Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubomi Buphelelwa Lixabiso?

Ngaba Ubomi Buphelelwa Lixabiso?

Ngaba Ubomi Buphelelwa Lixabiso?

“Kweli hlabathi ubomi buphelelwe lixabiso. Umntu unokuthengwa ngamakhulu nje ambalwa eeponti [zaseBritani] ukuze abulale omnye yaye abanqabanga abantu bokwenza oko.”—The Scotsman.

NgoAprili 1999 kuhlaselo olothusa ihlabathi lonke, ngogonyamelo abafana ababini abaselula bavunukela iSikolo Semfundo Ephakamileyo iColumbine, esiseLittleton, eColorado, eUnited States, beshiya itshoba lilel’ umbethe kubantu abali-15. Uphando lwabonisa ukuba omnye wabo bahlaseli wayeneWeb page apho wayebhale khona wathi: “ABANTU ABAFILEYO ABAXAMBULISANI!” Bobabini abo bahlaseli bafa kuloo ntlekele.

UKUBULALA kugqibe lonk’ ilizwe, yaye linani elingathethekiyo labantu abafa ngogonyamelo mihla le. Ngowe-1995 uMzantsi Afrika wankqenkqeza phambili kwihlabathi lonke ngokuba nomlinganiselo wabemi abangama-75 ababulawayo kwabali-100 000. Ubomi buphelelwe lixabiso nangakumbi kwelinye lamazwe aseMzantsi Merika, apho kwabulawa abantu abangaphezu kwama-6 000 ngenxa yezobupolitika ngowe-1997. Kuyinto eqhelekileyo ukuqesha ubani ukuze abulale. Enye ingxelo yelo lizwe ithi: “Okothusayo kukuba, nokubulawa kwabantwana kuye kwathabath’ unyawo: Ngowe-1996, kwabulawa abantwana abangama-4 322, ulwando lomlinganiselo wama-40 ekhulwini kwiminyaka nje emibini.” Noko ke, nabantwana baya besiba ngababulali—babanye abantwana nabazali babo. Ubomi buphelelwe lixabiso ngokwenene.

Yintoni Ebangela Esi “Sithethe Sokubulala”?

Zibonisa ntoni ezi zibakala nala manani? Ukwanda kokungabi nantlonelo ngobomi. Ngenxa yokuthand’ igunya nokulambel’ imali abantu ababi madolw’ anzima ukubulala. Abo baziingangamsha kumashishini eziyobisi bayalela ukuba kubulawe intsapho iphela. Bakwenza into encinane ukubulala kwabo ngokusebenzisa amabinzana afana nathi “kukususa,” “ukucim’ igama,” “ukutshayela,” okanye “ukutyumza” amaxhoba oko bakubiza ngokuthi kukubulala ngenjongo. Ukutshayelwa kohlanga okanye kweqela elithile kuye kwabangela intlungu engakumbi kwaza kwaliphelisa tu ixabiso lobomi bomntu. Ngenxa yoko, ukubulala kuye kwasisonka semihla ngemihla kumajelo eendaba zikamabonwakude ehlabathini lonke.

Ukongezelela koku kukho ukuzukiswa kogonyamelo kumabonwakude nakwimifanekiso bhanyabhanya, yaye eli butho lethu libonakala ngathi libambisekile ngokupheleleyo kwimeko yokufa. Ngokuphathelele oku, iEncyclopædia Britannica ithi: “Kwisiqingatha sokugqibela senkulungwane yama-20, ukufa kuye kwangundaba-mlonyeni ngendlela emangalisayo. Ngaphambi kwelo xesha, mhlawumbi uya kumangaliswa kukuba ubukhulu becala, lo yayingumbandela ophetshwayo noyintsinda-badala kumaxesha amaninzi.” Ngokutsho kukaJosep Fericgla, unjingalwazi wentlalo yabantu waseCatalonia, “ukufa akuseyonto abantu aboyikayo ukuthetha ngayo kwibutho lethu, yaye ngenxa yoko kuyeyona nto isetyenziswayo ukuphakelana izimvo namhlanje.”

Mhlawumbi eyona nto iphambili ebangela esi “sithethe sokubulala” yinkolelo ethandwayo yokuba ukuba negunya, ukongama, imali noyolo zezona zinto zibaluleke ngakumbi kunobomi bomntu nemilinganiselo yokuziphatha.

Yiyiphi indlela esiye sasasazeka ngayo esi “sisithethe sokubulala”? Yintoni enokwenziwa ngabazali ukuze bathintele le mpembelelo ingakhiyo ibangqongileyo nechaphazela abantwana babo? Le yenye yemibuzo eza kuphendulwa kumanqaku alandelayo.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 4]

Lingakanani Ixabiso Lobomi?

◼ “Abaselula kumaqela emigulukudu [aseMumbai, eIndiya] baswele kuangangokuba banokuqeshwa ukuze babulale ngemali nje encinane engama-5 000 eerupees [R730].”—IFar Eastern Economic Review.

◼ “Ubulele Umntu Odlulayo Ngenxa Yokwala Nomdiza.”—Umxholo ophambili kwiLa Tercera, yaseSantiago, eChile.

◼ “Kuxabisa malunga nama-7 000 eedola [R44 000] ukubulala nje umntu oqhelekileyo eRashiya [ngowe-1995] . . . Ukuthengwa ukuze ubulale kuye kwaba lolona qoqosho lwanda ngokukhawuleza kwiRashiya eyayisakuba yeyamakomanisi.”—IReuters, ngokusuka kwingxelo ekwiMoscow News.

◼ “Umthengisi wezindlu waseBrooklyn wabanjwa . . . yaye wabekwa ityala lokuhlawula okwishumi elivisayo inxalenye ye-1 500 leedola [R9 500] ukuze abulale umfazi waloo ndoda okhulelweyo kunye nonina.”—The New York Times.

◼ ‘Ixabiso lokubulala eNgilani liyehla. Amaxabiso ahlawulelwa ukubulala aye ehla esuka kwiiponti ezingama-30 000 [R300 000] kwiminyaka emihlanu edlulileyo aya kutsho kwafikeleleka ngakumbi iiponti ezingama-5 000 ukusa kwali-10 000 [R50 000 ukusa kwii-R100 000].”—The Guardian.

◼ ‘Amaqela emigulukudu eneengcwangu akwiBalkan ayitsho ayabonakala iMafiya. Olu luhlobo olutsha lolwaphulo-mthetho, lunemithetho emitsha nezixhobo ezitsha. Luneziqhushumbisi noombayimbayi yaye alukho madolw’ anzima ukuzisebenzisa.’—IThe Guardian Weekly.