Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukusetyenziswa Kwenkcazelo

Ukusetyenziswa Kwenkcazelo

Ukusetyenziswa Kwenkcazelo

“Ukuba iingcamango zinokusetyenziswa ngobuchule nangenyameko, abantu banokuxelelwa ukuba izulu sisihogo, baze baxelelwe ukuba eyona ndlela imaxongo yokuphila yiparadesi.”—UADOLF HITLER, KWIMEIN KAMPF.

NGENXA yokuhambela phambili kweendlela zonxibelelwano—ezinjengoomatshini bokushicilela, imfonomfono, unomathotholo, umabonwakude, neInternet—ukudluliselwa kwemiyalezo ethimb’ ingqondo kwanda ngesantya esiphakamileyo. Oku kwanda kweendlela zonxibelelwano kuye kwaphumela ekubeni kubekho inkcazelo eninzi ngokugqithiseleyo, njengoko abantu bengxixhwa ngentarhantarha yemiyalezo evela kubantu ngabantu. Abaninzi baginya nje yonk’ into bangazidubi ngentw’ eninzi, besamkela nje bengabuzi okanye bahlalutye.

Umsasazi weengcamango ezenzakalisyo onobuqili uyazithanda iindlela ezilula—ingakumbi ezo zikhuthaza ukungacingisisi. Iingcamango ezenzakalisayo zikukhuthaza oku ngokudida iimvakalelo, ngokusebenzisa kakubi ukungaqiniseki, ngokusebenzisa ukungacaci kolwimi nokutshintsha imigaqo ezicaceleyo. Njengoko imbali ibonisa, iindlela ezinjalo zinokuba nemiphumo ecacileyo.

Imbali Yeengcamango Ezenzakalisayo

Namhlanje igama elithi “iingcamango” linentsingiselo engafanelekanga, ebhekisela kwiindlela zobuqhetseba, kodwa le yayingeyontsingiselo yamhlamnene yeli gama. Igama elithi “ingcamango” kuyabonakala ukuba livela kwigama lesiLatini leqela leekhadinali ezingamaRoma Katolika, iCongregatio de Propaganda Fide (iBandla Elikhulisa Ukholo). Le komiti—ebizwa ngokuba yiPropaganda xa ishunqulelwa—yasekwa nguPopu Gregory XV ngowe-1622 ukuze ibe liliso kubavangeli. Ngokuthe ngcembe, “iingcamango” zaqala zabhekisela kuwo nawuphi na umgudu wokusasaza iinkolelo.

Kodwa ezi ngcamango azizange ziqale ngenkulungwane ye-17. Ukususela mandulo phayaa, abantu bebesebenzisa naliphi na ijelo elisebenzisekayo ukusasaza iingcamango nokuzifunela udumo negunya. Ngokomzekelo, kuye kwasetyenziswa imizobo ukuze kudluliselwe iingcamango ukususela ngemihla yoofaro baseYiputa. Aba kumkani bazakhela amangcwaba afuzisela amandla nokomelela. Ngokufanayo, izakhiwo zaseRoma zazikho ngenjongo yezobupolitika—ukuzukiswa kwelizwe. Igama elithi “ingcamango,” lafumana intsingiselo yalo engentle ngeMfazwe Yehlabathi I xa oorhulumente baqalisa ukuba negalelo elivakalayo ekuguquleni inkcazelo engemfazwe eyayisasazwa ngamaziko eendaba. Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, uAdolf Hitler noJoseph Goebbels bangqineka benkqenkqeza phambili kwiingcamango eziyingozi.

