Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba “Ukulunga” Kuphela Kwento Ebalulekileyo?

Ngaba “Ukulunga” Kuphela Kwento Ebalulekileyo?

Imbono YeBhayibhile

Ngaba “Ukulunga” Kuphela Kwento Ebalulekileyo?

IBHINQA eliselula, uAllison, uthi: “Ndiphila ngendlela efanelekileyo yaye ndizama ngako konke okusemandleni am ukuba ndibe ngumntu olungileyo.” Abantu abajonga ubomi njengoAllison bacinga ukuba le yeyona nto uThixo ayifunayo.

Abanye bavakalelwa kukuba naxa besenza isono esinzulu, uThixo akanamsebenzi naloo nto, ukuba nje ubukhulu becala kubomi babo benza okulungileyo. Bakholelwa kwelokuba uThixo uyaxolela kunokuba engumgwebi.

Phofu, ukuchaza igama elithi “ukuba ngolungileyo” kuyahluka kubantu ngabantu. Ithini yona iBhayibhile? Yintoni esifanele siyenze ukuze sikholise uThixo? Kuthetha ukuthini ukuba ngolungileyo emehlweni kaThixo?

Ukwamkela Ukhokelo LoMdali Wethu

NjengoMdali wethu, uYehova uThixo unelungelo lokusiyalela indlela esimele siziphathe ngayo. (ISityhilelo 4:11) EBhayibhileni, uThixo ubeke imithetho nemilinganiselo yokusikhokela kwindlela esimele sihambe ngayo nesimele simnqule ngayo. UThixo wathi kubantu bakhe: “Thobelani ilizwi lam, nenze ngokuvumelana nako konke endiniyalela kona; yaye ngokuqinisekileyo niya kuba ngabantu bam nam ndibe nguThixo wenu.”—Yeremiya 11:4.

Ngoko ke, ukulunga ngokwembono kaThixo kuthetha ukufunda ngemilinganiselo yakhe size senze iinguqulelo ebomini bethu. Masithi ubufuna ukuba ngumhlobo womntu othile. Ngokuzenzekelayo ubuya kufuna ukwazi indlela afuna ukuphathwa ngayo loo mntu uze wenze izinto eziya kumkholisa. IBhayibhile ibonisa ukuba, njengoAbraham, sinako ukuba ngabahlobo bakaYehova—oko kukuthi, akholiswe sithi. (Yakobi 2:23) Ngaphezu koko, ngenxa yokuba uThixo enemilinganiselo ephakamileyo kunathi, asinakulindela ukuba atshintshe imilinganiselo yakhe ukuze kulungelwe thina.—Isaya 55:8, 9.

Ukubaluleka Kokuthobela

Ngaba uThixo akayi kukholiswa sithi xa sigatya imiyalelo yakhe “emincinane”? Abanye bacinga ukuba ukuthobela imithetho “imincinane” akubalulekanga kangako. Noko ke, awukho umthetho obekwe nguThixo ongabululekanga. Phawula ukuba eyoku-1 kaYohane 5:3 ayenzi mahluko kule mithetho xa isithi: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.” Xa sisenza konke okusemandleni ethu ukuze sithobele imithetho kaThixo, sibonisa ukuba simthanda ngokungazingci.—Mateyu 22:37.

UYehova akalindelanga imfezeko kuthi. Ukuba siyazisola kwizono zethu size sizame ukungaziphindi, uya kusixolela. (INdumiso 103:12-14; IZenzo 3:19) Kodwa ngaba ikho eminye imithetho esinokuyibetha ngoyaba, sicinga ukuba oku kuya kuthethelelwa kukuthobela kwethu eminye imithetho? IBhayibhile inomzekelo obonisa ukuba asinako.

UKumkani uSawule wakhetha ukuthobela uThixo kwimibandela ethile. Xa wayesilwa nama-Amaleki, wayalelwa ukuba angayigcini imfuyo yawo. Wayemele ‘awabulale.’ Nakuba wayithobela eminye imiyalelo, uSawule akazange athobele yaye wagcina “ezona zinto zilungileyo emhlambini wezimvu nasemhlambini weenkomo.” Kwakutheni ukuze enze oku? USawule nabanye abantu babezifunela kule mihlambi.—1 Samuweli 15:2-9.

