Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ngokwenene Baphila Ixesha Elide Kangako

Ngaba Ngokwenene Baphila Ixesha Elide Kangako

Ngaba Ngokwenene Baphila Ixesha Elide Kangako

Ngokutsho kweBhayibhile, uAdam waphila iminyaka engama-930, uSete iminyaka engama-912 waza uMethusela waphila iminyaka engama-969—ngaphantsi kwewaka ngeminyaka engama-31! (Genesis 5:5, 8, 27) Ngaba iminyaka yabo yayibalwa njengeminyaka yethu, okanye ngaba eyabo yayimifutshane, okanye mhlawumbi ilingana neenyanga zethu njengokuba abanye besitsho?

Ubugqina obuseBhayibhileni bubonisa ukuba le yayiyiminyaka elingana twatse neyethu. Khawuphawule oku: Ukuba le minyaka yayilingana neenyanga zethu, kucacile ukuba la madoda aba nabantwana ngaphambi kwexesha: UKenan ngaphambi kweminyaka emithandathu ubudala, uMahalaleli noEnoki ngaphambi kokuba babe neminyaka emihlanu ubudala.—Genesis 5:12, 15, 21.

Ngaphezu koko, abantu bamandulo babesebenzisa iintsuku, iinyanga neminyaka. (Genesis 1:14-16; 8:13) Enyanisweni, ubalo-maxesha lukaNowa lusinceda sibone ubude benyanga. Xa sithelekisa iGenesis 7:11, 24 neGenesis 8:3, 4 ezi zibhalo zibonisa ukuba kwakuziinyanga ezintlanu, ukususela kusuku lwe-17 lwenyanga yesibini ukusa kusuku lwe-17 lwenyanga yesixhenxe, nto leyo elingana neentsuku ezili-150. Ngoko ke, uNowa wabala inyanga ngeentsuku ezingama-30 yaye xa zili-12 zenza unyaka.—Genesis 8:5-13. a

Kodwa kwenzeka njani ukuba abantu baphile iminyaka engama-900 nangaphezulu? IBhayibhile isixelela ukuba uThixo wadala ukuba abantu baphile ngonaphakade yaye isono sika-Adam sasizisela ukungafezeki nokufa. (Genesis 2:17; 3:17-19; Roma 5:12) Abo babephila ngaphambi koMkhukula babesondele kwimfezeko kunanamhlanje yaye esi sesona sizathu sokuba baphile ubomi obude ngolo hlobo. Ngokomzekelo uMethusela, wayesisizukulwana sesixhenxe ukusuka kuAdam.—Luka 3:37, 38.

Noko ke, kungekudala, uYehova uThixo uza kuphelisa isono sika-Adam kubo bonke ababonakalisa ukholo kwigazi loNyana wakhe uYesu Kristu. “Kuba umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa, kodwa isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.” (Roma 6:23) Ewe, kungentsuku zatywala, ubudala bukaMethusela beminyaka engama-969 buza kukhangeleka bubufutshane kakhulu!

[Umbhalo osemazantsi]

a Funda i-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 1214, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Igrafu ekwiphepha 30]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

1000

UMethusela

UAdam

USete

900

 

 

 

800

 

 

 

700

 

 

 

600

 

 

 

500

 

 

 

400

 

 

 

300

 

 

 

200

 

 

 

100

Umlinganiselo weminyaka yomntu namhlanje