Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Musa Ukuba Lixhoba Leengcamango Ezenzakalisayo!

Musa Ukuba Lixhoba Leengcamango Ezenzakalisayo!

Musa Ukuba Lixhoba Leengcamango Ezenzakalisayo!

“Isidenge sikholelwa yonke into.”—IMIZEKELISO 14:15, TODAY’S ENGLISH VERSION.

KUKHO umahluko—umahluko omkhulu—phakathi kwemfundo neengcamango ezenzakalisayo. Imfundo ikufundisa indlela yokucinga. Iingcamango ezenzakalisayo zikuxelela into omawuyicinge. Abafundisi abalungileyo bawuvelela macala onke umbandela baze bakhuthaze abantu ukuba baxubushe ngawo. Abo bakhuthaza iingcamango ezenzakalisayo bakunyanzelela ukuba uphulaphule imbono yabo ibe abakhuthazi ukuba kucingwe. Ezona njongo zabo zidla ngokungacaci. Bayazihluza izibakala, basebenzise kakubi ezo ziluncedo baze bazifihle ezinye. Kwakhona bayazigqwetha baze bazijije izibakala, bahamba bodwa ngobuxoki neenyaniso ezingavakaliyo. Basebenzisa iimvakalelo zakho, kungekhona amandla akho okucinga.

Umntu osasaza iingcamango ezenzakalisayo uyaqinisekisa ukuba oko akuthethayo kubonakala kulungile, kangangokuba uzive ubalulekile okanye wamkelekile xa ukulandela. Unengqondo, akuwedwa, ukhuselekile yaye akunasizathu sakuxhalaba—bafuna uvakalelwe ngolo hlobo.

Unokuzikhusela njani kuhlobo lwabantu iBhayibhile ethi ‘bathetha izinto ezingeyongenelo, ‘bengabakhohlisi bengqondo’? (Tito 1:10) Ukuba uqhelene namaqhinga abo, ungoyena mntu ukwaziyo ukuhlalutya nayiphi na inkcazelo oyinikwayo. Nazi ezinye iindlela zokwenjenjalo.

Khetha: Ingqondo evuleke ngokupheleleyo inokufaniswa nombhobho ovumela yonke into idlule kuwo—nenkqubo yogutyulo. Akakho umntu ofuna ukutyhefa ingqondo yakhe. USolomon owayengukumkani nomhlohli kumaxesha amandulo walumkisa ngelithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” (IMizekeliso 14:15) Ngoko kufuneka sikhethe. Kufuneka sihlolisise nantoni na esiyixelelwayo, senze isigqibo ngento esimele siyenze nemasingayenzi.

Noko ke, asifuni kuvala ingqondo kangangokuba singafuni ukwamkela izibakala ezinokuphucula indlela esicinga ngayo. Sinokulungelelana njani? Ngokufumana imilinganiselo esinokuhlola ngayo inkcazelo entsha. Apha umKristu unomthombo wobulumko. UneBhayibhile elukhokelo oluqinisekileyo lwendlela acinga ngayo. Kwelinye icala, ingqondo yakhe ivulekile, nto leyo ethetha ukuba iyakwazi ukwamkela inkcazelo entsha. Uyihlolisisa kakuhle le nkcazelo intsha eyithelekisa nemilinganiselo yeBhayibhile aze anxibelelanise oko kuyinyaniso kwindlela acinga ngayo. Kwelinye icala, ingqondo yakhe ibona ubungozi benkcazelo engavisisani ngokupheleleyo nemilinganiselo esekelwe eBhayibhileni.

Sebenzisa ingqiqo: Ingqiqo “bubuchule bokugweba.” “Ngamandla okanye ubuchule bengqondo bokwahlula into ethile kwenye.” Umntu onengqiqo uyakwazi ukuqonda ubuqili bento okanye izinto yaye unogwebo oluhle.

Ukuba sisebenzisa ingqiqo, siya kukwazi ukubaqonda abo basebenzisa ‘ukuthetha okugudileyo nentetho yokutyibela ukuze balukuhle iintliziyo zabo bangenabuqhokolo.’ (Roma 16:18) Ingqiqo ikunceda ukwazi ukubekela bucala inkcazelo engachananga nezibakala ezilahlekisayo uze uhlolisise umongo wombandela. Kodwa ungayiqonda njani into elahlekisayo?

Yivavanye inkcazelo: UYohane, owayengumfundisi ongumKristu wenkulungwane yokuqala wathi: “Zintanda, musani ukuwakholelwa onke amazwi aphefumlelweyo, kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo.” (1 Yohane 4:1) Abanye abantu namhlanje bafana neziponji; bafunxa yonke nje into abadibana nayo. Kulula gqitha ukungenisa nantoni na esidibana nayo.