Xa umprofeti uSamuweli wabuza uSawule isizathu sokuvukela kwakhe umyalelo kaThixo, uSawule wema ngomlenz’ omnye esithi, umthobela uThixo. Wachaza uludwe lwezinto yena nabantu abazenzayo, kuquka nemibingelelo ayinikele kuThixo. Kodwa uSamuweli wabuza oku: “Ngaba uYehova lo uyoliswa yiminikelo etshiswayo nemibingelelo na njengoko kunjalo ngokuthotyelwa kwelizwi likaYehova? Khangela! Ukuthobela kulunge ngakumbi kunombingelelo, ukunikela ingqalelo kunamanqatha eenkunzi zeegusha.” (1 Samuweli 15:17-22) Ngoko ke, ukuthobela akuthatyathelw’ indawo yimibingelelo okanye eminye imisebenzi elungileyo.

Imilinganiselo KaThixo—Imbonakaliso Yothando Lwakhe

Ngothando, uYehova akalindelanga ukuba siyiqashele indlela yokumkholisa. EBhayibhileni usinika imilinganiselo ecacileyo, ngokungathi uthi: “Nantsi indlela, hambani ngayo.” (Isaya 30:21) Xa silandela ukhokelo lwakhe, siyakuphepha ukuxinezeleka okwenziwa kukukhetha eyona ndlela yokuziphatha ngokweembono zabantu. Sinokuqiniseka ukuba indlela uThixo asikhokela ngayo iyinzuzo kuba ‘usifundisa okuyingenelo kuthi.’—Isaya 48:17, 18.

Yintoni ingozi ngokuzikhethela oko “kulungileyo”? Siye sazuz’ ilifa lotyekelo lokuzingca. Iintliziyo zethu zinokusikhohlisa. (Yeremiya 17:9) Sinokuyijongela phantsi imbopheleleko uThixo asinika yona, sicinga ukuba inzima okanye ayikho ngqiqweni.

Ngokomzekelo, abantu ababini abangatshatanga basenokukhetha ukuba neentlobano zesini, becinga ukuba ukungabandakanyeki kwabanye abantu kwenza esi senzo sibe ngumbandela wobuqu. Basenokwazi ukuba izenzo zabo ziyangqubana nemilinganiselo yeBhayibhile, kodwa kuba nje kungekho “mntu wenzakalayo,” uThixo akakwaleli oku. Iminqweno yabo isenokwenza bangaboni ukubaluleka nemiphumo yezenzo zabo. IBhayibhile ilumkisa isithi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, kodwa emva koko ziindlela zokufa.”—IMizekeliso 14:12.

Yonke imithetho kaYehova ibonisa uthando ngoluntu nomnqweno wakhe wokuba singenzakali. Ukugatya imilinganiselo kaThixo yokuziphatha ngokwesini akukhange kuzise ulonwabo nempumelelo ebomini. Kubantu abaninzi, kuye kwenza ubomi babo banguqulukubhode. Kwelinye icala, ukulandela imithetho kaThixo kuyasinceda kwimizamo yethu yokuphila ubomi obulungileyo, kaloku ngokwenza oko, sinokuzikhusela thina nabanye.—INdumiso 19:7-11.

Ukuba unyanisekile kumnqweno wakho wokuba ngumntu olungileyo ngokwembono kaThixo, umele wenze umzamo wokulandela ulwalathiso lwakhe. Uya kuzibonela ngokwakho ukuba “ayinzima imiyalelo [kaYehova].”—1 Yohane 5:3.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

◼ Kutheni simele siphulaphule ulwalathiso loMdali wethu?—ISityhilelo 4:11.

◼ Ngaba sifanele sithobele yonke imithetho kaThixo?—1 Yohane 5:3.

◼ Kutheni kungengobulumko ukukhetha eyethu imilinganiselo yokuziphatha?—IMizekeliso 14:12; Yeremiya 17:9.

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Ngaba unembono kaThixo yokuziphatha?