Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithuku—Ubulumko Obumangalisayo

Ithuku—Ubulumko Obumangalisayo

Ithuku—Ubulumko Obumangalisayo

“Ukufuduka kweentaka kumele ukuba kuyeyona nto ihlab’ umxhelo ngendalo.”—COLLINS ATLAS OF BIRD MIGRATION.

NGODISEMBA 9, 1967, umqhubi wenqwelo-moya wabona umhlambi weentaka zaselwandle, ziphaphazela malunga neemitha ezingama-8 200 ukusuka kumphakamo wolwandle zisingise eIreland. Kwakutheni ukuze ezi ntaka zibhabhele phezulu kangaka, apho iqondo lobushushu nolophu limalunga nama-40 ngaphantsi kweqondo lokubanda ngokukaCelsius? Ukuba ezi ntaka zazinokubhabhela ezantsi kunoku, zazinokufunyanwa sisaqhwithi sekhephu, kunoko, ezi ntaka zafumana umsinga womoya owawuvuthuza malunga nama-200 eekhilomitha ngeyure. Kuqikelelwa ukuba ezi ntaka zagqiba uhambo lwazo oluziikhilomitha ezingama-1 300 kwiiyure nje ezisixhenxe.

Eyona ntshatsheli kwiintaka—iarctic tern—ihlala kummandla osiSazinge seArktika kodwa ngexesha lasebusika ifudukela kumantla eIkhweyitha. Ngonyaka nje omnye, le ntaka incinane yaselwandle ihamba umgama ophakathi kwama-40 000 ukusa kuma-50 000 eekhilomitha—umgama olingana nokujikeleza umhlaba!

Iingwamza zihlala kuMntla Yurophu kodwa ebusika ziza eMzantsi Afrika, umgama omalunga neekhilomitha ezingama-24 000. Lo mhlambi wezi ntaka unqumla kwaSirayeli ekwindla nasentlakohlaza, ulandela umjikelo wexesha owawusaziwa nangexesha lokubhalwa kweBhayibhile.—Yeremiya 8:7.

Ngubani onike ezi ntaka ithuku elinjalo? Malunga neminyaka engama-3 500 eyadlulayo, uThixo wabuza lo mbuzo kwindoda eyayililungisa uYobhi: “Ngaba kungenxa yokuqonda kwakho le nto ukhetshe ebhabha aye phezulu, ewaneka amaphiko akhe kumoya wasezantsi? Okanye ngaba kungomyalelo wakho oluthi ukhozi lubhabhe luye phezulu luze lwakhe indlwane yalo phezulu?” Kwimpendulo yakhe uYobhi wadumisa uThixo ngenxa yezenzo zakhe ezimangalisayo zeentaka nezilwanyana.—Yobhi 39:26, 27; 42:2.

Kungaphezulu Kunethuku

Ezona zidalwa zingummangaliso zikaThixo, abantu, abalawulwa lithuku. Kunoko, sizizidalwa ezikhululekileyo, ezinezazela, imbono yokusesikweni nokuthanda. (Genesis 1:27; 1 Yohane 4:8) Ngenxa yezi zipho, siyakwazi ukwenza izigqibo ezilungileyo nezibonisa uthando nokuzincama.

Liyinyaniso lona elokuba, isimo sengqondo somntu nendlela aziphethe ngayo ibunjwa luqeqesho nemilinganiselo yonqulo, izinto azifundiswe okanye angazange waziva ukususela ebusaneni. Ngenxa yeso sizathu, okwamkelekileyo nokungamkelekanga, okuchanileyo nokuphosakeleyo kuyahluka kumntu ngamnye. Ukwahluka kwabantu ngolu hlobo kunokukhokelela ekubeni abantu bangaqondani, banganyamezelani de bathiyane, ngakumbi xa kukho impembelelo enamandla yezithethe, ubuzwe nonqulo.

Hayi indlela ebekuya kuba bhetele ngayo ukuba uluntu beluphila ngemilinganiselo efanayo yokuziphatha neyonqulo lokwenyaniso, kanye ngendlela yemithetho yendalo! Ngaba phofu kukho nabani na onamandla nolwazi lokubeka imilinganiselo enokulandelwa mbombo zone zomhlaba? Ukuba kunjalo, ngaba sele ekwenzile okanye useza kukwenza oko? Loo mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.