Kodwa kubhetele gqitha ukuba mntu ngamnye azikhethele into aya kondla ngayo ingqondo yakhe. Kukho intetho ethi umntu ubonakala kuloo nto ayityayo, yaye oku kungasebenza ekutyeni okuqhelekileyo nokwengqondo. Akukhathaliseki nokuba ufunda okanye ubukela okanye uphulaphula ntoni na, yivavanye ukuba ayinazingcamango zenzakalisayo kusini na okanye iyinyaniso kusini na.

Ngaphezu koko, ukuba sifuna ukuba ngabachubekileyo, simele sikulungele ukuba sisoloko sihlolisisa izimvo zethu njengoko singenisa inkcazelo entsha. Simele siyiqonde into yokuba, ngapha koko, zizimvo nje. Ukuthembeka kwazo kuxhomekeke kubunyani bezibakala, kumgangatho wendlela esiqiqa ngayo nakwimilinganiselo esikhetha ukuyisebenzisa.

Buza imibuzo: Njengoko sele sibonile, kukho abaninzi namhlanje abangathanda ‘ukusirhwebesha ngeengxoxo ezeyisayo.’ (Kolose 2:4) Ngoko xa sinikwa iingxoxo ezeyisayo, sifanele sibuze imibuzo.

Okokuqala, hlosisisa enoba kukho umkhethe. Yintoni injongo yale nkcazelo? Ukuba le nkcazelo izele izinyeliso nezithuko, kutheni kunjalo nje? Xa uzibekela ecaleni izinyeliso, yintoni injongo yale nkcazelo? Kwakhona, ukuba kunokwenzeka, zama ukuhlola indlela abadume ngayo abo bathethayo. Ngaba badume ngokuthetha inyaniso? Ukuba kusetyenziswa “iimbekiselo,” zivela koobani okanye ziziphi? Kutheni ufanele umthembe lo mntu—okanye intlangano okanye impapasho—njengenolwazi olukumgangatho ophezulu okanye inkcazelo enokuthenjwa kulo mbandela okanye kulo mbuzo? Ukuba uvakalelwa kukuba yenzelwe ukufikelela iimvakalelo, zibuze, ‘Xa uyijongisisa kakuhle, ziyintoni iinjongo zale nkcazelo?’

Musa ukuhamba nje nomndilili: Ukuba uyayiqonda into yokuba izinto ezicingwa ngabanye abantu zisenokuba azichananga, unokuzama ukucinga ngendlela eyahlukileyo. Ngoxa kusenokubonakala ukuba wonke umntu ucinga ngendlela efanayo, ngaba loo nto ithetha ukuba nawe ufanele wenjenjalo? Izimvo zomntu wonke azingqini ubunyaniso bento. Ukutyhubela iinkulungwane zonke iindidi zeengcamango ziye zamkelwa ngumntu wonke, zaza zafunyaniswa zingachananga kamva. Sekunjalo, la mnqweno wokuhamba nomndilili usekho. Umyalelo ofumaneka kwiEksodus 23:2 ungumgaqo ofanelekileyo kule nkalo: “Uze ungalandeli isihlwele esineenjongo ezimbi.”

Ulwazi Lokwenyaniso Nxamnye Neengcamango Ezenzakalisayo

Ngaphambili, kuye kwaboniswa ukuba iBhayibhile ilukhokelo oluqinisekileyo ekucingeni ngendlela efanelekileyo. Ngokuqinisekileyo amaNgqina kaYehova ayavumelana namazwi kaYesu abhekiswa kuThixo athi: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Kunjalo kanye kuba uThixo, uMbhali weBhayibhile, ‘nguThixo wenyaniso.’—INdumiso 31:5.

Ewe, kweli xesha leengcamango ezenzakalisayo, singakhangela ngokuqiniseka kwiLizwi likaYehova njengomthombo wenyaniso. Ekugqibeleni oku kuya kusikhusela kwabo bafuna ‘ukusixhaphaza ngamazwi alalanisayo.’—2 Petros 2:3.

[Umfanekiso okwiphepha 17]

Ukuba nengqiqo kuya kukunceda ubekele bucala inkcazelo engachananga okanye elahlekisayo

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

Hlola nantoni na oyifundayo okanye oyibukelayo, ukuze ubone ubunyaniso bayo

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Ingcamango eqhelekileyo ayisoloko iyenokuthenjwa

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Sinokukhangela ngentembelo kwiLizwi likaThixo njengomthombo wenyaniso