Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ndiyakucela Yehova Ndivumele Ndikukhonze”

“Ndiyakucela Yehova Ndivumele Ndikukhonze”

“Ndiyakucela Yehova Ndivumele Ndikukhonze”

Kubalisa uDanielle Hall

Ngoxa ndandiseyintwazana, ndandithanda ukutyelela umakhulu owayehlala elumelwaneni. Suku ngalunye wayedla ngokuthi ngqwa emva kwemini. Ukuba kwenzekile ndimtyelele esangqengqile wayevuka, sihlale phezu kwebhedi, andifundele amabali eBhayibhile. Wayedla ngokuthi kum: “Ungaze ulibale ukuba uYehova uyakuthanda. Ukuba nawe uyamthanda, uya kukunyamekela.” Amazwi akhe ahlala engqondweni nasentliziyweni yam.

UMAKHULU wafa ngowe-1977 xa mna ndandineminyaka emine ubudala. WayeliNgqina likaYehova njengazo zonke izizalwana zikaTata ezikwidolophu yakuthi iMoe, eOstreliya. Abazali bam babengengawo amaNgqina, kodwa uTata wayezihlonela iinkolelo zawo. Ekhaya kamva safudukela eTintenbar, idolophu encinane ekufuphi nonxweme iNew South Wales. Ukufika kwethu apho mna nobhuti omdala uJamie noTata sasisiya maxa wambi kwiintlanganiso zamaNgqina.

Xa ndandineminyaka esibhozo ubudala, abazali bam bahlukana. UTata wabuyela eMoe, ngoxa mna noJamie sahlala noMama. UMama wayengenamdla eBhayibhileni yaye wayengafuni ukuba siye kwiintlanganiso zamaNgqina. Oku kwakundikhathaza kakhulu. Amazwi kaMakhulu ayenkenteza ngaphakathi. Ndandisazi ukuba ndiyamthanda uYehova yaye ndandifuna ukumkhonza. Ngoko ke, ndathandaza kuYehova ndaza ndamchazela ukuba nam ndiliNgqina lakhe. UJamie naye wayevakalelwa ngendlela efanayo.

Iimvavanyo Esikolweni

Kungekudala nje emva koko, utitshala wacela mntwana ngamnye eklasini ukuba achaze unqulo lwakhe ukuze lubhalwe ezincwadini zesikolo. Xa yayinguJamie, watsho ekhwaza, “ndiliNgqina likaYehova.” Utitshala wanqumama waza wamcela ukuba aphinde impendulo yakhe yaye waphinda. Utitshala wathi: “Andiqondi, kodwa siza kuphinda sithethe.” Xa yayindim, nam ndakhwaza ndathi, “ndiliNgqina likaYehova.” Ecaphukile utitshala wabiza inqununu.

Inqununu inomsindo yathi: “Apha phambi kwam ndinamaphepha enu okubhalisa yaye abazali benu abachazanga ukuba ningamaNgqina kaYehova.” Saphendula ngembeko sathi: “Kodwa ke lunqulo lwethu olo.” Inqununu netitshala abazange baphinde bathethe ngaloo nto.

Ngoxa ndandisesikolweni ndazama ukushumayela kubantwana endandifunda nabo ngalo mnconwana wolwazi lweBhayibhile ndandinalo. Ndandihamba nayo INcwadi Yam Yamabali EBhayibhile yaye maxa wambi ndandifundela enye intombazana eyayikholelwa kuThixo. a Kodwa ngenxa yokuba ndandizama ukuphila ngemilinganiselo yamaKristu, ndandingathandwa yaye maxa wambi ndandiziva ndililolo.

Ndandisoloko ndithandaza kuYehova ndimcela ukuba abe ngumhlobo wam osenyongweni. Suku ngalunye xa ndivela esikolweni ndandihlala phezu kwebhedi yaye ndandimchazela uYehova ngazo zonke izinto ezenzekileyo ngaloo mini. Izihlandlo ezininzi bendidla ngokulila. Iinyembezi zizehlela ezidleleni ndandimbongoza ndisithi, “Ndiyakucela Yehova ndivumele ndikukhonze nabantu bakho.” Emva kokuba ndithandazile kwakuba bhetele.

