Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Inzululwazi Nengxelo YeGenesis Ziyaphikisana?

Ngaba Inzululwazi Nengxelo YeGenesis Ziyaphikisana?

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Inzululwazi Nengxelo YeGenesis Ziyaphikisana?

ABANTU abaninzi balilisela ngelithi inzululwazi ayivumelani nengxelo yendalo eseBhayibhileni. Kodwa ezona zinto zingqubanayo yinzululwazi neenkolelo zabo bazibanga bengamaKristu kodwa ingeyiyo iBhayibhile. Ezinye iicawa, zixoka, zithi iBhayibhile ifundisa ukuba, yonke indalo yadalwa ngeentsuku ezintandathu, iiyure ezingama-24 suku ngalunye malunga neminyaka engama-10 000 eyadlulayo.

Noko ke, iBhayibhile ayivumelani naloo mfundiso. Ukuba ibivumelana nayo, oko kuthetha ukuthi okwafunyaniswa zizazinzulu ezininzi ebudeni beminyaka elikhulu edluleyo bekuya kuyingqina iBhayibhile ibubuxoki. Ukuyifunda ngokucokisekileyo iBhayibhile kwenza singaboni mahluko koko kuye kwafunyaniswa zizazinzulu. Ngenxa yeso sizathu amaNgqina kaYehova akavumelani noko kuthethwa ngabo bazibanga “bengamaKristu” nabo bakholelwa ukuba indalo yabakho ngeentsuku ezintandathu ezineeyure ezingama-24. Makhe sibone oko ngokwenene kufundiswa yiBhayibhile.

Kwakunini “Ekuqaleni?”

IGenesis ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Abaphengululi beBhayibhile bayavuma ukuba le ndinyana ichaza okwahlukileyo koko kuchazwe kwindinyana 3 nakwezinye ezilandelayo. Intsingiselo yayo ibalulekile kakhulu. Indinyana yokuqala ithi, ummandla wendalo, kuquka nesijikelezi-langa sethu uMhlaba, sasikho ngaphambi kokuba kuqale iintsuku ezintandathu zokudala.

Izazi ngembali yomhlaba nendalo ziqikelela ukuba umhlaba umalunga neminyaka engamawaka ama-4 ezigidi ukho yaye izazi ngeenkwenkwezi zithi indalo iphela ineminyaka engamawaka ali-15 ezigidi ukho. Ngaba oko ziye zakufumanisa—okanye oko zicinga ukukwenza kwixesha elizayo kuyangqubana noko kukwiGenesis 1:1? Akunjalo. IBhayibhile ayisichazeli ngokungqalileyo ukuba “amazulu nomhlaba” abekho ixesha elide kangakanani. Inzululwazi ayiphikisani nale ndinyana yeBhayibhile.

Zinde Kangakanani Iintsuku Zokudala?

Zinde kangakanani iintsuku zokudala? Ngaba ziiyure ezingama-24 zokoqobo? Abanye bathi ngenxa yokuba uMoses—umbhali wencwadi yeGenesis—kamva wabhekisela kusuku olwalandela olwesithandathu lokudala xa wayethetha ngeveki yeSabatha, ngoko ke suku ngalunye lokudala lufanele lube ziiyure ezingama-24 ubude. (Eksodus 20:11) Ngaba amazwi akwiGenesis ayakuxhasa oku?

Akunjalo. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “usuku” alithethi nje kuphela iiyure ezingama-24. Ngokomzekelo, xa uMoses eshwankathela umsebenzi kaThixo wokudala, uzichaza iintsuku ezintandathu zokudala njengosuku olunye. (Genesis 2:4) Ukongezelela, ngosuku lokuqala lokudala, “wakubiza uThixo ukukhanya ngokuthi yiMini, kodwa bona ubumnyama wabubiza ngokuthi buBusuku.” (Genesis 1:5) Apha, kuphela inxalenye ethile yeeyure ezingama-24 ichazwa “njengosuku.” Ngokuqinisekileyo, akukho nto eZibhalweni ethi suku ngalunye lokudala lwaluziiyure ezingama-24.

Ngoko ke, zazinde kangakanani iintsuku zokudala? Amazwi akwiGenesis isahluko 1 nesesi-2 abonisa ukuba ukudala kwathabatha ixesha elithile.

Izinto Zadalwa Ngokuthe Ngcembe

UMoses wabhala ingxelo yakhe ngesiHebhere yaye wayibhala ngokwengqiqo yomntu omi phezu kwegaqa lomhlaba. Ezi zibakala zibini, nokwazi ukuba ummandla womhlaba wawukho ngaphambi kwexesha okanye “iintsuku” zokudala, kusinceda sicombulule impikiswano ebakho xa kuthethwa ngengxelo yendalo. Sinokukwenza njani oko?

