Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IShark Bay—Ichweba Elinendalo Entle

IShark Bay—Ichweba Elinendalo Entle

IShark Bay—Ichweba Elinendalo Entle

NGUMBHALI KAVUKANI! EOSTRELIYA

ISHARK BAY lichweba elikhulu nelisisidibi elikwincam yentshona eOstreliya, kwiikhilomitha ezinokuba ngama-650 ngasentla kwesixeko iPerth. Ngowe-1629, umhloli wamazwe ongumDatshi uFrancois Pelsaert wayibiza le ndawo ikwanti ngokuthi “lilizwe eliyinkqantosi eliqalekisiweyo, indawo ebharhileyo engenayo nengca le.” Kamva abakhenkethi bayithiya amany’ amagama le ndawo njengelithi Hopeless Reach, Useless Inlet, nelithi Disappointment Loop.

Noko ke, namhlanje abantu abangaphezu kwama-120 000 minyaka le bathontelana eShark Bay. Le ndawo ikwanti intle kangangokuba ngowe-1991 yagqalwa njengenye yeeNdawo Ezibalulekileyo Ehlabathini. a

Amathafa Anezinto Ezininzi Eziphilayo

Lo kaPelsaert ngewayefumene amathafa anotyani ukuba wayekhangele ngaphantsi kwamanzi, kuba iShark Bay yeyona ndawo engaphantsi kwamanzi enotyani obuninzi obuziindidi ezininzi ehlabathini, izikwekhilomitha ezingama-4 000. Iyodwa nje iWooramel Seagrass Bank iziikhilomitha ezili-130 kwingxingo engasempuma kweShark Bay.

Obu tyani baselwandle, izityalo eziphuma iintyatyambo, bondla iindidi zezidalwa eziphila emanzini. Iimbaza neentlanzi ezincinane, nezinye izidalwa ezininzi zasemanzini zihlala kula matyholo anamagqabi amaninzi. Iimarine ezinokuba ngama-10 000 zifumana ukutya kula madlelo anotyani baselwandle. Ezi zidalwa zincancisayo nezizolileyo, ezinokuba ziikhilogram ezingama-400 ubunzima, zitya kuloo madlelo aluhlaza angaphantsi kwamanzi, yaye maxa wambi zingumhlambi ongaphezu kwe-100. Kusenokwenzeka kuba sithethanje ezona iidungong zininzi ehlabathini zifumaneka kumantla eOstreliya, ukususela eShark Bay ngasentshona ukusa eMoreton Bay empuma. b

Ivumelana negama layo, iShark Bay likhaya kwinkitha yookrebe abaziindidi ngeendidi. Oku kuquka owoyikwa gqitha itiger shark nomkhulu gqitha iwhale shark nangona ungeyongozi, eyona ntlanzi inkulu ehlabathini. Kule ndawo kuhlala ookrebe namahlengesi, nto leyo ebhenca ubuxoki bokuba amahlengesi akahlalisani nookrebe. Enyanisweni, abaphandi bafumanise ukuba amahlengesi anokuba ngama-70 ekhulwini kulo mmandla anamanxeba okuhlaselwa ngookrebe. Kwizidalwa ezahlukahlukeneyo eziphila apha, kukho neminenga ekuthiwa ziihumpback ephumla apha xa isendleleni eya emazantsi ale ndawo yaye nyaka ngamnye kufika amafudo aselwandle nawo amaninzi eze kuzalela amaqanda awo kunxweme lwalapha.

Ngaba La Ngamatye Okwenene?

Ngokwahlukileyo kweminye imimandla yeShark Bay, iHamelin Pool, esemazantsi eli chweba, ibonakala imbatshile yaye apho akukho zidalwa ziphilayo. Ngenxa yokuguquka lula kwamanzi abe ngumphunga, la madama asisidibi anamanzi amtyuba ngokuphindwe kabini kunawaselwandle. Elugqamekweni lwamanzi kukho izinto ezingwevu ezibonakala ngathi ngamatye. Noko ke, xa uziqwalasele, uya kufumanisa ukuba la asingomatye, ntonje ziistromatolites, izinto ezincinane ekuthiwa ziicyanobacteria. Phantse kwiskwemitha ngasinye kubakho amawaka ezigidi ezithathu ezi zidalwa!

Ezi zidalwa zixuba incindi encangathi nezinto eziphuma kumanzi olwandle zize zivelise udaka oluqinileyo, oluba ngumaleko phezu komnye kweli khaya lazo linjengelitye. Le nkqubo ithabath’ ixesha elide gqitha. Ngexesha loo stromatolite ikhule yaziisentimitha ezingama-30 ubude, kusenokuba ineminyaka ephantse ibe li-1 000 ikho!