Ileta Eyomelezayo

Xa ndandineminyaka elishumi ubudala, uJamie wabuyela eMoe esiya kuhlala noTata. Ngoku ndandililolo ngakumbi ngokomoya. Ngoxa ndandityelele elumelwaneni, ndafumanisa ukuba kukho amaphephancwadi apapashwe ngamaNgqina kaYehova. Ndinemincili ndayibethelela entloko iadresi yeofisi yesebe yasekuhlaleni yaye ndakhawuleza ndaya endlwini ukuze ndiyibhale phantsi. Ndabhala ileta ndayithumela kwiofisi yesebe ndichaza imeko endikuyo yaye ndicela uncedo ngokomoya. Zathi gwantyi iinyembezi njengokuba ndandifunda ileta eyayichukumisa enamaphepha amabini eyayiphendula leyo ndandiyithumele. Oko kwakubhalwe kuloo leta kwakububungqina bokuba uYehova undixabisile.

Le leta yandibongoza ukuba ndixelise ukholo lwentombazana encinane yakwaSirayeli eyaba ngumkhonzi kaNahaman, intloko yomkhosi waseSiriya ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Nangona yayithinjiwe yaye ingahlali kwilizwe lokuzalwa, yahlala isondelelene noThixo wayo, uYehova. Ithetha ngenkalipho ngokholo lwayo, oko kwakubonisa ukuba ilingqina lakhe elinyanisekileyo.—2 Kumkani 5:1-4.

Ileta evela kwiofisi yesebe yongezelela isithi: “Njengentombazana encinane, ufanele ukhonze uYehova ngokuthobela abazali bakho uze uzibhokoxe esikolweni. Kwakhona kufuneka uhlale usondele kuYehova ngokuthandaza nangokufunda.” Xa iqukumbela le leta yathi: “Danielle, khumbula ukuba kungakhathaliseki ukuba sihlala phi, uYehova usoloko ekufuphi kuthi. Siyaqonda ukuba uyakukholelwa oku.” (Roma 8:35-39) Loo leta nangona ngoku kudala ikho, ihlala ilapha ngaphambili eluqweqweni lweBhayibhile yam. Ndihlala ndiyifunda njengokuba iminyaka ihamba kodwa qho xa ndiyifunda ziyazehlela iinyembezi.

Kungekudala nje emva koko, ndafumana enye ileta eyayindazisa ukuba utata undenzele umrhumo weMboniselo noVukani! ngeposi. Ndavuya kakhulu! Ngoku ndandikufumana rhoqo ukutya kokomoya. Xa kufika inkupho nganye ndandiyiqala ekuqaleni ndiyikhuphe ekugqibeleni. Ndisenayo nangoku imibhalo yokuqala yaba lindixesha baxabisekileyo. Ngelo xesha, umKristu ongumdala okwibandla lasekuhlaleni wayedla ngokundityelela. Nakuba wayengahlali ixesha elide kodwa wayendikhuthaza kakhulu.

Utshintsho Lwabangela Ndenza Inkqubela

Nangona imeko yam yayibhetele ngokomoya, ndandikulangazelela ukukhonza uYehova ndikhululekile. Ngoko ke, xa ndandineminyaka eli-13 ubudala, ndacela kuMama ukuya kuhlala noTata. Ndandimthanda kakhulu uMama njengokuba naye wayendithanda, kodwa ndandizimisele ukukhonza uThixo. Xa wavumayo ndabuyela eMoe yaye ndaqalisa ukufunda iBhayibhile nebandla lasekuhlaleni. Kwakhona uTata wasivumela mna noJamie ukuba siye kuzo zonke iintlanganiso. AmaNgqina asekuhlaleni ayesenza konke okusemandleni ukuze asincede. Mna noJamie senza inkqubela ekhawulezileyo yaye kamva sabhaptizwa, sashiyana nje ngeenyanga ezimbalwa. Ewe, umthandazo endawenza ndisengumntwana waphendulwa. Ndandikhonza uYehova kunye nabantu bakhe.