Emva kweMfazwe Yehlabathi II, iingcamango ziye zaba sesona sixhobo siphambili kumthetho karhulumente. Amazwe aseNtshona nawaseMpuma enza iphulo lokuphembelela abantu abangenacala beze kwicala lawo. Nkalo nganye yobomi bomntu yayisetyenziswa kakubi isetyenziselwa iingcamango ezenzakalisayo. Kwiminyaka yakutshanje, ubucukubhede nobuqili beengcamango buye babonakala kumaphulo enziwa ngaphambi konyulo, kwanakwizibhengezo ezenziwa ziinkampani zecuba. Abo kuthiwa ziingcaphephe nezinye iinkokeli baye baqeshwa ukuze bathethe ngecuba njengento ephucukileyo nenempilo kungekhona njengesisongelo kwimpilo yoluntu ngokubanzi, kube kunjalo ke ngokwenene.

Bubuvuvu, Bubuxoki Obuphindaphindeneyo!

Ngokuqinisekileyo, amanye amaqhinga asetyenziswa ngabo bahlwayela iingcamango kukuxoka ngokuphandle. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngobuxoki obabhalwa nguMartin Luther ngowe-1543 ngokuphathelele amaYuda aseYurophu: “Agalele ityhefu emachibini, abulala, aqweqwedisa abantwana . . . Aziinyoka ezinobuhlungu, ezikhohlakeleyo, ezinenzondo nezinamaqhinga, angababulali nabantwana bakaMtyholi abahlabayo nabayingozi.” Wathi mabenze ntoni abo bazibanga bengamaKristu? “Tshisani izindlu zawo zesikhungu okanye izikolo . . . Nezindlu zawo [zifanele] zitshatyalaliswe zibe yingqushu.”

Unjingalwazi wezifundo zaseburhulumenteni nezentlalo owayefunda izinto eziphathelele elo xesha uthi: “Ngokusisiseko ukungafunwa kwamaYuda akunanto yakwenza nezinto ezenziwa ngamaYuda yaye akunanto yakwenza nolwazi lomntu ongawafuniyo amaYuda nendlela aphila ngayo.” Uphinda athi: “AmaYuda ayefaniswa nayo nayiphi na into embi, ukuze nasiphi na isibi esikhoyo kuthiwe sivela kuwo amaYuda.”

Izinto Eziqhele Ukuthethwa

Enye indlela edla ngokuphumelela kwiingcamango zizinto eziqhele ukuthethwa. Izinto eziqhele ukuthethwa ziyazisitha izinto zokwenene ekunokuthethwa ngazo, yaye zisoloko zisetyenziswa ukuthoba lonke uhlanga lwabantu. Ngokomzekelo, kumazwe aseYurophu kukho intetho edla ngokusetyenziswa ethi, “Oodingindawo aba [abaphambukeli] bangamasela.” Kodwa ngaba yinyaniso leyo?

URichardos Someritis, ongumbhali wemihlathi, uthi kwelinye ilizwe iingcamango ezinjalo zabangela uhlobo oluthile “lokuthiywa kwabantu basemzini kwanentiyo ekrakra yobuhlanga” nxamnye nabo. Noko ke, kuye kwaboniswa ukuba xa kuthethwa ngezenzo zobunjubaqa, izaphuli-mthetho kwelo lizwe ziyafana nje nabantu basemzini. Ngokomzekelo, uSomeritis uthi uhlolisiso oluye lwenziwa lubonisa ukuba eGrisi, “ama-98 kwi-100 ekhulwini lolwaphulo-mthetho luphenjelelwa [ngamaGrike].” Uthi: “Unobangela wolwaphulo-mthetho zezoqoqosho nezentlalo kungekhona ‘ubuhlanga.’” Utyhola amaziko eendaba “ngokuthi ngendlela echuliweyo aphembelele ukungafunwa kwabantu basemzini nobuhlanga” ngokubonisa kwawo umkhethe ekuchazeni iindaba eziphathelele ulwaphulo-mthetho.

