Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokukuthethelela Njani Ukukholelwa Kwam Kwindalo?

Ndinokukuthethelela Njani Ukukholelwa Kwam Kwindalo?

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ndinokukuthethelela Njani Ukukholelwa Kwam Kwindalo?

“Xa kwakuthethwa ngendaleko eklasini ndaphawula ukuba kwakuthethwa ngento eyahlukileyo kuleyo ndandiyifundisiwe. Yayichazwa ngokungathi iyinyaniso nto leyo yayindoyikisa.”—URyan, oneminyaka eli-18 ubudala.

“Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, utitshalakazi owayendifundisa wayengumxhasi onenzondelelo wendaleko. Wade wanophawu lukaDarwin emotweni yakhe! Oko kwandenza ndathandabuza ukuthetha ngoko ndikukholelwayo ngendalo.”—UTyler, oneminyaka eli-19 ubudala.

“Ndoyika xa utitshalakazi wezifundo zentlalo wathi kwisifundo esilandelayo siza kufunda ngendaleko. Ndandisazi ukuba ndandifanele ndichazele iklasi ngoko ndikukholelwayo ngalo mba kudla ngokuphikiswana ngawo.”—URaquel, oneminyaka eli-14 ubudala.

MHLAWUMBI nawe njengoRyan, uTyler, noRaquel, uye uzive ungakhululekanga xa kuthethwa ngendaleko eklasini. Ukholelwa ukuba uThixo “wadala zonke izinto.” (ISityhilelo 4:11) Izinto ezikungqongileyo zibubungqina bokuba zinomyili okrelekrele. Kodwa iincwadi ezifundwa esikolweni zithi sabakho ngenxa yendaleko nomfundisi-ntsapho ufundisa loo nto. Uyathandabuza enoba unalo na ilungelo lokuphikisana nabantu ekuthiwa “ziingcali” ngalo mba. Abantwana ofunda nabo baza kuthini xa uthetha . . . ngoThixo?

Ukuba imibuzo enjengale iyakukhathaza, mus’ ukuxhalaba! Asinguwe wedwa okholelwa ukuba umntu wadalwa. Isibakala esingenakukhanyelwa sesokuba, kwanezazinzulu ezininzi aziyamkeli le ngcamango yendaleko. Oku kunjalo nangootitshala abaninzi. EUnited States kubafundi abahlanu, abane bakholelwa ukuba kukho uMdali—nakuba iincwadi zesikolo zifundisa ngendaleko!

Sekunjalo, usenokuba uyazibuza, ‘Ndiza kuthini ukuba kunokufuneka ndithethelele ukukholelwa kwam kwindalo?’ Enoba ungumntu oneentloni, unako ukuchaza oko ukukholelwayo ngendalo. Noko ke, kufuneka ulungiselele kwangaphambili.

Zivavanye Ngoko Ukukholelwayo!

Ukuba ukhuliswa ngamaKristu, usenokukholelwa kwindalo kuba nje wafundiswa loo nto. Noko ke, ekubeni ngoku ukhula, ufuna ukunqula uThixo ‘ngamandla akho engqiqo’ unesiseko esiqinileyo kwizinto ozikholelwayo. (Roma 12:1) UPawulos wakhuthaza amaKristu enkulungwane yokuqala ukuba ‘aqiniseke ngezinto zonke.’ (1 Tesalonika 5:21) Ungakwenza njani oko kumbandela wendalo?

Okokuqala, qwalasela oko uPawulos wakuthethayo ngoThixo: “Iimpawu zakhe ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo.” (Roma 1:20) Unaloo mazwi engqondweni, cinga ngomzimba womntu, umhlaba, indalo nobunzulu bolwandle. Khawucinge nzulu ngezinambuzane, izityalo, izilwanyana—nayo nayiphi na into ebangel’ umdla kuwe. Wandule ke, usebenzisa ‘amandla akho engqiqo,’ zibuze, ‘Yintoni endenza ndiqiniseke ukuba kukho uMdali?’

Ukuphendula lo mbuzo, uSam oneminyaka eli-14 ubudala ucinga ngomzimba womntu. Uthi: “Umzimba unamalungu amaninzi, untsonkothile yaye onke amalungu awo asebenzisana kakuhle. Umzimba womntu awunakuba wavela ngendaleko!” UHolly oneminyaka eli-16 ubudala uyavumelana noko. Uthi: “Emva kokuba kuye kwafunyaniswa ukuba ndinesifo seswekile, ndiye ndafunda okuninzi ngendlela umzimba womntu osebenza ngayo. Ngokomzekelo, iyamangalisa indlela udakada—ilungu elincinane kangaka—anomsebenzi omkhulu ngayo, owokugcina igazi namanye amalungu esebenza.”

Olunye ulutsha luye lawujonga lo mba ngeny’ indlela. UJared oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Kum, eyona nto ebangela ukuba ndikholelwe kwindalo kukuba senziwe sinentswelo yokomoya, siyazixabisa izinto ezintle yaye sinomnqweno wokufunda. Ezo mpawu azinakuba ziyazenzekela, njengokuba indaleko ifundisa njalo. Ekuphela kwenkcazelo esengqiqweni kum yeyokuba sabekwa apha emhlabeni ngumntu othile owayefuna ukuba siphile kamnandi.” UTyler, okhankanywe ekuqaleni kweli nqaku, naye ufikelela kwisigqibo esifanayo. Uthi: “Xa ndiqwalasela indima izityalo ezinayo ekulondolozeni ubomi nendlela entsonkothileyo ezenziwe ngayo, ndiqinisekile ukuba ukho uMdali.”