Ndaba nolwalamano olukhethekileyo nodadobawo uLorraine nomyeni wakhe uPhilip Taylor, nabo ababesebandleni laseMoe. Yayingathi ndiyintombi yabo. Xa bafudukela kwisiqithi saseBougainville, ePapua New Guinea ukuya kukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi, ndavuma ngokukhawuleza xa babefuna ukuhamba nam. Ndandineminyaka nje eli-15 ubudala kodwa uTata noMama bandivumela ukuba ndihambe.

EBougainville ndandifunda ndisekhaya. Ixesha elininzi ndandilichitha ndishumayela. Ndandikuvuyela ukusebenza nabavangeli basemazweni noovulindlela. Uninzi lwabantu basekuhlaleni babethobekile yaye abaninzi babekufuna ukufunda iBhayibhile.

Kamva ngaloo nyaka, kwabakho iingxwangxwaba zezopolitiko yaye kwakuyingozi ngam ukuba ndihlale apho. Intliziyo yam yayilihlwili xa kwafuneka ndishiye eso siqithi sincinane nesinabantu abahle. Njengokuba inqwelo-moya yayisuka ndabona umyeni kadadobawo uPhilip eme ebaleni ewangawangisa esithi ndihambe kakuhle. Njengokuba ndandilila ndathandaza ngaphakathi ndimbongoza uYehova ukuba andivumele ngeny’ imini ukuba ndibe ngumvangeli wasemazweni kwilizwe lasemzini.

Imithandazo Emininzi Yaphendulwa

EOstreliya ukugqiba kwam kumabanga aphakamileyo, ndaqeqeshelwa umsebenzi weofisi ngumzi-mveliso onikela amacebiso angokwasemthethweni. Ngelo xesha uTata wayephinde watshata nomnye umntu yaye wayenyamekela intsapho enkulu yalo Mama umtsha. UJamie wayehlala noMama. Kangangexesha elithile, ndandisithi ndikuTata ndibe ndikuMama. Ubomi babunzinyana. Kwakufuneka ndiphile ubomi obulula ndize ndinikel’ ingqalelo kusukelo lokomoya. Ngowe-1994 ndaba nguvulindlela othe ngxi eMoe.

Ndaphinda ndanovuyo. Abahlobo bam basebandleni yayilulutsha olutyekele kwizinto zokomoya yaye babendixhasa. Ngowe-1996 ndatshata omnye wabo—uWill—owayethethela phantsi, enobubele yaye eyindoda ethobekileyo. Wayesisipho esivela kuYehova.

Sasizinzile emtshatweni yaye sasonwabile. Ngeny’ imini, uWill wafika endlwini emva komsebenzi ehamba nomveleli ohambahambayo owayetyelela amabandla kummandla wethu. Emva kokundicela ukuba ndihlale phantsi, wabuza, “Ngaba ukulungele ukufuduka niye kunceda elinye ibandla?” Ngaphakathi ndandisele ndivumile. Noko ke, ndidlala ndabuza: “Phi? EVanuatu? EFiji? Xa uWill waphendulayo wathi “eMorwell, ndadanduluka ndathi, kodwa kulapha ecaleni kwendlu nje!” Sobabini sahleka yaye ngoko nangoko savuma ukufudukela kwelo bandla siye kuba ngoovulindlela.

Iminyaka emithathu eyalandelayo siseMorwell sayivuyela yaye umsebenzi wokushumayela wawunemveliso. Sachazelwa enye into esasingayilindelanga. Safumana isimemo esisuka kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseOstreliya sokuba sibe ngoovulindlela abakhethekileyo. Sasabelwe phi? E-East Timor, ilizwe elincinane elingasekupheleni kwempuma yeIndonesia, ichwebakazi elineziqithi ezininzi. b Amehlo am ethe gwantyi iinyembezi, ndambulela uYehova ngokuphendula yonke imithandazo yam. Akazange nje kuphela andivumele ukuba ndikhonze kunye nabantu bakhe, kodwa ngoku mna nomyeni wam sasiza kuya kushumayela kwilizwe lasemzini.

