Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

“Eyona ndawo inezinto ezininzi eziphilayo kusenzulwini yolwandle. Le yenye yeendawo ekunzima ukuphila kuzo . . . Phofu ke, naphi na apho sikhangela khona, kukho izinto ezininzi eziphilayo, maxa wambi ezininzi gqitha.”—INEW SCIENTIST, EBRITANI.

Kwityala ebelichotshelwe mvanje, umantyi wenkundla ephakamileyo yaseHarrisburg, ePennsylvania, eUnited States, wagqiba ngelithi “kuchasene nomthetho ukufundisa [ngoMdali okrelekrele] njengesifundo esiphikisana nendaleko kwiklasi yenzululwazi kwizikolo zikawonke-wonke.”—INEW YORK TIMES, eUNITED STATES.

Ngokutsho kohlolisiso lweendaba olwenziwa ngowama-2005, “abemi baseMerika abanokuba ngama-51 ekhulwini abavumelani nemfundiso yendaleko.”—INEW YORK TIMES, eUNITED STATES.

UHarriet, ufudo olukhulu oluziikhilogram ezili-150 ubunzima nelifumaneka kwiziqithi zeGalápagos noluneminyaka eli-175 ubudala oluhlala kumzi wezilwanyana eBrisbane, eOstreliya, “sesona silwanyana sidala siphilayo saziwayo.”—IAUSTRALIAN BROADCASTING CORPORATION.

Abaphandi baseSwitzerland bafumanise indlela iindidi ezahlukahlukeneyo zombona ezizikhusela ngayo kwirootworm esuka kumazwe asentshona. Zikhuphela ivumba elithile emhlabeni. Eli vumba litsala isihlava esibulala imibungu yerootworm.—IDIE WELT, EJAMANI.

Ifoto Yengwane Enkulu

Kufuphi neZiqithi zeBonin, kumzantsi weJapan okwesihlandlo sokuqala izazinzulu zafota ingwane enkulu iphila. Kwiminatha yazo zafaka iingwane ezincinane nenyama yenqonci zaza zaxhoma iikhamera ngaphezu kwayo. Ingwane enkulu eyavela kumanzi aziimitha ezingama-900 ubunzulu, kuqikelelwa ukuba yayiziimitha ezisi-8 ubude.

“Iidinosaur Zazisitya Ingca”

Ingxelo yeAssociated Press ithi: “Zothuka gqitha izazinzulu” kukufumanisa ukuba “iidinosaur zazisitya ingca.” Oku kwafunyaniswa xa kwahlolisiswa amathambo esauropod eyayifunyenwe eIndiya. Yintoni eyabangela lo mothuko? Kule ngxelo kuthiwa kwakucingwa ukuba “ingca zange ivele de kwadlula ixesha elide emva kokufa kweedinosaur.” Kwakhona kwakukho inkolelo yokuba ezo sauropods “zazingenakukwazi ukucola ingca eyayomelele ngohlobo lwamazinyo azo.” UCaroline Stromberg, isazi sezityalo zakudala nesasikhokele iqela elaliphanda ngoku, uthi: “Inkoliso yabantu yayingenakucinga ukuba zazisitya ingca.”

Iinyosi Zikwazi Njani Ukubhabha?

Kudlalwa, kuye kwathiwa oononjineli baye bafumanisa ukuba iinyosi azikwazi kubhabha. Kwakubonakala ngathi ezi zinambuzane “zinzima” nezinamaphiko amafutshane azinakukwazi ukubhabha. INew Scientist ithi ukuze kufunyaniswe indlela ezi zinambuzane ezibhabha ngayo, oononjineli “baye benza ifilimu yeenyosi ezinokuba ngama-6 000 ngomzuzwana.” Kuthiwa iinyosi zinobuchule “obungaqhelekanga.” Omnye kwiqela labaphandi uthi: “Amaphiko azo aphaphazela isiqingatha somjikelo wesangqa, yaye ukubuya kwawo—aphaphazele izihlandlo ezingama-230 ngomzuzwana. . . . Oku kunjengomatshini ojikelezisa iphiko, xa nalo iphiko lijikeleza.” Oku kusenokubanceda oononjineli xa beyila oomatshini abatsha neenqwelo-moya ezinobuchule obungakumbi.

Iimpuku Eziculayo

INew Scientist ithi: “Iimpuku ziyakwazi ukucula, yaye . . . iingoma eziziculela amaqabane azo zintsonkothe njengeengoma zeentaka.” Iingoma zeempuku azivakali kwindlebe yomntu, zitswina kakhulu ukuba zingaviwa ziindlebe zabantu—nto leyo esisizathu esinokubangela ukuba oku kungaphawulwa ngaphambili. Abaphandi baseSt. Louis, eMissouri, eUnited States, bafumanisa ukuba impuku eliduna “icula amabinzana amafutshane, nto leyo ekunokuthiwa ‘yingoma.’” Oku kuzenza iimpuku zibe kwiqela elikhethekileyo. Ekuphela kwezinye izilwanyana ezanyisayo ekuthiwa nazo ziyakwazi ukucula yiminenga, iintlobo ezithile zamalulwane, phofu ke, nabantu.