Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ncuma—Kuya Kukunceda Oko!

Ncuma—Kuya Kukunceda Oko!

Ncuma—Kuya Kukunceda Oko!

NGUMBHALELI KAVUKANI! EJAPAN

XA LULOLOKWENENE zitsho zihle izibilini. Luphelisa ikhethe elafumba kangangeminyaka. Luphelisa ukungakholelwa nokungathembani. Lubangela isiqabu novuyo kwabaninzi. Luthi, “Ndiyaqonda. Ungazikhathazi.” Luyacenga lusithi, “Ndinqwenela ukuba sibe ngabahlobo.” Siyintoni esi sixhobo sinamandla? Luncumo. Isenokuba luncumo LWAKHO.

Luyintoni uncumo? Ngokuqhelekileyo izichazi-magama ezininzi ziluchaza uncumo ‘njengenkangeleko yobuso apho iikona zomlomo zinyuka kancinane, ukubonakalisa ulonwabo, ukukholiswa yinto ethile okanye uvuyo.’ Yiyo ke imfihlelo yoncumo olufudumeleyo. Uncumo yindlela ubani azivakalisa ngayo iimvakalelo zakhe kwabanye ngaphandle kwamazwi. Kakade ke, uncumo lunokubonakalisa ukugculela okanye ukudelela, kodwa yenye inkalo ke leyo.

Ngaba ngokwenene ukuncuma kwenza umahluko? Kaloku, ngaba uyakhumbula xa uncumo lothile lwazisa isiqabu okanye lwakwenza waziva ukhululekile? Okanye xa ubani owayengenaluncumo wakwenza waziva usoyika okanye ungafunwa? Ewe, uncumo luyawenza umahluko. Luchaphazela lowo uncumayo nalowo uncunyelwayo. Umntu oseBhayibhileni uYobhi wathi ngeentshaba zakhe: “Ndandibancumela—bangakholelwa—nokukhanya kobuso bam babengakufiphazi.” (Yobhi 29:24) ‘Ukukhanya’ kobuso bukaYobhi kwakunokuthetha ulonwabo okanye ukuchwayita.

Nanamhlanje oko kusenokuba nempembelelo efanayo nentle. Uncumo olufudumeleyo lusenokuphelisa ungquzulwano obelunokubakho. Lusenokusebenza njengentunja yokukhupha umphunga kwimbiza yomphunga. Xa siziva sixinezelekile okanye sikhathazekile, uncumo lungasinceda ukuba sinciphise olo xinezeleko size sihlangabezane nokukhathazeka. Ngokomzekelo, ngokufuthi uTomoko wayephawula ukuba abanye babehlala bemjongile. Wayecinga ukuba babemgxeka, njengoko babethi bajonge ecaleni xa ebajonga. UTomoko wayeziva elilolo yaye engonwabanga. Ngeny’ imini umhlobo wamcebisa ukuba abancumele abantu xa bemjongile. UTomoko wakuzama oko kangangeeveki ezimbini yaye wamangaliswa xa wonke umntu emncumela! Uxinezeleko lwaphela. Uthi: “Kumnandi nangakumbi ukuphila.” Ewe, uncumo lusenza sizive sikhululeke nangakumbi kwabanye yaye lusinceda sibe nobubele nangakumbi.

Igalelo Elihle Olunalo Kuwe Nakwabanye

Uncumo lunokumchaphazela umntu ngokweemvakalelo. Lunceda ubani abe nesimo sengqondo esihle. Lukwayingenelo nasempilweni. Kukho intetho yesiNgesi ethi, “Ukuhleka liyeza elilungileyo.” Enyanisweni, amagosa ezonyango athi isimo sengqondo somntu senza okuthile kwimpilo yakhe engokwasemzimbeni. Uhlolisiso olwenziwe izihlandlo ezininzi lubonisa ukuba ukuxinezeleka ixesha elide, iimvakalelo ezingentle nokufanayo kudodobalisa inkqubo yethu yomzimba yokuzikhusela. Kweliny’ icala, ukuncuma kusenza sizive sonwabile, yaye ukuhleka kuqinisa inkqubo yethu yomzimba yokuzikhusela.

Uncumo lunegalelo elikhulu kwabanye. Khawube nomfanekiso-ngqondweni ululekwa okanye uyalwa. Yinkangeleko enjani obunokuthanda ukuyibona ebusweni balowo ukululekayo? Ukungatyhileki okanye ukuba ntshingintshingi kunokubonakalisa ukuba nomsindo, ukucaphuka, ukukhaba ngawo omane okanye intiyo. Kwelinye icala, ngaba uncumo olufudumeleyo kubuso balowo ukululekayo belungenakukwenza uzive ukhululekile yaye ngaloo ndlela usamkele lula ngakumbi isiluleko? Ngokuqinisekileyo, uncumo lunceda ukunciphisa ukungaqondani kwiimeko ezingentle.

