ngesibhengezo esinye emva kwesinye. Ezi zibhengezo azikhethisi, kodwa zisebenzisa izinto esizithandayo nezona mvakalelo zethu zisisiseko. Enoba kuyintoni na, isizukulwana sethu sizele ziingcamango.”

Iingcamango ezenzakalisayo ziye zasetyenziswa njani ukuze zichaphazele indlela abantu abacinga nabenza ngayo izinto ukutyhubela iinkulungwane? Unokwenza ntoni ukuze uzikhusele kwiingcamango eziyingozi? Ngaba ukho umthombo wenkcazelo onokuthenjwa? Le mibuzo neminye iya kuxutyushwa kumanqaku alandelayo.

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Iingcamango ezenzakalisayo zasetyenziselwa ukuxhaphaza amaYuda ngexesha lokuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo