Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ndifanele Ndihlale Kwilizwe Lasemzini?

Ngaba Ndifanele Ndihlale Kwilizwe Lasemzini?

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ngaba Ndifanele Ndihlale Kwilizwe Lasemzini?

“Ndandifuna ukuhlala kwenye nje indawo.”—USam.

“Ndandinomdla nje kwenye into. Ndandifuna ukubona into eyenye.”—UMaren.

“Omnye umhlobo wam osenyongweni wandixelela ukuba ukuphuma nje ekhaya kunokundilungela.”—UAndreas.

“Ndandibawela ukwenza enye into.”—UHagen.

NGABA ukhe ucinge ngokuhlala kwilizwe lasemzini—mhlawumbi nje okwethutyana? Nyaka ngamnye amawakawaka abantu abaselula ayakwazi ukwenjenjalo. UAndreas uthi xa ebalisa ngendlela ekwakuyiyo kwilizwe lasemzini: “Ndingathanda ukuphinda ndiye.”

Olunye ulutsha lushiya ikhaya okwethutyana kuba lufuna imali okanye lufuna ukufunda ulwimi lwasemzini. Ngokomzekelo, kumazwe amaninzi ixhaphakile imisebenzi apho umntu asebenzela igumbi lokuhlala aze afunde ulwimi lwabantu abasebenzelayo (au pair). Ngale ndlela aba baphambukeli baselula basebenzela intsapho ethile baze bahlawulwe ngokutya negumbi, yaye bayakwazi ukusebenzisa ixesha labo lokuphumla ukuze bafunde ulwimi lwalapho. Kukho ke nolutsha oluya kwilizwe lasemzini ukuze lufumane imfundo. Abanye bafudukela ukufumana umsebenzi ukuze bakwazi ukunceda iintsapho zakomawabo ngokwezimali. Abanye bayafuduka kuba bengaqinisekanga ukuba bafuna ukwenza ntoni emva kokufunda yaye bafuna nje ukuba nexesha lokuba bodwa.

Okubangel’ umdla kukuba, olunye ulutsha lwamaKristu luye lwafudukela kwamanye amazwe anemfuneko yabavangeli, ukuze lwandise ubulungiseleli balo. Enoba siyintoni isizathu sokufuduka, ukuhlala kwilizwe lasemzini kunokuba sisifundo esixabisekileyo sokuzimela. Kunokukwenza uphangalale engqondweni. Usenokufunda ulwimi lwasemzini—nto leyo enokukwenza ube namathuba amaninzi okufumana umsebenzi.

Noko ke, ukuhlala kwelinye ilizwe akusoloko kungamava amnandi. Ngokomzekelo, uSusanne wachitha unyaka ethunyelwe kwelinye ilizwe njengomfundi. Uthi: “Ndandiqinisekile ukuba izinto ziya kutyibilika ngokupheleleyo ekuqaleni de ndiye kugqiba. Akuzange kube njalo.” Olunye ulutsha luye lwaxhatshazwa okanye lwangena enkathazweni embi. Ngoko ngaphambi kokuba uboph’ imigodlo, kuya kuba bubulumko ukuma kancinane uze uhlole iingenelo neengozi.

Zihlolisise Iintshukumisa Zakho

Ngokuqinisekileyo ukuhlola iingenelo neengozi kuquka ukuhlolisisa iintshukumisa zakho zokufuna ukuya kwelinye ilizwe. Kusenokuba kokwahlukileyo xa sihamba ngenxa yezilangazelelo zokomoya okanye ukunyamekela iimbopheleleko zentsapho. Kodwa njengolutsha olucatshulwe ekuqaleni, abaninzi bafuduka kuba befuna ukubona iindawo, befuna ukuba nenkululeko engakumbi, okanye befuna nje ukonwaba. Oku akuyonto iphosakeleyo. Ngapha koko, iNtshumayeli 11:9 ikhuthaza abantu abaselula ukuba ‘babe nemihlali ebutsheni babo.’ Noko ke, indinyana 10 ilumkisa ngelithi: “Yishenxise ingqumbo entliziyweni yakho, uze uyinqande intlekele enyameni yakho.”

Ukuba intshukumisa yakho yokufudukela kwilizwe lasemzini kukuphepha imiqathango yabazali, kusenokwenzeka ukuba uziqhwayela “intlekele.” Uyawukhumbula umzekeliso kaYesu wonyana wolahleko? Wawuquka umfana owathi ngokuzingca waya kwilizwe lasemzini, ekucacileyo ukuba wayefuna ukuba nenkululeko engakumbi. Noko ke, akuzange kube kudala yehl’ intlekele, yaye wazibona sele elambile, elihlwempu yaye enzakele ngokomoya.—Luka 15:11-16.

Kukho ke nabo bafuna ukufuduka kuba befuna ukubaleka iingxaki zasekhaya. Kodwa, njengoko uHeike Berg esitsho kwincwadi yakhe ethi What’s Up, “ukuba ufuna ukuhamba kuba nje ungonwabanga . . . yaye ucinga ukuba izinto ziya kuba bhetele kwenye indawo—chith’ utyiwe!” Enyanisweni, kulungile ukujamelana neengxaki njengoko zinjalo. Akunakuze kusincede ukubaleka iimeko esingazithandiyo.

Ezinye iintshukumisa eziyingozi kukubawa nokuthanda izinto eziphathekayo. Luqhutywa kukufuna ukuba zizityebi, ulutsha oluninzi luba namaphupha, iingcamango ezingekho ngqiqweni ngendlela ubomi obuyiyo kumazwe ahambele phambili ngokwezoqoqosho. Olunye lucinga ukuba abantu abakumazwe aseNtshona bazizityebi. Kodwa oko akunjalo kwaphela. Emva kokufuduka, ulutsha oluninzi luzifumanisa lukwilizwe elingalaziyo, lusiwa luvuka lusilwa nobuhlwempu. a IBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.”—1 Timoti 6:10.

Ngaba Sele Ulungile?

Kukho enye inkalo ofanele uyihlolisise: Ngaba ngokwenene uqole ngokwaneleyo ukuba ungahlangabezana nobunzima, iingxaki neengxwabangxwaba ezinokuvela kwilizwe lasemzini? Kusenokwenzeka ukuba uya kuhlala nomnye umntu egumbini okanye enye intsapho uze wenze uhlengahlengiso ukuze uvumelane nocwangciso lwayo. Ngoko ngaba ngoku uqhuba njani kowenu? Ngaba abazali bakho bayakukhalazela njengongenavelwano nofuna ukulungelwa kwakho? Ngaba utyekele ekubeni ube nezinto ezithile ongazityiyo? Ukulungele kangakanani ukuba nenxaxheba kumsebenzi wekhaya? Ukuba xa kungoku utsala nzima kwezo zinto, kuya kubekela phi ke kwilizwe lasemzini!

Ukuba ungumKristu, ngaba uya kukwazi ukuzigcina uphilile ngokomoya? Okanye ngaba kufuneka abazali bakho basoloko bekukhumbuza ukuba ungakutyesheli ukufundisisa iBhayibhile, ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nomsebenzi wokushumayela? Ngaba uya komelela ngokomoya kangangokuba ukwazi ukuxhathisa iingcinezelo nezilingo osenokuba akuzange ujamelane nazo kwilizwe lakowenu? Ngosuku lwakhe lokuqala ngqa esikolweni kwilizwe lasemzini, omnye umKristu oselula, owayethunyelwe njengomfundi, waboniswa indawo awayenokuzifumana kuyo iziyobisi ezingekho mthethweni. Kamva wamenyelwa edingeni yintombazana afunda nayo. Kwilizwe lakowabo, intombazana yayingenakubonakalisa umdla wayo ngokuthe ngqo ngolu hlobo. Omnye oselula waseAfrika owafudukela eYurophu uthi: “Kwilizwe lakuthi akunakuyibona imifanekiso ebonisa ukuziphatha okubi esidlangalaleni. Kodwa apha uyibona naphi na.” Ukufudukela kwilizwe lasemzini kunokukhokelela ekwaphukelweni yinqanawa yokholo ukuba ‘akuqinanga elukholweni.’—1 Petros 5:9.

Phanda Ngezibakala Ezingakumbi!

Ngaphambi kokuba ufuduke, kufuneka ufumane zonke izibakala. Ungathembeli kundiva. Ngokomzekelo, ukuba ufuna ukuya kwilizwe elithile njengomfundi, kuya kubiza imali engakanani? Ungamangaliswa kukufumanisa ukuba kusoloko kubiza amawaka eerandi. Kwakhona zama ukubona ukuba imfundo oyifumana kwelinye ilizwe iya kwamkelwa ekhaya kusini na. Kwakhona, khangela inkcazelo engakumbi kangangoko kunokwenzeka ngokuphathelele elo lizwe—imithetho yalo, izithethe zalo, namasiko alo. Ziziphi iindleko ezibandakanyekileyo zokuphila apho? Ziziphi iirhafu ekuya kufuneka uzihlawule? Ngaba kukho iingozi zempilo ofanele uzihlolisise? Kusenokukunceda ukuthetha nabantu abakhe bahlala apho.

Kukho ke nombandela wendawo yokuhlala. Ngokuqhelekileyo abo bamkela abathunyelwe njengabafundi badla ngokungafuni kuhlawulwa. Sekunjalo, ukuhlala nabantu abangayihloneliyo imigaqo yeBhayibhile kunokubangela iingxaki. Ukuhlala nabahlobo okanye izalamane kusenokuba lelinye icebo. Kodwa kulumkele ukuba ngumthwalo kubo—kwanokuba bayakucela ukuba uhlale nabo. Oku kunokulonakalisa okanye kude kulutshabalalise ulwalamano lwakho nabo.—IMizekeliso 25:17.

Ukuba uceba ukufumana imali engakumbi ngoxa ukwilizwe lasemzini, ungayilibali imbopheleleko yakho njengomKristu yokuthobela amagunya. (Roma 13:1-7) Ngaba umthetho uyakuvumela ukuba usebenze kwelo lizwe? Ukuba unjalo, ukuvumela phantsi kwaziphi iimeko? Ukuba usebenza ngokungekho mthethweni unokonakalisa ukuma kwakho njengomKristu onyanisekileyo uze usale ungakhuselekanga yaye uchanabeke kwiingozi. Enoba usebenza ngokusemthethweni, kuza kufuneka ulumke. (IMizekeliso 14:15) Abaqeshi abanamaqhetseba basoloko bebaxhaphaza abantu basemzini.

Ukwenza Isigqibo

Ngoko ke, licacile elokuba isigqibo sokufudukela kwilizwe lasemzini sibalulekile—yaye asifanele sithatyathwe lula. Dibanis’ iintloko nabazali bakho, uze ngokucokisekileyo uhlole iingenelo onokuzifumana neengozi ezinokubakho. Musa ukuvumela ukuba ihlombe ligqumelele ingqiqo yakho. Nyaniseka xa uhlolisisa iintshukumisa zakho. Baphulaphule ngenyameko abazali bakho. Ngapha koko basenembopheleleko ngawe, enoba ukumakhulukhulu eekhilomitha kude nabo. Usenokufuna inkxaso yabo yezimali ukuze uqhubeke uphila.

Emva kokuhlolisisa zonke ezi zinto, kusenokuba akubobulumko ukufuduka—okwangoku. Oku kusenokuba buhlungu, kodwa zininzi ezinye izinto ezivuyisayo onokuzenza. Ngokomzekelo, ngaba uye wacinga ngokuya kutyelela iindawo ezibangela umdla kwilizwe lakowenu? Okanye kutheni ungaziqaleli ukufunda ulwimi lwasemzini? Ekuhambeni kwexesha, mhlawumbi kuya kuvela ithuba lokutyelela kwilizwe lasemzini.

Noko ke, kuthekani ukuba ugqiba kwelokuba ufuduke? Inqaku elizayo liya kuxubusha ngendlela onokuphumelela ngayo uhlala kwilizwe lasemzini.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona inqaku elinomxholo othi “Ukubala Iindleko Zokufudukela Kwilizwe Elimi Kakuhle,” elikwinkupho yeMboniselo ka-Aprili 1, 1991, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

[Umfanekiso okwiphepha 27]

Olunye ulutsha luyafuduka ukuze luhambisele phambili umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Thetha nabazali bakho ngokuphathelele iingenelo neengozi zokufuduka