Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Kubalulekile Oko Ukukholelwayo?

Ngaba Kubalulekile Oko Ukukholelwayo?

Ngaba Kubalulekile Oko Ukukholelwayo?

NGABA ucinga ukuba ubomi bunayo injongo? Ukuba indaleko yinyaniso, amazwi acatshulwe kulindixesha iScientific American ebeya kuba yinyaniso: “Indlela esiyiqonda ngayo indaleko namhlanje ibonisa . . . ukuba ubomi abunayo injongo.”

Makhe siqwalasele intsingiselo yalo mazwi. Ukuba ubomi bebungenanjongo, ubuya kuzama ukwenza izenzo ezintle uze mhlawumbi udlulisele ezo mpawu zintle zikwimizila yakho yemfuza kwisizukulwana esilandelayo. Ukufa kwakho bekuya kuthetha ukungabikho kwakho ngonaphakade. Amandla okucinga, ukuqiqa nokucamngca ngenjongo yobomi ebeya kuba abakho ngempazamo.

Akuphelelanga apho. Abantu abaninzi abakholelwa kwindaleko baqiqa ngelithi uThixo akakho okanye akangeneleli kwimicimbi yabantu. Bakwathi, ikamva lethu lixhomekeke kwiinkokeli zopolitiko, kwizifundiswa nakubefundisi. Kodwa xa sikhangela kwimbali yabo, izidubedube, iimpikiswano nobuqhetseba nto ezo eziye zonakalisa ibutho labantu beziya kuqhubeka. Ukuba ngokwenene indaleko yinyaniso, bekuya kubakho izizathu ezininzi ezibangela ukuba abantu baphile ubomi bokuzibhubhisa, besithi: “Masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.”—1 Korinte 15:32.

Ngokuqinisekileyo bekuya kuba njalo. AmaNgqina kaYehova akakholelwa kumazwi akhankanywe ngaphambilana. Kwakhona akakholelwa kwimvelaphi yala mazwi—indaleko. Ngokwahlukileyo koko, amaNgqina akholelwa ukuba iBhayibhile iyinyaniso. (Yohane 17:17) Ngoko ke, ayakukholelwa oko kuthethwa yiyo ngendlela eseza ngayo apha emhlabeni: “Ukuwe [Thixo] umthombo wobomi.” (INdumiso 36:9) La mazwi abalulekile.

Ubomi bunayo injongo. UMdali wethu onothando unenjongo ngabo bakhetha ukuphila ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. (INtshumayeli 12:13) Loo njongo iquka idinga lobomi kwihlabathi elingenazidubedube, iimfazwe, ubuqhetseba nokufa. Izigidi zamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke zinobungqina bokuba ukufunda ngoThixo nokwenza ukuthanda kwakhe kwenza uphile ubomi obunenjongo ngaphezu kwayo nayiphi na enye into!—Yohane 17:3.

Ngokuqinisekileyo kubalulekile oko ukukholelwayo, kuba kuchaphazela ulonwabo lwakho ngoku nakwixesha elizayo. Umele uzikhethele. Ngaba ungayikholelwa inkcazelo eye yasilela ukuza nobungqina ngendlela umhlaba owenziwe ngayo? Okanye ngaba uya kwamkela oko iBhayibhile ikuthethayo, njengokuba umhlaba nezinto ezikuwo zenziwe nguMyili obalaseleyo—uYehova, uThixo ‘owadala zonke izinto?’—ISityhilelo 4:11.