Ukushumayela Phesheya

NgoJulayi 2003 sagaleleka eDili kwikomkhulu. Ibandla laseDili—ekuphela kwebandla kwelo lizwe—linoovulindlela abakhethekileyo abasuka eOstreliya abali-13 namaNgqina ambalwa asekuhlaleni. Abazalwana noodade baseTimor bazimpula zikaLujaca; uninzi lwabo lwaphulukana nezinto namalungu eentsapho zabo kwimfazwe yamakhaya eyathabatha iminyaka engama-24 neyaphela ngowe-1999. Kwakhona abaninzi baye banyamezela inkcaso ekrakra yeentsapho zabo ngenxa yokuba bengamaKristu. Noko ke, phezu kwayo nje lo nkcaso nobuhlwempu, bazizityebi ngokomoya yaye bonwabile.—ISityhilelo 2:8, 9.

Siye safumanisa ukuba abantu abaninzi baseTimor bayamoyika uThixo yaye bayayihlonela iBhayibhile. Kungekudala saba nezifundo zeBhayibhile ezininzi ezinye sasingakwazi nokuziqhuba. Ekuhambeni kwexesha, abanye kwizifundo zethu zokuqala babengabazalwana noodade ababhaptiziweyo. Ukubabona besenza inkqubela ngokomoya kwasivuyisa.

Ngowama-2006 eDili kwaphinda kwabakho iingxwabangxwaba. Ingxaki yobuhlanga yabangela imfazwe. Amakhaya amaninzi ayephangwa okanye atshiswe yaye amaNgqina asekuhlaleni abalekela kwizindlu zoovulindlela abathe ngxi. Indlu yethu neyadi yatshintshwa yaba yinkampu yeembacu yokwexeshana yaye ngesinye isihlandlo sasihlala nabantu abakufuphi ekhulwini. Indawo enkulu ekuhlala kuyo imoto yaba likhitshi, igumbi lokutyela yaye okwexeshana yayisiba yiHolo yoBukumkani.

Nangona izithonga zompu neziqhushumbisi zazisitsho kufuphi, ikhaya lethu loovulindlela laliseluxolweni. Sonke sasivakalelwa ukuba uYehova uyasikhusela. Suku ngalunye sasiluqalisa ngokuqwalasela itekisi yosuku. Iintlanganiso sasiziqhuba. Kwakhona sasiqhuba nezifundo zeBhayibhile nabantu abanomdla.

Njengokuba iiveki zaziqengqeleka, kwacaca ukuba kwakuza kuba yingozi ngabazalwana abazalelwe kwimpuma yeli lizwe ukuba bahlale eDili. Ngoko ke abazalwana bagqiba ekubeni kubekho elinye iqela elitsha eBaucau, isixeko sesibini ngobukhulu, yaye kuziiyure ezintathu ukusuka eDili ukuya kuso. Ngenxa yaloo nto mna noWill safumana isabelo esitsha.

NgoJulayi 2006 sagaleleka eBaucau, phantse iminyaka emithathu kusuku emva kokuba safika e-East Timor. Iqela lethu elitsha lalinoovulindlela abakhethekileyo abane namaNgqina amathandathu aseTimor. Nakuba abazalwana noodade basekuhlaleni bashiya zonke izinto zabo eDili kodwa basoloko bencumile. Sibothulel’ umnqwazi ngokunyaniseka nangomoya wabo wokuzincama.

Mna noWill siseseBaucau nangoku. Siyasithanda isabelo sethu yaye sisijonga njengentsikelelo evela kuYehova. Xa ndikhangela emva, ndiyabona ukuba uMakhulu wayenyanisile. UYehova akakhange asilele ekundinyamekeleni kuyo yonke le minyaka idluleyo. Ndimbulela ngalo lonke ixesha ngelungelo andinike lona lokumkhonza kunye nabantu bakhe. Kwakhona ndijonge phambili ngolangazelelo ekuboneni uMakhulu eluvukweni. Ngoko ke, ndiyambulela ngokundivulela umnyango okhokelela kulonwabo lokwenene nobomi obunomvuzo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

b Ibizwa ngokuba yiEast Timor ngabantu abathetha isiNgesi, kwakhona ikwabizwa ngokuba yiTimor-Leste.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Ndikunye noMakhulu

[Umfanekiso okwiphepha 28, 29]

Ndikunye nomyeni wam uWill