Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubuya Kuphendula Uthini?

Ubuya Kuphendula Uthini?

Ubuya Kuphendula Uthini?

YINTONI ENGACHANANGA NGALO MFANEKISO?

Chaza izinto ezintathu ezingavumelaniyo nengxelo yeBhayibhile yeGenesis 3:1-5.

1. ․․․․․

2. ․․․․․

3. ․․․․․

Ukwenzela Incoko: Kwakutheni ukuze uYehova athi kuAdam noEva mabangatyi kumthi wokwazi okulungileyo nokubi? Kutheni ucinga ukuba kubalulekile ukuthobela imiyalelo kaYehova?

KWENZEKA NINI OKU?

Krwela umgca osuka kwisiganeko oya “kusuku” esaqalisa ngaso.

Usuku 1 Usuku 2 Usuku 3 Usuku 4 Usuku 5 Usuku 6 Usuku 7

4. Genesis 1:14-16

5. Genesis 1:24

6. Genesis 1:20, 21

NDINGUBANI?

7. Ndandingumntu wokuqala embalini ukwakha isixeko.

NDINGUBANI?

8. Ndilibhinqa lokuqala emva koEva ukubizwa ngegama eBhayibhileni.

KULE NKUPHO

Phendula le mibuzo, uze uchaze indinyana (ii) yeBhayibhile engachazwanga.

Iphepha 5 Sisiphi isilwanyana eBhayibhileni esaziwa ngokukwazi ukunyuka ezintweni? (IMizekeliso 30:․․․)

Iphepha 9 Kutheni uYehova efanele adunyiswe? (ISityhilelo 4:․․․)

Iphepha 20 Ulwazi esilufumana kwiGenesis bubungqina bantoni? (2 Timoti 3:․․․)

Iphepha 25 Yonke into yenziwe njani “ngexesha layo?” (INtshumayeli 3:․․․)

Bantwana Khangelani Le Mifanekiso

Ngaba unokuyifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho chaza into eyenzekayo kumfanekiso ngamnye.

(Iimpendulo zikwiphepha 12)

IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31

1. Inyoka ayizange ithethe noAdam kodwa yathetha noEva.—Genesis 3:1.

2. UAdam noEva baba nabantwana emva kokuba bephumile e-Eden.—Genesis 4:1.

3. UAdam noEva babehamba ze ngoxa babesemyezweni.—Genesis 2:25.

4. “Usuku” lwe-4.—Genesis 1:14-16, 19.

5. “Usuku” lwesi-6.—Genesis 1:24, 31.

6. “Usuku” lwesi-5.—Genesis 1:20, 21, 23.

7. UKayin.—Genesis 4:17.

8. UAda.—Genesis 4:19.

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 31]

Isangqa sokuqala: Breck P. Kent; isangqa sesibini: © Pat Canova/Index Stock Imagery