Ukugculela

Abanye abantu bayabathuka abo bangavumelaniyo nabo ngokuthandabuza ubuntu babo okanye iinjongo zabo kunokukhangela izibakala. Ukugculela kubeka ibala elibi, ekulula ukulikhumbula emntwini, kwiqela okanye kuluvo oluthile. Umntu ogculelayo ufuna elo bala lingasuki. Ukuba abantu bayamgatya lo mntu okanye uluvo analo ngenxa yebala elibi kunokuba bathelekise izibakala, liya kuba liphumelele icebo lalowo ugculelayo.

Ngokomzekelo, kwiminyaka yakutshanje ingcamango enamandla yokungafuni amahlelo iye yaxhaphaka kumazwe aseYurophu nakwamanye. Le ngcamango iye yaxhokonxa iimvakalelo, yabangela ubutshaba yaza yabethelela inkohlakalo kumaqela amancinane onqulo. Asoloko ethiywa ukuba “ngamahlelo.” “‘Ihlelo’ ikwaligama elithetha ‘umwexuki,’” wabhala watsho uNjingalwazi waseJamani uMartin Kriele ngowe-1993, “yaye kule mihla umwexuki eJamani, njengakumaxesha amandulo, [ugwetyelwa ukufa]—ukuba akatshiswanga . . . , ubekw’ amabala, abekelwe bucala ize ithathwe yonke imali yakhe.”

I-Institute for Propaganda Analysis ithi “ukubeka amabala kuye kwanendima ebonakalayo kwimbali yehlabathi nakwinkqubela yakhe ngamnye wethu. Kuye konakalisa indlela abantu abaziwa ngayo, . . . kwaphosa [abantu] eziseleni, kwaza kwabangela abantu bathi ti ngumsindo babandakanyeka emadabini baza babulala abamelwane babo.”

Ukudlala Ngeemvakalelo

Nangona iimvakalelo zisenokungasebenzi xa kubekwa izibakala okanye kuqiqwa, zinendima ebalulekileyo ekuphembeleleni. Ukuchukunyiswa kweemvakalelo kwenziwa ngabasasazi abanobunkunkqele, abadlala ngeemvakalelo kanye njengemilonji evuma ingoma.

Ngokomzekelo, uloyiko lungagqumelela ugwebo oluhle. Yaye kanye njengomona, uloyiko lunokusetyenziswa kakuhle. Iphephandaba laseKhanada iThe Globe and Mail, kaFebruwari 15, 1999, yanikela le ngxelo ivela eMoscow: “Athe amantombazana amathathu aseMoscow akuzibulala kwiveki ephelileyo, amaziko eendaba aseRashiya akhawuleza athi ayengabalandeli abanenzondelelo yempambano bamaNgqina kaYehova.” Phawula amagama athi “abanenzondelelo yempambano.” Ngokuqhelekileyo, abantu badla ngokuyoyika imibutho yonqulo enenzondelelo yempambano nekuthiwa iphembelela abantu abaselula ukuba bazibulale. Ngaba la mantombazana anelishwa ayenento yokwenza ngokwenene namaNgqina kaYehova ngandlel’ ithile?

IGlobe yahlabela mgama isithi: “Kamva amapolisa avuma ukuba la mantombazana ayengenanto yakwenza [namaNgqina kaYehova]. Kodwa ngelo xesha iziko likamabonwakude laseMoscow lalisele liphinde lahlasela eli hlelo, lixelela ababukeli balo ukuba amaNgqina kaYehova ayencedisana noAdolf Hitler weJamani yamaNazi—phezu kwabo nje ubungqina obungokwembali bokuba amawakawaka amalungu awo ayengamaxhoba eenkampu ekwakubulawa kuzo abantu ngamaNazi.” Ezingqondweni zabantu abangazi nto naboyikayo, amaNgqina kaYehova ayelihlelo elikhuthaza abantu ukuba bazibulale okanye elisebenzisana namaNazi!

