Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

Ibambela likaNobhala weZothutho eMerika, uMaria Cino uthe: “Ukusela uze uqhube lolona lwaphulo-mthetho lubulala abantu eMerika.” Kubo bonke abafe kwiingozi zaseUnited States ngowama-2005, ezingama-39 ekhulwini kwezo ngozi zinxulumene notywala.—ISEBE LEZOTHUTHO LASEUNITED STATES.

“Ngaphezu kwamasuntswana enkunkuma angama-18 000 andanda ngaphezu kolwandle kwiskwekhilomitha ngasinye.”—UNITED NATIONS ENVIRONMENT PROGRAMME.

“Abasebenzi baseUnited States bachitha malunga neeyure ezizigidi ezingama-500 ngonyaka bedlala imidlalo yekhompyutha emsebenzini yaye oku kuchitha amawaka ezigidi ezilishumi zedola [ii-R71 zamawaka ezigidi].” “Ixesha elichithwa kwi-Internet ngexesha lomsebenzi” aliqukwanga apha.—MANAGEMENT-ISSUES WEB SITE.

Ubundlobongela Ebantwaneni

IWorld Health Organization ithi: “Kubantwana abaninzi ubundlobongela bubomi bemihla ngemihla.” Ngokutsho kwengxelo yakutshanje kanobhala-jikelele weZizwe Ezimanyeneyo, “phantse abantwana abangama-53 000 baye bagetyengwa ehlabathini lonke ngowama-2002.” Ukongezelela, izigidi zabantwana ziyaxhatshazwa, zenziswa umsebenzi onzima, zenziwa oonongogo okanye kuboniswe ngazo kwimifanekiso engamanyala. Ngaba ubungendawo obunjalo buya kuze buphele? Ingxelo kasosiba-jikelele ithi: “Ukukhuselwa kwabantwana emakhayeni abo kuquka ukufundiswa nokunyanyekelwa ngabazali, ukwakha ulwalamano olusondeleyo phakathi kwabazali nabantwana nokuqeqesha abantwana ngaphandle kobundlobongela.”

Abahlobo Abalungileyo Bongeza Iminyaka Yobomi!

IJournal of Epidemiology and Community Health ithi, ukuba nabahlobo abalungileyo kunokuyongeza iminyaka yobomi bakho. EOstreliya kuye kwenziwa uhlolisiso oluthabathe iminyaka eli-10 kubantu abali-1 500 abaneminyaka engama-70 ubudala nangaphezulu, ngenjongo yokubona indlela ulwalamano lwabo nabanye abantu oluye lwachaphazela ngayo ubude bobomi babo. Abantu abanabahlobo abasenyongweni bafa ngomlinganiselo ongaphantsi ngama-22 ekhulwini kunabo banabahlobo abambalwa. Ukuba nabahlobo kwabantu abadala kuye kwanciphisa “uxinezeleko, ukungazithembi, kwabanceda bakwazi ukujamelana neengxaki, bakwazi nokulawula ubomi babo.”

Abemi BaseBritani Basematyaleni

IThe Daily Telegraph yaseLondon ithi: “Ngaphezu komntu omnye kwabathathu abadala baxhomekeke kwimali abayibolekwa yibhanki, kuba kwiiakhawunti zabo akukho nepeni emdaka.” Imali ebolekwa ebhankini ibifanele isetyenziselwa amaxesha kaxakeka. Kodwa kubemi baseBritani abazizigidi ezithathu ezinesiqingatha, le mali “yeyokufa nokuphila.” UKeith Tondeur, oyintloko kumbutho ocel’ amalizo, iCredit Action, ugxeka “isithethe esigqugqisileyo sokufumana yonk’ into umntu ayifunayo.” Lo kaTondeur ulumkisa ngelithi: “Uninzi lwethu luphila ngaphaya kweepokotho zethu ibe ngenxa yokuba uninzi lwethu lungazi nowathwethwa ngemali, asiqondi ukuba sizitshonisa kangakanani na ematyaleni.”

Iinqwelo-moya Ezihamba Ebusuku Nokufudumala Komhlaba

Ngokutsho kweScientific American, umphunga oshiywa ziinqwelo-moya esibhakabhakeni uchaphazela ukufudumala kwemeko-bume. Ebudeni bemini lo mphunga ubethwa kukukhanya kwelanga nto leyo epholisa imeko-bume. Ebusuku lo mphunga ugcina ubushushu. Abaphandi baseBritani bafumanise ukuba “ukuhamba kweenqwelo-moya phakathi kwentsimbi ye-6 matshona ukusa kwintsimbi ye-6 kusasa kufak’ isandla ekufudumaleni komhlaba kangangama-60 ukusa kuma-80 ekhulwini, nakuba zimalunga nekota iinqwelo-moya ezihamba ngelo xesha.”