EHamelin Pool kufumaneka ezona ndidi zininzi nezahlukahlukeneyo zestromatolite ehlabathini. Ngaphezu koko, le kuphela kwendawo efumaneka kuyo istromatolite ehlabathini.

Ezona Zinto Zithandwayo EShark Bay

Eyona nto ithandwayo eShark Bay ngamahlengesi anempumlo ende aseMonkey Mia, unxweme oluseDenham Peninsula. IMonkey Mia yenye yeendawo ezimbalwa ehlabathini apho amahlengesi eza rhoqo elunxwemeni ukuze adlale nabantu. Akwaziwa ngokuqinisekileyo ukuba oku kwaqala nini ukwenzeka.

Abanye bathi ngeminyaka yee-1950 amahlengesi ayekhokelela iintlanzi kwiindawo ezisisidibi—yaye oku kusenzeka nanamhlanje. Kusenokwenzeka ukuba abantu basebenzisa eli thuba ukuze baphe amahlengesi ukutya baze baqhelane nawo. Ngowe-1964 ibhinqa lalapha elingumlobi laphosa intlanzi kwihlengesi elalihamba lodwa lijikeleza iphenyane lalo eMonkey Mia. Elo hlengesi, ekuthiwa nguCharlie, labuya ngobusuku obulandelayo laza lathabatha intlanzi elo bhinqa elaliyibambe ngesandla. Kungekudala, abahlobo bakaCharlie nabo benza into efanayo.

Ukususela ngoko, izizukulwana ezithathu zamahlengesi ziye zonwabisa abakhenkethi abaninzi. Oku kuye kwenzeka nakwizazi zebhayoloji, yaye ezingaphezu kwe-100 ezivela kumazwe ngamazwe ziye zenza uphando ngezi zilwanyana, nto leyo enze angawona mahlengesi ekufundwe ngawo ehlabathini lonke.

Sithethanje, phantse ntsasa nganye, amahlengesi ehamba namathole awo, atyelela unxweme lwaseMonkey Mia. Indwendwe ezininzi ziwalindela ngochulumanco la mahlengesi, kodwa zimbalwa ezifanele ziwanike ukutya. Ngoba? Ngenxa yokuba abalondolozi bepaki bafuna ukuqiniseka ukuba ezi zilwanyana azixhomekeki ebantwini ukuze zifumane ukutya. Sekunjalo, bonke abantu abakhoyo bayazibona xa zisondliwa. Elinye ibhinqa lathi: “Akwaba abantu bebenokubonisa uthando olunje kuzo zonke izidalwa zomhlaba!”

IBhayibhile ityhila ukuba loo mnqweno uvisisana nenjongo kaThixo yantlandlolo yokuba abantu bathotyelwe zizo zonke izilwanyana ziseluxolweni. (Genesis 1:28) Ukuba uyazithanda izilwanyana, uya kukuvuyela ukwazi ukuba loo njongo kaThixo, nakuba iye yaphazamiseka okwexeshana ngenxa yesono, iya kuzaliseka ngokupheleleyo xa uBukumkani bukaThixo, urhulumente wasezulwini olawulwa nguYesu Kristu, elawula umhlaba.—Mateyu 6:9, 10; ISityhilelo 11:15.

KuBukumkani bukaThixo, umhlaba uphela uya kuba ngumyezo omhle ozaliswe zizidalwa eziphilileyo. Kungekudala, abantu abatyelele eShark Bay basenokubona izinto ezingakumbi kunezo bazibona ngoku.—INdumiso 145:16; Isaya 11:6-9.

[Imibhalo esemazantsi]

a IUnited Nations Educational, Scientific, and Cultural Organization yongezelela kuludwe lweeNdawo Ezibalulekileyo Ehlabathini iindawo enezityalo okanye indalo exabisekileyo.

b Nangona isenokuba iyafana nemanatee, idungong sisidalwa esahlukileyo. Iimanatee zinomsila ongqukuva, kanti zona iimvubu zinomsila otsolo, kanye njengowehlengesi.

[Iimaphu ezikwiphepha 15]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

AUSTRALIA

SHARK BAY

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

Umfanekiso wonxweme lwaseMonkey Mia othatyathwe phezulu

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

I-“dungong” okanye i-“sea cow”

[Inkcazelo]

© GBRMPA

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

Amawaka ezigidi ezinto eziphilayo akhe ii-“stromatolite”

[Umfanekiso okwiphepha 17]

Amahlengesi aza rhoqo kunxweme lwaseMonkey Mia

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 15]

© GBRMPA; satellite map: Jeff Schmaltz, MODIS Rapid Response Team, NASA/GSFC

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 17]

Yonke imifanekiso, ngaphandle kwemvubu, ivela kwiTourism Western Australia