Intiyo yimvakalelo enamandla esetyenziswa kakubi ngabo basasaza iingcamango ezenzakalisayo. Intetho enesikweko idla ngokusetyenziswa ngokukhethekileyo ukuze kuvuselelwe yona. Kubonakala kuxhaphakile ukugezelwa kwabantu ngamazwi akhuthaza nasebenzisa kakubi intiyo kuhlanga oluthile okanye kwiqela elithile lonqulo.

Abanye abasasaza iingcamango ezenzakalisayo basebenzisa ikratshi. Libonakala nje ngokulula ikratshi ngokuva amabinzana adla ngokusetyenziswa afana nelithi: “Wonke umntu obhadlileyo uyayazi into yokuba . . . ” okanye elithi, “Umntu ofunde njengawe umele abe uyayazi into yokuba . . . ” Enye indlela eyahlukileyo elidla ngokubonakala ngayo ikratshi kukoyika ukubonakala usisidenge. Iingcungela zokuphembelela abantu ziyazi kakuhle loo nto.

Amazwi Angacacanga Neempawu

Amazwi angacacanga adla ngokusetyenziselwa ukubonisa imbono ethile okanye usukelo. Ngenxa yokungacaci kwawo kunokuba lula ukuvumelana nawo.

Ngokomzekelo, ngamaxesha emilo yamazwe okanye iimfazwe, abo banyolukele igunya basenokusebenzisa amazwi afana nathi “Lilizwe lam eli, lilungile lingalunganga,” “Ilizwe loobawomkhulu, Unqulo, Intsapho,” okanye “Inkululeko okanye Ukufa.” Kodwa ngaba abantu abaninzi bayakwazi ukuyihlalutya kakuhle imiba ebandakanyekileyo kule ntlekele okanye umlo? Okanye bamkela nje loo nto bayixelelwayo?

Xa wayebhala ngokuphathelele iMfazwe Yehlabathi 1, uWinston Churchill wathi: “Kufuneka nje umqondiso wokutshintsha la mahlwempu aseluxolweni nabasebenzi babe yimikhosi enamandla eya kubulalana kube yingqushu nje.” Wahlabela mgama esithi abantu abaninzi xa bexelelwa into yokwenza, benza ngaphandle kokucinga.

Umntu osasaza iingcamango ezenzakalisayo unemiqondiso neempawu ezininzi adlisela ngazo iingcamango zakhe—ukukhahlela ngezithonga ezingama-21 zompu, izikhahlelo zasemkhosini, indwe. Angalusebenzisa kakubi nothando lwabazali. Ngoko amabinzana anjengathi ilizwe loobawomkhulu, ilizwe lakuthi, okanye icawa yasekhaya zizixhobo eziphambili zomphembeleli onobuqili.

Ngoko ubuqili beengcamango ezenzakalisayo bunokonakalisa ingqondo, benze umntu angacingi ngendlela eyiyo okanye abe ngoqondayo, buze benze abantu balandele umndilili. Unokuzikhusela njani wena?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 16]

Ukusasazwa ngendlela echuliweyo kweengcamango ezenzakalisayo kunokuyonakalisa ingqondo kuze kumenze umntu angacingi kakuhle

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 15]

NGABA UMSEBENZI WAMANGQINA KAYEHOVA UKHUTHAZA IINGCAMANGO EZENZAKALISAYO?

Abanye abachasi bamaNgqina kaYehova baye bawatyhola ngokusasaza iingcamango zobuZiyon. Abanye baye bema ngelithi ubulungiseleli bamaNgqina bukhuthaza ubuKomanisi. Kanti abanye baye bathi umsebenzi wamaNgqina kaYehova ukhuthaza iingcamango nezilangazelelo “zorhulumente waseMerika.” Yaye kukho nabo baqiqa ngelithi amaNgqina alwisana norhulumente, eqhway’ udushe ngelokuzama ukutshintsha inkqubo yezentlalo, yezoqoqosho, yezobupolitika, okanye eyomthetho. Licacile elokuba ezi zityholo zingqubanayo azinakuba yinyaniso zonke.