Iingcinga Ezintle Zenza Kube Lula Ngakumbi Ukuncuma

Kakade ke, inkoliso yethu ayifani nabadlali beqonga abaqeqeshiweyo abanokuncuma nanini na; kwaye singakunqweneli nokuba njalo. Sifuna uncumo lwethu lube lolokwemvelo yaye lube lolokwenene. Umfundisi-ntsapho kwisikolo sonxibelelwano wathi: ‘Kubalulekile ukuzola uze uncume ngokunyanisekileyo, okanye uncumo lwakho lusenokubonakala luyinkwalambisa nje.’ Sinokuncuma njani ngokunyanisekileyo? Apha iBhayibhile inokusinceda. KuMateyu 12:34, 35 sixelelwa oku ngokuphathelele intetho yethu: “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. Umntu olungileyo ukhupha izinto ezilungileyo kubuncwane bakhe obulungileyo, kanti umntu ongendawo kubuncwane bakhe obungendawo ukhupha izinto ezingendawo.”

Khumbula ukuba, uncumo luyindlela echaza iimvakalelo zethu ngaphandle kokuthetha. Sikhumbula ukuba sithetha “ngokuphuphuma kwentliziyo” yaye “izinto ezilungileyo” ziphuma “kubuncwane obulungileyo,” kucacile ukuba isikhokelo soncumo lokwenene sikwiingcinga neemvakalelo zethu. Ewe, alithandabuzeki elokuba oko kusezintliziyweni zethu kuya kuvela, ekuhambeni kwexesha, kungekuphela ngamazwi nangezenzo zethu kodwa nangenkangeleko yobuso. Ngaloo ndlela, sifanele siqhubeke sicinga ngezinto ezakhayo. Inkangeleko yethu yobuso iphenjelelwa ngamandla yindlela esicinga ngayo ngabanye. Ngoko masinikele ingqalelo kwiimpawu ezintle zamalungu entsapho, zabantu basekuhlaleni nezabahlobo abasenyongweni. Siya kukufumanisa kulula ngakumbi ukubancumela. Luya kuba luncumo lokwenene, kuba lubangelwa yintliziyo elungileyo, enenceba nenobubele. Amehlo ethu aya kuqaqamba, yaye abanye baya kwazi ukuba asiyonkwalambisa.

Noko ke, kufanele kuqondwe ukuba ngenxa yemvelaphi yabo okanye ubume bendalo, abanye abantu bakufumanisa kunzima ukuncuma kunabanye. Nokuba sele bebanqwenelela okuhle abamelwane babo, abaqhelanga nje ukubancumela. Ngokomzekelo, amadoda aseJapan alindelwe ukuba azole yaye ahlale ethe cwaka ngalo lonke ixesha. Ngoko ke, amaninzi kuwo akakuqhelanga ukuncumela abantu abangabaziyo. Oko kusenokuba kunjalo nakwezinye iindlela zokuphila. Okanye abanye abantu basenokuba baneentloni nje ngokwemvelo yaye basenokukufumanisa kungelula ukuncumela abanye. Ngenxa yoko, asifanele sigwebe abanye ngobungakanani boncumo lwabo okanye ukuba bancuma izihlandlo ezininzi kangakanani na. Abantu bohlukile, kwaneempawu neendlela abanxibelelana ngazo nabanye.

Sekunjalo, ukuba ukufumanisa kulucelomngeni ukubancumela abanye, kutheni ungenzi umzamo nje? IBhayibhile icebisa isithi: “Masingayeki ukwenza okuhle . . . Masenze okulungileyo kubo bonke.” (Galati 6:9, 10) Enye indlela yokwenza “okulungileyo” kwabanye kukubancumela—yaye oku unako ukukwenza! Ngoko thabath’ inyathelo lokuqala lokubulisa abanye uze ubakhuthaze ngoncumo. Luya kuxatyiswa gqitha. Kwakhona, uya kufumanisa ukuba kuya kuba lula nangakumbi ukuncuma njengoko usiya uhlakulela lo mkhwa.

[Ibhokisi ekwiphepha 30]

Nali Icebiso Lobulumko

Okubuhlungu kukuba asilulo lonke uncumo esilubonayo olulolokwenene. Abantu abanamaqhetsheba, amaqothaqikili, amatshivela abathengisi, nabanye banokutsho ngoncumo olukhulu. Bayazi ukuba uncumo lunokubaqhatha abantu lubenze bangalumki. Nabantu abaziphethe kakubi okanye abaneentshukumisa ezingcolileyo banokulukuhla ngoncumo. Sekunjalo, uncumo lwabo lungamampunge; luyakhohlisa. (INtshumayeli 7:6) Ngoko ke nakuba singabakrokreli ngokugqithiseleyo abanye, sifanele siqonde ukuba kuba siphila ‘kwimihla yokugqibela,’ ekunzima ukujamelana nayo, sifanele ‘sizingqine silumkile njengeenyoka ukanti simsulwa njengamahobe,’ njengoko naye uYesu wancomela oko.—2 Timoti 3:1; Mateyu 10:16.

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Thabath’ inyathelo lokuqala lokubulisa abanye ngoncumo