Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngubani Ofanele Umkholelwe?

Ngubani Ofanele Umkholelwe?

Ngubani Ofanele Umkholelwe?

“Kambe ke, ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.”—HEBHERE 3:4.

NGABA uyavumelana nala mazwi asengqiqweni ombhali weBhayibhile? La mazwi abhalwa kwiminyaka engama-2 000 edluleyo, yaye ukususela ngoko uluntu luye lwabona ukuhambela phambili kwenzululwazi. Ngaba kusekho abantu abacinga ukuba indlela indalo eyilwe ngayo isenza sivume ukuba kukho uMyili, uMdali okanye uThixo?

Nakumazwe ahambele phambili kwinzululwazi, abantu abaninzi banokuphendula ngokuvumayo kulo mbuzo. Ngokomzekelo, eUnited States, kuhlolisiso olwenziwa liphephancwadi iNewsweek ngowama-2005, kwafunyaniswa ukuba abantu abangama-80 ekhulwini “bakholelwa ukuba uThixo ngumdali wendalo iphela.” Ngaba le nkolelo idiza ukuba aba bantu bangamaqaba? Phofu, ngaba zikho izazinzulu ezikholelwa ukuba ukho uThixo? Ulindixesha wenzululwazi iNature ngowe-1997 wathi phantse izazinzulu zebhayoloji, iingcali zemichiza nezazi zemathematika ezingama-40 ekhulwini ziyakholelwa kuThixo yaye zikholelwa ukuba ungumphulaphuli kwaye uyayiphendula imithandazo.

Noko ke, ezinye izazinzulu zizalel’ endle. UGqr. Herbert A. Hauptman, nowafumana iMbasa kaNobel, mvanje uxelele ababezimase ingqungquthela yenzululwazi ukuba ukukholelwa kumandla angaphaya kwemvelo, ngakumbi ukukholelwa kuThixo, kuyangqubana nenzululwazi yokwenene. Lo kaHauptman wathi: “Le nkolelo ifathulisa uluntu ebumnyameni.” Izazinzulu ezikholelwa ukuba uThixo ukho zimadolw’ anzima ukufundisa ukuba izityalo nezilwanyana zinoMyili. Ngoba? Echaza esinye isizathu, uDouglas H. Erwin osisazinzulu ngezityalo kwiSmithsonian Institute uthi: “Omnye umthetho kwinzululwazi uthi, imilingo ayikho.”

Unokuvumela abanye bakuxelele oko umele ukukholelwe nendlela ofanele ucinge ngayo. Okanye unokuzenzela uphando ngokwakho ngobungqina obukhoyo uze ufikelele kwisigqibo. Njengokuba uza kubona izinto eziye zavunjululwa ziinzululwazi kumaphepha alandelayo, zibuze, ‘Ngaba kusengqiqweni ukugqiba kwelokuba uMdali ukho?’

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]

Zenzele olwakho uphando

[Ibhokisi ekwiphepha 3]

NGABA AMANGQINA KAYEHOVA AKHOLELWA KWINDALO?

AmaNgqina kaYehova ayayikholelwa ingxelo yendalo njengoko ichazwe kwincwadi yeBhayibhile yeGenesis. Noko ke, indlela amaNgqina kaYehova akholelwa ngayo kwindalo isenokungafani nendlela abanye abantu abakholelwa ngayo. Ngoba? Okokuqala, abantu abaninzi abakholelwa kwindalo bacinga ukuba indalo iphela, umhlaba nobomi zadalwa kwiintsuku ezintandathu, suku ngalunye luziiyure ezingama-24, malunga neminyaka engama-10 000 eyadlulayo. Noko ke, oku akufundiswa yiBhayibhile. * Kwakhona, abantu abakholelwa kwindalo baneemfundiso ezininzi ezingasekelwanga eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova asekela zonke iimfundiso zawo kwiLizwi likaThixo.

Ngaphezu koko, indlela abanye abantu abakholelwa ngayo kwindalo ihambisana nengcamango yamaqela eeFundamentalist, engene zwabha kwezobupolitika. La maqela azama ukunyanzela abezobupolitika, iijaji notitshala ukuze bamkele inkqubo, imithetho neemfundiso zawo ezihambisana nokudalwa.

AmaNgqina kaYehova akabandakanyeki kwimicimbi yezobupolitika. Ayalihlonela igunya abanalo oorhulumente lokubeka imithetho. (Roma 13:1-7) Kwelinye icala, aphila ngokuvisisana namazwi athethwa nguYesu athi ‘akayonxalenye yehlabathi.’ (Yohane 17:14-16) Xa eshumayela, anika abantu ithuba lokufunda ngeenzuzo zokuphila ngemilinganiselo kaThixo. Nakuba kunjalo, njengamaKristu akathath’ icala kwimibandela yehlabathi ngokuxhasa amaqela eeFundamentalist, azama ukubeka imithetho eya kuthi kamva inyanzele abemi ukuba bathobele imilinganiselo yeBhayibhile.—Yohane 18:36.

[Umbhalo osemazantsi]