Inyaniso ezicaceleyo yeyokuba amaNgqina kaYehova akayiyo nanye kwezi zinto zichazwe ngasentla. AmaNgqina awenza umsebenzi wawo ngokunyaniseka ethobela umyalelo kaYesu Kristu kubafundi bakhe, othi: “Niya kuba ngamangqina am . . . kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Umsebenzi wawo ujoliswe ngokuthe ngqo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo zoBukumkani basezulwini—isixhobo sikaThixo sokuzisa uxolo emhlabeni wonke.—Mateyu 6:10; 24:14.

Abo bawakhele umkhanya amaNgqina kaYehova abafumananga bungqina bokuba eli qela lamaKristu likhe laphazamisana nocwangco lwalo naliphi na ilizwe.

Abachola-choli beendaba abaninzi, iijaji nabanye baye bathetha ngegalelo elihle eliye laphoswa ngamaNgqina kaYehova kwiindawo ahlala kuzo. Khawuhlolisise eminye imizekelo. Emva kokuba iye kwindibano yamaNgqina kaYehova, enye intatheli yasemazantsi eYurophu yagqabaza yathi: “Aba bantu banamaqhina entsapho awomeleleyo, bafundiswa ukuba nothando nokuphila ngokuvisisana nezazela zabo ukuze bangenzakalisi abanye.”

Enye intatheli, eyayingawaginyi ncam amaNgqina ngaphambili, yathi: “Aphila ubomi obungumzekelo. Awayaphuli imilinganiselo yokuziphatha okuhle nokulungileyo.” Ngokufanayo isazinzulu ngezobupolitika senza la magqabaza ngamaNgqina: “Abanye abantu abaphatha ngobubele obungazenzisiyo, ngothando yaye ayabathantamisa.”

AmaNgqina kaYehova afundisa indlela ekulunge ngayo ukuthobela igunya. Njengabemi abathobela umthetho, alandela imilinganiselo yeBhayibhile yokunyaniseka, yokuba nenyaniso nokucoceka. Azakhela imilinganiselo efanelekileyo yokuziphatha ezintsatsheni zawo, yaye anceda abanye bafunde ngendlela abanokwenza ngayo ngendlela efanayo. Aphila ngoxolo nabantu bonke, engabandakanyeki ekuqhankqalazeni okuphazamisana nocwangco okanye kwiimvukelo zezobupolitika. AmaNgqina kaYehova azabalazela ukumisela umzekelo ekuthobeleni imithetho yamagunya ongamileyo abantu, ngoxa elindela ngomonde kwiGunya Eliphakamileyo, iNkosi enguSomandla uYehova, ukuze libuyisele uxolo olugqibeleleyo norhulumente onobulungisa kulo mhlaba.

Kwangaxeshanye, umsebenzi wamaNgqina uyafundisa. Esebenzisa iBhayibhile njengesiseko, afundisa abantu ehlabathini lonke ukuba baqiqe ngemigaqo yeBhayibhile baze bahlakulele imilinganiselo efanelekileyo yokuziphatha nokunyaniseka. Akhuthaza imilinganiselo ephucula ubomi bentsapho ize incede abantu abaselula bahlangabezane neengxaki zabo ezithile. Kwakhona anceda abantu bafumane amandla okoyisa imikhwa eyingozi ukuze bakwazi ukuphila nabanye. Umsebenzi onjalo akunakuthiwa “ziingcamango ezenzakalisayo.” Ngokutsho kweThe World Book Encyclopedia, kwimeko apho iingcamango zihamba ngokulula, “iingcamango ziyahluka kwimfundo.”

[Imifanekiso]

Iimpapasho zamaNgqina kaYehova zikhuthaza imilinganiselo yentsapho ephakamileyo yokuziphatha

[Imifanekiso ekwiphepha 13]

Iingacamango ezenzakalisayo ezikhuthaza imfazwe nokutshaya ziye zanegalelo ekufeni koninzi lwabantu