Ukuba uyiqwalasela ngokucokisekileyo ingxelo yeGenesis uya kufumanisa ukuba iziganeko ezaqala “kusuku” lokuqala zaqhubeka nakusuku okanye kwiintsuku ezalandelayo. Ngokomzekelo, ngaphambi “kosuku” lokuqala lokudala, ilitha lokukhanya elivela kwilanga elalikade likho, lathintelwa ukuba lingafikeleli kummandla womhlaba, ekungenzeka ukuba laligqunywe zingqimba zamafu. (Yobhi 38:9) Ebudeni ‘bosuku’ lokuqala loo mafu atyhileka kwaza kwakho ukukhanya. *

“Ngosuku” lwesibini imozulu yayintle, kwabakho umahluko phakathi kweengqimba zamafu nolwandle. “Ngosuku” lwesine ilanga nenyanga zazibonakala “esibhakabhakeni samazulu.” (Genesis 1:14-16) Ngamanye amazwi, ilanga nenyanga zakhanyisa emhlabeni. Ezi ziganeko zazisenzeka ngokuthe ngcembe.

Kwakhona ingxelo yeGenesis ithi njengokuba imozulu yayisiya isiba ntle, izidalwa eziphaphazelayo—kuquka izinambuzane nezidalwa ezibhabhayo ezinamaphiko anenwebu—zadalwa “ngosuku” lwesihlanu. Noko ke, iBhayibhile ibonisa ukuba “ngosuku” lwesithandathu, uThixo “wabumba ngomhlaba onke amarhamncwa asendle nazo zonke izidalwa eziphaphazelayo zasemazulwini.”—Genesis 2:19.

Ngokucacileyo iBhayibhile ithetha nangezinye iziganeko ezikhulu ezenzeka “suku” ngalunye, okanye ngexesha lokudala, eziye zenzeka ngokuthe ngcembe, mhlawumbi ezinye zazo ziye zadlulela nakwezinye “iintsuku” zokudala.

Ngokohlobo Lwazo

Ngaba ukudalwa ngokuthe ngcembe kwezityalo nezilwanyana, kuthetha ukuba uThixo wasebenzisa indaleko ukudala izinto eziphilayo ezahlukahlukeneyo. Akunjalo. IGenesis ikubeka ngokucacileyo oku isithi, uThixo wadala zonke “iintlobo” zezityalo nezilwanyana. (Genesis 1:11, 12, 20-25) Ngaba ezi “ntlobo” zezityalo nezilwanyana zadalwa zakwazi ukumelana nemozulu etshintsha umhla nezolo? Yintoni eyahlula “uhlobo” ngalunye? IBhayibhile ayisixeleli. Noko ke, isixelela ukuba izidalwa eziphilayo ‘zinyakazela emanzini ngokohlobo lwazo.’ (Genesis 1:21) La mazwi abonisa ukuba ukutshintshatshintsha, kwezinto “ngokohlobo” lwazo kunomda. Izinto zamandulo ezifunyenweyo nophando lwale mihla luxhasa imbono yokuba izityalo nezilwanyana ziye zatshintsha kancinane ebudeni beminyaka emininzi.

Ngokwahlukileyo koko kuthethwa ngabo bazibanga bengamaKristu, iGenesis ayifundisi ukuba ummandla wendalo, umhlaba nazo zonke izinto eziphilayo, zadalwa ngexesha nje elifutshane, kungekudala kangako. Kunoko, iGenesis ichaza ukuba indlela ekwadalwa ngayo iyavumelana noko kuye kwafunyaniswa zizazinzulu.

Ngenxa yeenkolelo zazo, izazinzulu ezininzi ziye zakugatya ukuba zonke izinto zadalwa nguThixo njengokuba iBhayibhile isitsho. Noko ke, okubangel’ umdla kukuba kwincwadi yamandulo yeBhayibhile, iGenesis, uMoses wabhala wathi, indalo inesiqalo, izinto zadalwa ngokwamanqanaba, ngokuqhubekayo yaye zadalwa ebudeni bexesha elide. UMoses wayifumana njani inkcazelo echane ngolo hlobo ekubeni kwakusele kudlule iminyaka engama-3 500 kudaliwe? Kukho isizathu esinye esivakalayo. Lowo unamandla nobulumko bokudala amazulu nomhlaba ngokuqinisekileyo nguye oye wanika uMoses olo lwazi luchanileyo. Oku kusinika isizathu esivakalayo sokuthi iBhayibhile “iphefumlelwe nguThixo.”—2 Timoti 3:16.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 14 Xa kuchaza okwenzekayo “kusuku” lokuqala, isiHebhere sisebenzisa igama elithi ʼohr, ukuchaza ukukhanya nje okuqhelekileyo; kodwa xa kuchazwa “usuku” lwesine kusetyenziswe elithi ma ʼohrʹ, ukubhekisela kumthombo wokukhanya.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

◼ UThixo wawudala nini umhlaba?—Genesis 1:1.

◼ Ngaba umhlaba wadalwa ngeentsuku ezintandathu, usuku olunye luneeyure ezingama-24?—Genesis 2:4.

◼ Kwakutheni ukuze iincwadi zikaMoses ngokuphathelele isiqalo somhlaba zivisisane nenzululwazi?—2 Timoti 3:16

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]

IGenesis ayifundisi ukuba indalo iphela yadalwa ngexesha nje elifutshane kungekudala kangako

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 20]

“Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”—Genesis 1:1

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 18]

Isibhakabhaka: IAC/RGO/David Malin Images

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 20]

Ifoto yeNASA