Kulula ukuthetha ngendalo ukuba uye wacingisisa nzulu waza waqiniseka ngayo. Ngoko ke, njengoSam, uHolly, uJared, noTyler ziphe ixesha uqwalasele umsebenzi omangalisayo wezandla zikaThixo. Wandule ke, “uve” ukuba ezi zinto “zikuxelela” ntoni. Ngokungathandabuzekiyo, uya kufikelela kwisigqibo awafikelela kuso uPawulos—sokuba asibobukho nje bukaThixo kodwa neempawu zakhe “ziqondeka ngezinto ezenziweyo.” *

Kwazi Oko Ngokwenene Kufundiswa YiBhayibhile

Ngaphandle kokuqwalasela izinto uThixo azidalileyo, ukuze sikwazi ukuthethelela indlela esikholelwa ngayo kwindalo kufuneka sazi oko ngokwenene kufundiswa yiBhayibhile. Akuyomfuneko ukuba siphikisane ngezinto iBhayibhile engathethiyo ngazo. Khawuhlolisise le mizekelo imbalwa.

Incwadi yam yenzululwazi ithi umhlaba nommandla wesijikelezi-langa ubukho kangangeminyaka engamawaka ezigidi. IBhayibhile ayisichazeli ukuba umhlaba okanye ilanga neenkwenkwezi zibekho ixesha elide kangakanani. Into eyithethayo kukuba indalo yayikho kangangamawaka ezigidi eminyaka ngaphambi “kosuku” lokuqala lokudala.—Genesis 1:1, 2.

Utitshala wam uthi umhlaba awunakuba wadalwa ngeentsuku nje ezintandathu. IBhayibhile ayithi iintsuku ezintandathu zokudala, ziiyure ezingama-24 zokoqobo. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona iphepha 18-20 leli phephancwadi.

Eklasini kwachazwa imizekelo eliqela yendlela izilwanyana nabantu abatshintshe ngayo bazezinye izinto. IBhayibhile ithi uThixo wadala izinto eziphilayo “ngohlobo lwazo.” (Genesis 1:20, 21) Ayiyixhasi imbono yokuba ubomi babakho ngamabona-ndenzile okanye uThixo wadala iseli enye. Sekunjalo, “hlobo” ngalunye lusenokuba neendidi ezahlukahlukeneyo. Ngoko ke, iBhayibhile ivumela utshintsho “kuhlobo” ngalunye.

Qiniseka Ngoko Ukukholelwayo!

Akukho sizathu sokuba uthandabuze okanye ube neentloni ngokukholelwa ukuba izinto zadalwa. Xa sicinga ngobungqina esinabo, kusengqiqweni—kuyavisisana nenzululwazi—ukukholelwa ukuba sadalwa ngumntu okrelekrele. Ekugqibeleni, ufanele ube nokholo oluqine kakhulu ukuze uyikholelwe indaleko nemimangaliso kube kungekho mntu uyenzayo, ngoxa kungenjalo ngokukholelwa kwindalo. Eneneni, emva kokuba ufunde amanye amanqaku kulo Vukani! ngokuqinisekileyo uya kweyiseka kukuba ubungqina buxhasa isibakala sokuba izinto zadalwa. Emva kokuba uwuqwalasele lo mbandela, usebenzisa amandla akho engqiqo, uya kukwazi ukuyithethelela uqinisekile ngakumbi eklasini inkolelo yokuba izinto zadalwa.

URaquel okhankanywe ngaphambili naye wafumanisa oko. Uthi: “Emva nje kweentsuku ezimbalwa ndaqonda ukuba ndifanele ndithethe ngeenkolelo zam. Ndanika umfundisi-ntsapho incwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? ezinye iinxalenye zayo ndazikrwelela kuba ndandifuna azifunde. Wathi, le ncwadi imncede wacinga ngenye indlela ngombandela wendaleko yaye uza kuyisebenzisa inkcazelo ekuyo xa efundisa ngalo mbandela!”

Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” anokufunyanwa kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 14 Ulutsha oluninzi luye lwazuza ngokuphinda luqwalasele inkcazelo ekwincwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? nethi Is There a Creator Who Cares About You? Zombini ezi ncwadi zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

OFANELE UCINGE NGAKO

◼ Ziziphi iindlela ezilula onokukuchaza ngazo oko ukukholelwayo ngendalo esikolweni?

◼ Unokulubonisa njani uxabiso ngaLowo udale zonke izinto?—IZenzo 17:26, 27.

[Ibhokisi ekwiphepha 27]

“KUKHO UBUNGQINA OBANELEYO”

“Uya kuthini koselula okhule ekholelwa ukuba kukho uMdali kodwa ofundiswa ngendaleko esikolweni?” Lo mbuzo wabuzwa kwisazi ngeentsholongwane esiliNgqina likaYehova. Sathini ukuphendula? Akufanele ukholelwe ukuba uThixo ukho—kuba nje abazali bakho bakufundisa oko, kodwa ukholelwa kuThixo kuba uye wahlolisisa ubungqina waza nawe wafikelela kweso sigqibo. Maxa wambi xa ootitshala becelwa ukuba beze ‘nobungqina’ bendaleko, badla ngokufumanisa ukuba abakwazi, yaye baphawule ukuba baye bamkela nje loo ngcamango kuba bayifundiswa. Kunokwenzeka into efanayo nakuwe okholelwa ukuba kukho uMdali. Kungenxa yeso sizathu lento kubalulekile ukuvavanya ngokwakho ubungqina bokuba uThixo ngokwenene ukho. Kukho ubungqina obaneleyo. Kulula ukubufumana.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 28]

“YINTONI EBANGELA UKUBA UQINISEKE?”

Ngezantsi, dwelisa izinto ezintathu wena ezikwenza uqiniseke ukuba uMdali ukho.

1. ․․․․․

2. ․․․․․

3. ․․․․․